Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    IsiFundo ngoThando lomNtwana

    Amehlo kaYesu afuna phakathi kwesihlwele esasiqokelelene ukuza kukhangela ukufa kwakhe, waza wabona esikhondweni somnqamlezo uJohane exhase uMariya, unina kaYesu. Wayebuyele kulombono woyikekayo, ngokuziva engenako ukunyamezela ukuba kude noNyana wakhe. Isifundo sokugqibela sikaYesu saba sesothando lomntwana. Wabukhangela ubuso obuzaliswe lusizi bukanina, waza wakhangela kuJohane; wathi ebhekisa kowokuqala: “Mfazi, naanko unyana wakho!” Andule athi kumfundi lowo: “Naanko unyoko!” Johane 19: 27. UJohane wawaqonda ngokucacileyo amazwi kaYesu, nomthwalo ongcwele owabekwa phezu kwakhe. Wamsusa kwa oko unina kaKristu kulombono woyikekayo waseKalvari. Ukuthabathela kuloyure wamkhathalela njengoko unyana othobekileyo esenza njalo, wamsa emzini wakhe. Umzekelo ogqibeleleyo kaKristu wothando lomntwana ubengezela ngokukhanya okungafiphaliyo ziinkungu zamaphakade. Logama waye nyamezele okona kuthuthunjiswa kubuhlungu, akazange amlibale unina, kodwa wawenza onke amalungiselelo afunekayo ngekamva lakhe.IL 202.3

    Umfundi, ngokuthobela umyalelo wesithunywa sezulu, wayifuna indoda eyayi sandula ukuvakalisa izisongelo ngakubo bonke abakholelwa egameni likaYesuUmsebenzi wobomi bukaKristu basemhlabeni wawuse ukufuphi ukufezwa. Ulwimi lwakhe lwalomile, waza wathi, “Ndinxaniwe.” Bazalisa imfunxa ngeviniga nenyongo, bamnika ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela. Ngoku ke iNkosi yobomi nozuko yayisifa ifela ukuba yintlaulelo yohlanga. Yayi kukuvakala kwesoono, esazisa ingqumbho kaYise phezu kwakhe njengommeli womntu, okwayenza indebe ayiselayo ibe krakra kangaka, kwayaphula intliziyo yoNyana kaThixo.IL 203.1

    Njengommeli nesiqiniselo somntu, ubugwenxa babantu baphoswa phezu koKristu ; wabalelwa ukuba ungumkreqi ukuze abahlangule esiqalekisweni somthetho. Ityala lakhe wonke owenzala kaAdam kumaphakade onke laliyicinezela intliziyo yakhe; nengqumbho kaThixo nembhonakaliso eyoyikekayo yokunganeliswa kwakhe ngenxa yobugwenxa, kwawuzalisa umphefumlo woNyana wakhe ngokhwankqiso. Ukufihlwa kobuso bukaThixo kumSindisi kanye kwelithuba leyona ntlungu yakhe inkulu kwayibinza intliziyo yakhe ngosizi olungayi kuze luqondwe ngokupheleleyo ngumntu. Yonke intlungu eyanyamezelwa nguNyana kaThixo emnqamlezweni, amathontsi egazi aphuma entlokweni yakhe, ezandleni nasezinyaweni, ukuxhuzuleka ziintlungu ezawutyhutyhayo umzimbha wakhe, nentlungu engathethekiyo eyawuzalisayo umphefumlo wakhe ngenxa yokufihlwa kobuso bukaYise kuye, ziyathetha emntwini, zisithi, “Kungenxa yokuthanda wena into eyabangela ukuba uNyana kaThixo avume ukuba ezi- zoono zinezothe zibekwe phezu kwakhe; kungenxa yakho ukuba awachithe amagunya okufa, awavule amasango eParadisi nobomi obungafiyo. Yena lowo wathulisa amaza anomsindo ngelizwi lakhe wahambha phezu kwamaza alephuza ugwebu, owazenza iidemon zangcangcazela, nokufa kwasaba enkcukumisweni yakhe, lowo wabuyisela abafileyo ebomini wawavula amehlo eemfama, uzinikela emnqamlezweni njengedini lokugqibela ngenxa yomntu. Yena, umthwalizoono, unyamezela isigwebo sesohlwayo sobugwenxa wenziwa isoono ngokwaso ngenxa yomntu.”IL 203.2

    USatana, ngezilingo zakhe ezibinzayo, wayikhama intliziyo kaYesu. Isoono, esithiyeke kangaka emehlweni akhe, safunjwa phezu kwakhe wada wancwina phantsi kobunzima baso. Akumangalisi ukuba ubuntu bakhe bungcangcazele ngaleyure yoyikekayo. Izithunywa zezulu zakhangela zikhwankqisiwe entlungwini yokuncama yoNyana kaThixo, eyayinkulu ngaphezu kwentlungu yakhe yasenyameni, ngangokuba yona angayiva mpela. Imikhosi yezulu yabufihla ubuso bayo kulombono woyikekayo.IL 204.1

    Indalo engaphefumliyo yabonakalalisa uvelwano nemBhangi yayo ecukuceziweyo nefayo. Ilanga laala ukuwukhangela lombono woyikekayo. Imitha yalo epheleleyo, ebengezelayo yayikhanyisela umhlaba emini enkulu, kodwa ngebhaqo labangathi licinyiwe. Ubumnyama obungqingqwa bawugubungela umnqamlezo nawo wonke umhlaba okufuphi apho, njengesambeso sethala lomnchwabo. Ubumnyama bathabatha isithuba seeyure ezintathu ezizeleyo. Ngentsimbhi yesithoba ubumnyama oboyikekayo basuswa ebantwini, kodwa kwahlala bumgqubuthele umSindisi okwengubo. Imibane enomsindo yabangathi ibinzwa kuye xa wayejinga emnqamlezweni. “Wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyele ni na?” Marko 15: 34.IL 204.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents