Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 63—Iminyaka Eliwaka

    INGQALELO yam kwakhona yatsalelwa emhlabeni. Abakhohlakeleyo babetshatyalalisiwe, nezidumbhu zabo zithe gangalala phezu kobuso bomhlaba. Umsindo kaThixo kwizibetho ezisixhenxe zokugqibela wawuthululelwe phezu kwabemi bomblaba, wababanga ukuba bazilume iilwimi zabo ngenxa yeentlungu bamqalekise noThixo. Abalusi ababuxoki babe ngabona utsazele kubo ngokukodwa umsindo kaYehova. Amehlo abo ayedlekile emakrolomeni awo, neelwimi zabo zidlekile emilonyeni yabo, bemi ngeenyawo zabo. Emva kokuba abangcwele bekhuiulwe lizwi likaThixo, isihlwele sabangendawo sajikelana ngomsindo. Umhlaba waba ngathi ufikelwe ngunogumbhe wegazi, nezidumbhu zaqalela kwelinye icala lawo zesa kwelinye.IL 372.2

    Umhlaba wafana nentlango engumqwebedu. Izixeko neelali, ezazizanya-zanyiswe yinyikima, zaba zimfumbha. Iintaba zazi shenxisiwe ezindaweni zazo kwasala imiwonyo emikhulu. Amawa arabaxa, akhutshwa lulwandle, okanye akrazuka emhlabeni ngokwawo, asasazeka phezu komhlaba wonke. Imithi emikhulu yayidonyulwe neengcambhu yaphoswa phezu komhlaba. Laliza kuba lapha ke ikhaya likaSatana kunye nezithunywa zakhe iminyaka eliwaka. Uya kuvalelwa apha, ukuba azule enyuka esihla phezu kobuso bomhlaba owonakeleyo abone iziqhamo zokuwuvukela kwakhe umthetho kaThixo. Ithuba leminyaka eliwaka uya kuba nako ukuxhamla iziqhamo zesiqalekiso awasibangayo.IL 373.1

    Emiselwe umda apha kulomhlaba kuphela, akayi kuba nalo ilungelo lokuya kwamanye amazwe, aye kuhenda akhathaze aabo bangazange bawe. Ngalo elithuba uSatana ubandezeleka ngokunamandla. Ukususela ekuweni kwakhe imikhwa yakhe ekhohlakeleyo yaba soloko isebenza. Kodwa ngoku uya kuphangwa amandla akhe ashiywe ukuba akhe acamngce ngecala alisebenzileyo ukususela ekuweni kwakhe, aze akhangele phambhili ngokuthuthumela nangokoyika kwikamva eloyikekayo, xa eya kohlwaywa ngenxa yayo yonke inkohlakalo ayenzileyo ohlwaywe ngenxa yazo zonke izoono azibange ukuba zenziwe.IL 373.2

    Ndeva iindanduluko zoloyiso ziphuma kwizithunywa nakwabasindisiweyo ezaba ngathi zezezinto ezikhalayo zengoma ezingamawaka-waka, kuba babe ngasayi kuba sakhathazwa balingwe kwakhona nguSatan nangenxa yokuba abemi bamanye amazwe behlangulwe bona ebukhweni bakhe nasezihendweni zakhe.IL 373.3

    Ndaza ndabona iitrone, uYesu nabasindisiweyo behleli phezu kwazo; baza abangcwele baba ngookumkani nababingeleli bakaThixo. UKristu, kunye nabantu bakhe, bagweba abakhohlakeleyo abafileyo, bethelekisa izenzo zabo neNcwadi yomThetho, iliZwi likaThixo, bewugqiba umcimbhi ngamnye ngokwezenzo ezenziwe ngomzimbha. Baza balinganisela kwabangendawo isabelo sesohlwayo sabo, ngokwemisebenzi yabo, sabhalwa ecaleni kwamagama abo encwadini yo- kufa. USatana naye kunye nezithunywa zakhe bagwetywa nguYesu nabangcwele bakhe. Isohlwayo sikaSatana sazidlula ngokukhulu zonke ezo zaabo waye bakhohlisile. Ukuthuthunjiswa kwakhe kwakuza kukudlula okwabanye bonke ngangokuba kungabi nakuthelekiswa nako. Emva kokuba bonke aabo waye ba-khohlisile betshabalele, uSatana waye saza kuphila abandezeleke ngokungaphezulu.IL 373.4

    Emva kokuba kugqityiwe ukugwetywa kwabangendawo, ekupheleni kweminyaka eliwaka, uYesu waphuma esixekweni, baza abangcwele kunye nokrozo lomkhosi wezithunywa zezulu bamlandela. UYesu wehlela phezu kwentaba enkulu, eyathi, nje ukuba iinyawo zakhe ziyichukumise, yacandeka phakathi yaba sisihlambho esikhulu. Sakhangela phezulu ke sawubona umzi omkhulu omhle, uneziseko ezilishumi elinazibini namasango alishumi elinamabini, emathathu kwicala ngalinye, kukho isithunywa sezulu kwisango ngalinye. Sadanduluka sisithi, “Umzi! umzi omkhulu! Uyeza uhla uvela kuThixo ezulwini!” Wehla ke unabo bonke ubuhle bawo nobuqaqauli bawo obubengezelayo, wazinza kweso sihlambo sikhulu uYesu awaye silungisele wona.IL 375.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents