Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 58—Indanduluko Enkulu

    NDABONA izithunywa zezulu zibheka ngapha nangapha ezulwini, zisihla zisiza emhlabeni, zibe kwakhona zinyuke ziye ezulwini, zilungiselela ukuzaliseka kwesiganeko esibalulekileyo. Ndaza ndabona ke esinye isithunywa esinamandla siyalelwa ukuba sihle size emhlabeni, ukuba sithelele ngezwi laso kwisithunywa sesithathu, sinike amandla negunya esigidimini saso. Kwanikwa igunya elikhulu nobuqaqauli kwesi sithunywa, kwaza kwathi ekuhleni kwaso, umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqauli baso. Ukukhanya okwakuraqe esi sithunywa kwatyhutyha kwangena ezindaweni zonke, saza sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi, “Iwile, iwile iBabeli enkulu, yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abancholileyo, nentolongo yeentaka zonke ezincholileyo, ezithiyekileyo.” IsiTyhilelo 18: 2.IL 359.1

    Isigidimi sokuwa kweBabeli, njengoko sinikwe sisithunywa sesibini, siyaphindwa, kongezwe ukuvakaliswa kunye naso izincholiso ebezingena ebandleni ukususela ku-1844. Umsebenzi wesi sithunywa ungena kanye ngexesha elililo lokuthelela emsebenzini omkhulu wokugqibela wesigidimi sesithunywa sesithathu xa sikhula sisiba yindanduluko enkulu. Abantu bakaThixo bayalungiselelwa ke ngalendlela ukuma kwilixa lokuhendwa, abaza kuhlangana nalo kamsinya. Ndabona ukukhanya okukhulu kuhleli phezu kwabo, baza bamanyana, ukuba basivakalise ngaphandle koloyiko isigidimi sesithunywa sesithathu.IL 359.2

    Izithunywa zezulu zathunyelwa ukuba zisixhase esi sithunywa sinamandla sivela ezulwini, ndaza ndeva amazwi abangathi aphuma macala onke, esithi, “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezoono zayo, nokuze ningamkeiiswa kwizibetho zayo. Ngokuba izoono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbhule uThixo.” Isi-Tyhilelo 18: 4, 5. Esi sigidimi saba ngathi songezelelwa kwisigidimi sesithathu, sithelela kuso kanye njengokuba yaba njalo indanduluko yasenzulwini yobu- suku ukuthelela kwayo kwisigidimi sesithunywa sesibini ngo-1844. Ubuqaqauli bukaThixo baphumla phezu kwabangcwele abanonyamezelo abalindileyo, baza basinika ngokungoyiki isigidimi sokugqibela esindilekileyo soyalo, bevakalisa ukuwa kweBabeli bebiza abantu ukuba baphume kuyo, ukuze bayisaabe intshabalalo yayo yokugqibela eyoyikekayo.IL 359.3

    Ukukhanya okwakuthululelwe phezu kwaabo balindileyo kwakhanyisela iindawo zonke, baza aabo emabandleni ababenako ukukhanya okuthile, ababe ngazange bazive bazicekise izigidimi ezithathu, balusabela ubizo bawashiya amabandla awileyo. Baninzi ababefikelele eminyakeni yokuba nokuziphendulela ngokwabo oko zithe zavakaliswa ezi zigidimi, kwaza ukukhanya kwathi chapha phezu kwabo, banikwa ilungelo lokunyula ubomi okanye ukufa. Abanye banyula ubomi bazimisa ngakwicala elalilindele iNkosi yalo liyigcina yonke imithetho yayo. Isigidimi sesithathu sasiza kuwenza umsebenzi waso; bonke babeza kucikidwa ngaso, baze abaxabisekileyo babizwe baphume kumahlelo abakuwo onqulo.IL 360.1

    Igunya elinyanzelayo labashukumisa abathembhekileyo, ekubeni ukubonakalaliswa kwamandla kaThixo kwazisa uloyiko nokukhonkxeka phezu kwezalamane nezihlobo zabo ezingakholwayo ngangokuba zingakhe zithintele, okanye zingabi nawo amandla okubathintela aabo bawevayo amandla oMoya oyiNgcwele esebenza kubo. Isibheno sokugqibela sabhekiswa nakumakhoboka alusizi; aza lawo amhloneleyo uThixo phakathi kwawo azivakalisa iingoma zawo zovuyo olugqithisileyo lwenkululo yawo egcobisayo ezayo*Inkcazelo.— Into yokuba ubukhoboka buya kuba bukho ekufikeni kukaYesu kwesibini icacisiwe nguJohane kweyesiTyhilelo 6: 15, 16, kwingcaciso yakhe encinane ethi “namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke” bebiza “kwiintaba namawa” ukuba zibawele, zibafihle “ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone.”— A B E N Z I -N C W A D I.. Iinkosi zawo zazingakwazi ukuwathiba; uloyiko nokukhwankqiswa kwazenza zathi cwaka. Kwenziwa imimangaliso emikhulu, abafayo baphiliswa, nemiqondiso nezimanga zalandelelana nabakholiweyo. UThixo waye kuwo lomsebenzi, waza wonke ongcwele, engoyiki nto ingamhlelayo, walandela izihlabo ezisesazeleni sakhe wazimanya naabo bayigcina yonke imithetho kaThixo; baza basivakalisa ngamandla macala onke isigidimi sesithathu. Ndabona ukuba esi sigidimi siyakuvala sinegunya namandla ayidlula ngaphaya indanduluko yasenzulwini yobusuku.IL 360.2

    Abakhonzi bakaThixo, bambhathiswe ngamandla avela ngaphezulu, nobuso babo bukhazimla, bubengezela kukuzinikela okungcwele, baphuma baya kusivakalisa isigidimi esiphuma ezulwini. Imiphefumlo eyayithe sa kuwo onke amahlelo onqulo yalusabela ubizo, baza abaxabisekileyo bakhauleziswa ukuphuma kumabandla agwetyiweyo, njengoko uLote wakhauleziswayo ukukhutshwa eSodom ngaphambhi kokutshatyalaliswa kwayo. Abantu bakaThixo bomelezwa bubuqaqauli obuncamisileyo obabuphumle phezu kwabo ngokutyebileyo kakhulu kwabalungiselela ukuba balinyamezele ilixa lokulingwa. Ndeva macala onke isihlwele samazwi, sisithi, “Naalu unyamezelo lwabangcwele; naaba abayigcinayo imithetho kaThixo abanokholo lukaYesu.” IsiTyhilelo 14: 12.IL 361.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents