Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imfazwe Ezulwini

    Esona soono sikhulu kukuvukela ulaulo lukaThixo. Izulu lonke labangathi lidubekile. Izithunywa zahlanganiswa zenziwa amaqela, iqela ngalinye lanesithunywa esiphakamileyo esiphetheyo. USatana wayesilwa nomthetho kaThixo, kuba enebhongo lokuziphakamisa engavumi ukuthobela igunya loNyana kaThixo umphathi omkhulu wezulu.IL 15.1

    Wonke umkhosi wezulu wabizwa ukuba uze phambhi koYise, ukuze umcimbhi wazo ngazinye ugqitywe. USatana ngaphandle kweentloni wakuvakalisa ukunganeliseki kwakhe kukuba uKristu abekwe ngaphezu kwakhe. Wesuka wema ngoqhankqalazo wazinga ukuba umelwe kukulingana noThixo abekho elucebaneni noYise azazi iinjongo zakhe. UThixo wamxelela uSatana, ukuba kukuNyana wakhe kuphela aya kuzityhila iinjongo zakhe eziyimfihlelo emisele ngako oko ukuba lonke usapho lwasezulwini, noSatana ngokwakhe, ukuba lumnike intobelo epheleleyo engenambuzo; kodwa ke yena (Satana) uzibonise ukuba akafanelwanga yindawo ezulwini. USatana ke walatha ngokuqhayisa kubavelani naye, ababe malu- nga nesiqingatha sazo zonke izithunywa zezulu, wadanduluka esithi, “Ezi zikunye nam! Uya kuzigxotha ezi nazo wenze inyanya engaka ezulwini?” Walandelisa ke ngokuvakalisa ukuba ulungele ukulichasa igunya likaKristu ayikhusele indawo yakhe ezulwini ngezigalo, amandla ngamandla.IL 15.2

    Izithunywa zikaThixo zalila zakuweva lamazwi kaSatana nokukugwagwisa kwakhe. UThixo wayalela ukuba ezinovukelo zingabi sahlala ezulwini. Isimo sazo esiphakamileyo nesokonwaba sasixhomekeke phezu kokuthobela umthetho uThixo awumisele ukuba ulaule udidi oluphakamileyo lwezidalwa. Kodwa ke kwakungeko msindleko wenziweyo wokusindisa ezo zingathi zibe nobuganga bokuwaphula umthetho wakhe. USatana waba nesibindi eluvukelweni lwakhe, wakuvakalisa ukuwudela kwakhe umthetho womDali. Oku akabanga nako ukukunyamezela uSatana. Waathi izithunywa azifanelwe mthetho zimelwe kukuyekwa zilandele intando yazo, eyayiza kusoloko izikhokela kakuhle; wathi umthetho uyayithintela inkululeko yazo; nokuba ukuwuphelisa umthetho kwakuyeyona njongo inkulu yokuma kwakhe ngoluhlobo emi ngalo. Isimo sezithunywa zezulu, wacinga ukuba sifuna ukuhlaziywa. Kwakungenjalo ke engqondweni kaThixo, owayenzayo imithetho wayiphakamisa wayilinganisa naye. Ukonwaba komkhosi wezithunywa zezulu kwakuxhomeke ekuwuthobeleni ngokupheleleyo umthetho. Ngasinye sasi nomsebenzi owodwa esabelwe wona, kwaza kwasoloko kukho ulungelelwano olugqibeleleyo nemvisiswano nokusebenza ezulwini, wada uSatana wabanovukelo.IL 16.1

    Kwabakho imfazwe ke ezulwini. UNyana kaThixo, iTshawe lezulu, nezithunywa zakhe ezithobeleyo zahlangana emfazweni zalwa nomvukeli omkhulu eneezo zithunywa zazimanya naye. UNyana kaThixo nezithunywa ezinyanisekileyo, ezithobeleyo woyisa ; waza uSatana nezivelana naye bagxothwa ezulwini. Wonke umkhosi wezulu wamamkela wamdumisa uThixo wokusesikweni. Akuzange kushiyeke nesuntswana lovukelo ezulwini. Kwaba luxolo nemvisiswano kwakhona njengokwangaphambhili. Izithunywa zasezulwini zakulilela ooko kwehlela ezo ezazi- ngamakholwane azo ekonwabeni naseluyolweni. Lelahleko yazo yavakala ezulwini.IL 16.2

    UYise wacebisana noNyana wakhe mayela nokuyiphumeza kwa oko injongo yabo yokwenza umntu ukuba awume umhlaba. Umntu wayeza kubekwa phantsi kocikido lokuvavanya intobelo yakhe ngaphambhi kokuba abe nokunikwa ukunqaba okungunaphakade. Ukuba uluphumelele ucikido athe uThixo wabona kufanelekile ukuba makamvavanye ngalo, wayeza kuthi emva koko alingane nezithunywa zezulu. Wayeza kubabalwa ngothando lukaThixo, ancokole nezithunywa zezulu, nazo zincokole naye. Akazange abone kulungile ukuba ababeke apho bangenakufikelelwa ngamandla okungeva.

    IL 17.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents