Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Udaba LwabaLindi BamaRoma

    Xa umkhosi wezithunywa zezulu wawusimka enchwabeni nobuqaqauli bemka, abalindi bamaRoma bazama ukuziphakamisa iintloko zabo babheka-bheka macala onke kubo. Babezaliswe lukhwankqiso bakuba bebona ukuba ilitye elikhulu lisusiwe emnyango wenchwaba nokuba umzimbha kaYesu awukho. Bakhauleza baya emzini ukuya kuxela kubabingeleli na-madoda amakhulu oko bakubonileyo. Bakuba aabo babulali bephulaphula oludaba lungummangaliso, bazaliswa kukumatsheka ebusweni babo bonke. Bazaliswa kukoyika yingcamango yoko bakwenzileyo. Ukuba obu bunqhina babuyinyaniso, babe lahlekile. Bahlala ithutyana bethe cwaka, bakhangelana ebusweni, bengakwazi abangakwenzayo, nabangakuthethayo. Ukulwamkela udaba kwakuya kuba kukuzigweba ngokwabo. Bathi gu-bucala ukuba bacebisane ukuba kungenziwa ntoni na. Babonisana besithi ukuba oludaba luziswe ngabalindi lukhe lwasasazeka phakathi kwabantu, aabo bambuleleyo uKristu baya kubulawa njengababulali bakhe.IL 210.2

    Kugqitywe ukuba amasoldathi, mawathengwe ukuba angathethi ngayo lento. Ababingeleli namadoda amakhulu abanika imali eninzi, besithi, “Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.” Mateyu 28: 13. Bathi abalindi bakubuza ukuba kuya kuthiwa ni na ngokulala kwabo emsebenzini, abaphathi bamaJuda babathembhisa ngokumcenga uruluneli babafumanele ukhuselo. Ngenxa yemali abalindi bamaRoma bakuthengisa ukuhloneleka kwabo bavuma ukulandela icebiso lababingeleli namadoda amakhulu.IL 211.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents