Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isohlwayo Esinzima

    UYehova wayeza kuyisusa lengcamango ngona-phakade ezingqondweni zabo, ngokumalela uMoses ukuba angene eliZweni leDinga. UYehova waye mphakamise kakhulu uMoses. Wayetyhile kuye ubuqaqauli bakhe obukhulu. Wayemthabathele ekusondeleni okungcwele kuye entabeni wazithoba ukuba athethe naye ngokomntu ethetha nomhlobo. Wayethethe noMoses, wathetha nabantu ngaye, intando yakhe, nemimiselo, nemithetho yakhe. Oku kuphakanyiswa ngoluhlobo nokubekwa kwakhe nguThixo kwasenza isiphoso sakhe sasikhulu ngokungaphezulu. UMoses waguquka esoonweni sakhe wazithoba kakhulu phambhi ko- Thixo. Wakuvakalisa kooSirayeli bonke ukuba lusizi kwakhe ngenxa yesoono sakhe. Isiqhamo sesoono sakhe akasifihlanga, kodwa wabaxelela ukuba ngenxa yokusilela ngalendlela ukunika uzuko kuYehova, wayengenako ukubangenisa eliZweni leDinga. Wababuza ke ukuba, xa esi siphoso singakuye sisikhulu ngangokuba sohlwaywe ngalendlela nguYehova, uyakuzikhangela njani na uYehova izikrokro eziphinda-phindiweyo zokumbeka ityala yena (Moses) ngezohlwayo ezingaqhelekanga zikaYehova ngenxa yezoono zabo.IL 147.2

    Ngaso esi sihlandlo sinye, uMoses wayevumele ukuba uluvo luhlale lokuba nguye obakhuphele amanzi engxondoreni, ekubeni ngewayenze likhulu igama likaYehova phakathi kwabantu bakhe. UYehova ngoku wayeza kuwufeza lomcimbhi nabantu bakhe, wokuba uMoses waye ngumntu nje, olandela ululeko nemiyalelo yalowo unamandla kunaye, ewe uNyana kaThixo ngokwakhe. Wayengaz’ ukubashiya besekuthandabuzeni ngale ndawo. Apho kunikwe okukhulu, kulindelwe okukhulu. UMoses wayexatyiswe ngokukhulu ngeembhonakalo ezizodwa zobungangamsha bukaThixo. Ukukhanya nobuqaqauli bukaThixo bababelwe kuye ngokutyebileyo kakhulu. Ubuso bakhe babubonakalalise ebantwini obo buqaqauli uYehova awabuvumela ukuba bukhanye phezu kwakhe. Bonke baya kugwetywa ngomlinganiselo wamalungelo ababe nawo, nangokukhanya neentsikelelo abazinikiweyo.IL 148.1

    Izoono zamalungisa, aamzekelo wawo jikelele ufanelwe kukulandelwa, zimhlungisa ngokukodwa uThixo. Zimbanga uSatana ukuba aqhayise, azicunukise izithunywa zezulu ngokusilela kwezixhobo zikaThixo ezinyuliweyo, zinike abangendawo ithuba lokuziphakamisa bachase uThixo. UYehova wayemkhokele ngokwakhe uMoses ngendlela eyodwa, watyhila kuye ubuqaqauli bakhe, ngendlela angazange abutyhile ngayo komnye apha emhlabeni. Ngemveli waye ngakwazi ukunyamezela, kodwa waye lubambhe ngamandla ubabalo lukaThixo wacela ngokuthobekileyo ubulumko obuvela ezulwini ngangokuba omelezwe ngokuvela ezulwini wakoyisa ukunxhama kwakhe ngangokuba abizwe nguThixo ukuba ululame ngaphezu kwabantu bonke abaphezu komhlaba wonke.IL 148.2

    UAron wafela eNtabeni yeHore, kuba uYehova wayethe akayi kungena eliZweni leDinga, ngenxa yokuba, kunye noMoses, woona ngexesha lokukhutshwa kwamanzi eliweni eMeriba. UMoses noonyana bakaAron bamnchwaba khona apho entabeni, ukuze abantu bangahendeki ukuba benze inkonzo enkulu kakhulu phezu kwesidumbhu sakhe, babe netyala lesoono sonqulo lwezithixo.IL 149.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents