Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iziqalelo zokufa

    Logama uAbeli wayesabonisa ukulunga kwecebo likaThixo, uKayin waqumbha, waza umsindo wakhe wakhula washushu ngakuAbeli wada ekulongqumbho yakhe wambulala. UThixo wambuza kuKayin umninawe wakhe, waza uKayin waphendula ngobuxoki bonetyala: “Andazi; ndingumgcini womninawe wam yini na?” UThixo wamxelela uKayin ukuba uyazi ngesoono sakhe — nokuba uyasazi sonke isenzo, kude kube sezingcingeni zentliziyo yakhe, waza wathi ke kuye, “Izwi legazi lomninawe wakho liyakhala emhlabeni kum. Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawe wakho esandleni sakho. Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphala-phale ehlabathini.”IL 49.2

    Isiqalekiso phezu komhlaba ekuqaleni sasiviwa kancinane; kodwa ngoku kwa kukho phezu kwawo isi-qalekiso esiphindiweyo. UKayin noAbeli bobabini bamele iindidi ezimbhini, amalungisa nabangendawo, amakholwa nabangakholwayo, eziya kubakho ukususela ekuweni komntu kuse ekufikeni kwesibini kuka- Kristu. Ukumbulala kukaKayin umninawe wakhe kumele abangendawo abaya kuba nomona ngamalungisa baze bawathiye kuba elungile kunabo. Baya kuwamonela amalungisa bawatshutshise bawabulale ngenxa yokuba ukwenza kwawo okulungileyo kuyayigweba indlela yabo yesoono.IL 49.3

    Ubomi bukaAdam ba bubobosizi, nokuthobeka, nenguquko ethe roqo. Ekubafundiseni abantwana bakhe nabazukulwana ukuhlonelwa kukaYehova, waba soloko ezidanela kabuhlungu ngenxa yesoono sakhe esabangela ububi obungaka embhewini yakhe. Akuba eyishiyile iEden entle, ingcamango yokuba uza kufa yambanga ukuba ahlasimle ngokoyika. Ukufa wakukhangela njengelishwa eloyikekayo. Waqala ukwazana nelilishwa loyikekayo lokufa elusatsheni lwakhe ngoKayin unyana wakhe ebulala umninawe wakhe uAbeli. Ezaliswe lolona sizi lukrakra ngenxa yesakhe isoono, elahlekelwe ngunyana wakhe uAbeli, emkhangele uKayin njengombulali, esazi kananjalo isiqalekiso uThixo asiwisa phezu kwakhe, oku kwayityumza intliziyo kaAdam ngosizi. Wazidanela ngokukrakra ngenxa yesoono sakhe esikhulu sokuqala. Wacela uxolo kuThixo ngalo iDini elidingiweyo. Wayekuve nzulu ukujalelwa nguThixo ngenxa yesoono sakhe awasenzayo eParadisi. Wawubona umonakalo obanzi owamxhokonxa ekugqibeleni uThixo ukuba abatshabalalise abemi bomhlaba ngonogumbhe. Isigwebo sokufa esavakaliswa kuye ngumDali wakhe, esakhangeleka kuqala ngokungathi siyoyikeka kakubi, akuba ehleli iminyaka engamakhulu athile, sabonakala sisesobulungisa nesenzo sikaThixo senceba sokuphelisa ubomi obuhleli ebudwayingeni.IL 50.1

    Akuba uAdam ezibona iimpau zokuqala zokonakala kwendalo ekuweni kwamagqabi nasekubuneni kweentyatyambho, walila ngokunzulu kunokuba abantu namhlanje belilela abafileyo babo. Iintyatyambho ezibunayo zazingeyiyo eyona mbhangi yosizi olukhulu, ngenxa yokuba zazithambhile ngaphezulu zicekethekile ; kodwa imithi emide, ebukekayo, eyomeleleyo ukuba nayo iwise amagqabi ayo, ibole, yabonakalalisa kuye ukonakala okubanzi kwendalo entle uThixo awaye yidalele ngokukodwa ukulungelwa komntu.IL 50.2

    Kubantwana bakhe nakubantwana babantwana bakhe, kuse kwesesithoba isizukulwana, wabalisa ngokufezeka kwekhaya lakhe laseEden, nangokuwa kwakhe neziphumo zako ezoyikekayo, nomthwalo wosizi oweza phezu kwakhe ngenxa yokwahlukana kosapho lwakhe okwagqibela ngokufa kukaAbeli. Wababalisela ngeentlungu uThixo amphumelisa kuzo ukumfundisa imfuneko yokuhlala nqo emthethweni wakhe. Wavakalisa kubo ukuba isoono siya kohlwaywa nokuba siluluphina uhlobo. Wababongoza ukuba bathobele uThixo, owayeza kubaphatha ngenceba xa bemthanda bemhlonela.IL 51.1

    Izithunywa zezulu zaxoxa noAdam emva kokuwa kwakhe, zamxelela ngecebo losindiso, nangokuba uhlanga loluntu lwalungadlulanga ekusindisweni. Nakuba kwakuhle ukwahlukana okoyikekayo phakathi koThixo nomntu, kodwa kwenziwa umsindleko ngokunikelwa kukaNyana wakhe oyintanda awaye ngasindiswa ngaye umntu. Kodwa ke ekuphela kwethembha labo lalisekuhlaleni ubomi benguquko nobokholo kulomsindleko wenziweyo. Bonke ke aabo bamamkela ngalendlela uKristu njengomSindisi wabo ekuphela kwakhe, baya kubuyiselwa kwakhona ekuthandweni nguThixo, ngenxa yeemfaneleko zikaNyana wakhe.IL 51.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents