Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Se Kusemva Kakhulu! Se Kusemva Kakhulu!

    Ndabona ke uYesu ezikhulula iingubo zakhe zobubingeleli enxiba ezona ngubo zakhe zobukumkani. Phezu kwentloko yakhe kwa kukho izitsaba ezininzi, isitsaba phakathi kwesinye isitsaba. Uthe ephahlwe ngumkhosi wezulu, walishiya izulu. Izibetho zazisiwa phezu kwabemi bomhlaba. Abanye babemnyelisa uThixo bemqalekisa. Abanye babalekela kubantu bakaThixo bacela ukuba bafundiswe indlela abangazisaaba ngayo izigwebo zakhe. Kodwa abangcwele babenge nakubenzela nto. Iinyembhezi zokugqibela babeziphalazile, umthandazo wokugqibela obuhlungu wenziwe, umthwalo wokugqibela uthwelwe, nesiyalo sokugqibela sinikiwe. Izwi elimnandi lenceba lalingasayi kuphinda libameme. Xa abangcwele, nalo lonke izulu, lalilunandiphele usindiso lwabo, babenge nalunandipho bona. Ubomi nokufa kwakubekwe phambhi kwabo. Baninzi aabalangazelela ubomi, kodwa abenza mizamo yakubufumana. Ababunyulanga ubomi, ngoku ke kwa kungekho gazi licamagushelayo lokuhlambhulula abanetyala, kungekho mSindisi unemfesane wokubabongozela acenge esithi, “Kha wenze kuhle, kha umphe ithutyana loo mooni.” Izulu lonke lalimanyene noYesu, xa laliweva lamazwi oyikekayo athi, “Kwenzekile. Kugqityiwe.” Icebo losindiso laliphunyeziwe, kodwa babe mbalwa abanyule ukulwamkela. Kwaza kwathi lakuba izwi elimnandi lenceba lisiya kutshonela, uloyiko nokududuzela kwabangenela abakhohlakeleyo. Ngokucace ngendlela eyoyikekayo baweva amazwi athi, “Se kusemva kakhulu! se kusemva kakhulu!”IL 363.1

    Aabo babe ngalixabisanga iliZwi likaThixo babekhauleza bebheka ngapha nangapha, bebhadula besuka kolulwandle besiya koluya, besuka nasentla besiya empumalanga, befuna iliZwi likaThixo. Sathi isithunywa, “Abasayi kulifumana. Kukho indlala emhlabeni; ingeyiyo indlala yesonka, na kunxanwa kokunxanela amanzi, kodwa olo lokufuna ukuva amazwi eNkosi. Yintoni na ababengeze banikela ngayo ngenxa yelizwi nje elinye lokukholiseka elivela kuThixo! kodwa hayi, ma balambhe banxanwe njalo. Imihla ngemihla baludela usindiso, baxabisa ubutyebi behlabathi neziyolo zehlabathi ngaphezu kwabo nabuphina ubutyebi basezulwini okanye isicengo. Bamcekisile uKristu babadela abangcwele bakhe. Onyhuku-nyhuku ma kasel’ ehlala enyhuku-nyhuku ngonaphakade.”IL 364.1

    Abaninzi babakhohlakeleyo baba nomsindo kakhulu bakuba bethuthunjiswa ziziqhamo zezibetho. Wawungumbono wentlungu eyoyikekayo. Abazali babe bangcikiya ngokukrakra abantwana babo, nabantwana bengcikiva abazali babo, abazalwana oodade wabo, noodade abanakwabo. Izijwili zezikhalo ezikhulu, zazivakala macala onke, ezithi, “Nguwe lo wandithintelayo ukuba ndingayamkeli lenyaniso enge yandisindisa kwelilixa loyikeka kangaka.” Abantu babajikela abafundisi babo benentiyo ekrakra babangcikiva, besithi, “Anisiyalanga. Nasixelela ukuba lonke ihlabathi liza kuguquka, nadanduluka nisithi, Uxolo, uxolo, ukuthulisa konke ukoyika okwakufika. Anisixelelanga ngaleyure; naza nathi aabo basiyalayo ngayo nababalela ukuba bangamageza enkolo nabantu abakhohlakeleyo, abaza kusitshabalalisa.” Kodwa ndabona ukuba abafundisi abawusabanga umsindo kaThixo. Ukuthuthunjelwa kwabo kwakuphindwe kalishumi koko kwabantu babo.IL 364.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents