Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukholo Olweyisayo

    Ukholo lukaYakobi oluzingisileyo Iweyisa. Watshela esithunyweni wada wayizuza intsikelelo awaye- yifuna, nengqiniseko yokuxolelwa kwezoono zakhe. Igama lakhe laguqulwa ekubeni nguYakobi, umphangi, laba nguSirayeli, elithetha itshawe likaThixo. “Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Sathi, Ulibuzela ni na igama lam? Samsikelela khona. UYakobi wayithiya lendawo igama eliyiPeniyeli ; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.” Yayi nguKristu lowo waye noYakobi obobusuku bonke, lowo waye bambhene naye, nalowo wazingayo ukumbambha wada wamsikelela. INkosi yaziva izibongozo zikaYakobi, yaziguqula iinjongo zentliziyo kaEsau. Ayizange ivumelane naso nesinye isiphoso sikaYakobi. Ubomi bakhe babusoloko bubobentandabuzo, ukudideka, nokuzidanela ngenxa yesoono sakhe, kwada kwaba koko kuzamana ngenyameko nesithunywa, nobunqhina abufumana kuThixo bokuba izoono zakhe zixolelwe.IL 85.3

    “Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, wataruzisa kuso, samfumana eBeteli, apho ke sasithetha nathi, uYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbhuzo sakhe.” Hoseya 12: 4, 5.IL 86.1

    UEsau waye siya kuYakobi enomkhosi, ngenjongo yokumbulala umninawe wakhe. Kodwa xa uYakobi wayezamana nesithunywa ngobobusuku, esinye isi-thunywa sathunyelwa ukuba siye kuchukumisa intliziyo kaEsau ngelixa lokulala kwakhe. Ephupheni wambona uYakobi eyimbhacu engekho endlwini kayise iminyaka engamashumi amabini, ngenxa yokuba esoyikela ubomi bakhe. Walubona usizi lwakhe akuba efika unina efile. Wakubona ephupheni lakhe ukuthobeka kukaYakobi nezithunywa zikaThixo zimngqongile. Waphupha ngathi ekudibaneni kwabo akabanga nangqondo yakumenza ububi. Akuba evukile uEsau walilaula eliphupha lakhe emadodeni akhe angamakhulu amane wawaxelela ukuba angamenzakalisi uYakobi, nokuba uThixo kayise unaye. Nokuba bakuba bedibene noYakobi, kungabikho namnye oya kumenza ingozi.IL 86.2

    Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, naanko uEsau esiza, enamadoda amakhulu mane. . . . Ke yena wagqithela phambhi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe. Wagidima uEsau emkhaulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamaanga; basitsho isililo. UYakobi wamcenga uEsau ukuba amkele umnikelo woxolo kuye, kodwa uEsau waala, kodwa uYakobi wamjoka wathi: “Kha uyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.”IL 86.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents