Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Intlahlela Yosindiso

    Uthe uYesu, xa wayejinga emnqamlezweni, akudanduluka esithi, “Kugqityiwe,” amawa akrazuka, umhlaba wanyikima, nenxalenye yamanchwaba yavuleka. Akuba evukile engumeyisi phezu kokufa nenchwaba, xa umhlaba wawusahexa nobuqaqauli basezulwini bubengezela macala onke kulondawo ingcwele, abaninzi bamalungisa afileyo, belulamele ubizo lwakhe, baphuma njengamanqhina okuba uvukile. Aabo bangcwele bakhethiweyo bavusiweyo baphuma bezukisiwe. Babe ngabanyuliweyo abangcwele bamaphakade onke, ukususela endalweni kuhle kuze kwimihla kaKristu. Ngalendlela ke xa iinkokeli zamaJuda zazisazama ukuyiselela inyaniso yokuvuka kukaKristu, uThixo wanyula ukuvusa iqela emanchwabeni ukuba linike ubunqhina bokuba uYesu uvukile kwa nokuvakalisa uzuko lwakhe.IL 211.2

    Aabo bavusiweyo bahluka ngesithomo nangenkangeleko kwabanye, abanye bakhangeleka ngokubekekileyo kunabanye. Ndaziswa ukuba abemi bomhlaba baya besonakala, belahlekwa ngamandla nakukube- keka. USatana unegunya lezifo nokufa, kwaza kwizizukulwana zonke iziqhamo zesiqalekiso zaya zicaca ngokucaca, namandla kaSatana abonwa ngokucacileyo. Aabo babephila ngemihla kaNowa noAbraham babefana nezithunywa ngokumila, nokubukeka, namandla. Kodwa zonke izizukulwana ezilandeleyo zaya zisiba buthathaka zingenwa nakukufa ngokulula, baza ubomi babo babufutshane. USatana usoloko (efunda) iindlela zokukhathaza nokulenza buthathaka uluntu.IL 211.3

    Aabo baphumayo emva kokuvuka kukaYesu babonakala kwabaninzi, bebaxelela ukuba idini ngenxa yomntu lenziwe, nokuba uYesu, lowo amaJuda ambethelelayo, uvukile kwabafileyo; baza ukuqinisekisa amazwi abo, bathi, “Nathi sivuke kunye naye.” Babunika ubunqhina bokuba kwakungamandla akhe ukubizwa kwabo ukuba baphume emanchwabeni abo. Nakubeni iingxelo zobuxoki zazisasazeka, uvuko lukaKristu lwalungenakufihlwa nguSatana, nezithunywa zakhe, okanye nangababingeleli abakhulu; kuba eliqela lingcwele, elavuswa emanchwabeni, lazisasaza iindaba ezingummangaliso ezivuyisayo; ngokunjalo noYesu wazibonakalalisa kubafundi bakhe abalusizi abaphuke iintliziyo, ekuchitha ukoyika kwabo ebabanga uvuyo nokuchwayita.IL 212.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents