Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Emandleni ePentekoste

    AmaJuda ayechitha-chithwe phakathi kwazo zonke iintlanga, ethetha iilwimi ngeelwimi. Aye hambhe imigama emide ukuza eJerusalem, ahlala khona apho okwexeshana, ukuze alihlale lonke ithuba lezidlo ezingcwele ezaziqhutywa ngoko agcine imimiselo yazo. Xa aye hlanganisene, aye vela kwiilwimi zonke eza- ziwayo. Oku kwahluka-hlukana kweelwimi kwa kusisithintelo esikhulu emsebenzini wabakhonzi bakaThixo ekusasazeni imfundiso kaKristu kulo lonke elimiweyo liphela. Ukuyilungiselela kukaThixo intswelo yabapostile ngendlela engummangaliso kwaba kokhona kuqinisekiswa kugqibeleleyo kobunqhina balamanqhina kaKristu. UMoya oyiNgcwele wabenzela oko babe ngenakuzenzela ebomini babo bonke; ngoku babe nako ukuyisasaza inyaniso yeendaba ezilungileyo kulo lonke, bathethe ngokucacileyo ulwimi lwaabo babasebenzelayo. Esi sipho singummangaliso saba bobona bunqhina buphakamileyo ababa nokububeka ehlabathini bokuba umsebenzi wabo unetywina leZulu.IL 221.3

    “Ke kaloku kwakumi eJerusalem apho amaJuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esisandi, yabuthelana inkitha, yaduba-dubeka, ngokuba bonke ngabanye babeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aaba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?”IL 222.1

    Ababingeleli nabaphathi baqumbha kakhulu ngulombonakaliso ungummangaliso, owaxelwa kulo lonke elaseJerusalem nakwiindawo ezikufuphi, kodwa babe ngacingi ukuyivumela intiyo yabo, ngokoyikela ukuzibeka esichengeni sentiyo yabantu. Babe yibulele iNkosi, kodwa naaba abakhonzi bayo, amadoda angafundanga aseGalili, ecacisa ukuzaliseka kwesiprofeto efundisa imfundiso kaYesu ngazo zonke iilwimi ezazithethwa ngoko. Bathetha ngegunya ngemisebenzi engummangaliso yomSindisi, bacombhulula phambhi kwabaphulaphuli babo icebo losindiso encebeni nasedinini loNyana kaThixo. Amazwi abo ahlaba aguqula amawaka aabo babe phulaphule. Izithethe neenkolo ezafakwa ezintliziyweni ngababingeleli zatshayelwa zemka ezingqondweni zabo bazamkela imfundiso enyulu yelizwi likaThixo.IL 222.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents