Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isiqalekiso

    UYehova ke wabhekisa enyokeni, wathi, “Ngokuba uyenzile lento, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle ; uya kuhambha ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.” Njengoko inyoka yayiphakanyisiwe ngaphezu kweento eziphilileyo zasendle, ngoku yayiza kuthotyelwa phantsi kuzo zonke, ithiywe ngumntu, njengoko yaba nguthunywashe owasetyenziswa nguSatana. “KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle. Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni.”IL 36.1

    UThixo wawuqalekisa umhlaba ngenxa yesoono sabo sokudla kuwo umthi wokwazi, waza wathi, “Uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.” Wayebaabele okulungileyo, wakubandeza okubi. Ngoku uthi baya kukudla, oko kukuthi, baya kwazana nobubi yonke imihla yobomi babo.IL 36.2

    Uhlanga ukususela kweloxesha ukusa phambhili lwaluza kukhathazwa zizilingo zikaSatana. Ubomi bokusebenza nzima okungapheliyo nokuxhala kwamiselwa uAdam ngoku, esikhundleni somsebenzi ochwayitisayo awayefudula ewuxhamla. Ngoku babeza kudaniswa, bahlungiswe, babenosizi, baze ekugqibeleni bafe. Babenziwe ngothuli lomhlaba, babeza kubuyela ke kwaseluthulini.IL 37.1

    Baxelelwa ukuba babeza kulahlekwa likhaya labo laseEden. Babevumele inkohliso kaSatana, bakholelwa lilizwi lakhe lokuba uThixo unokuxoka. Ngokwaphula kwabo umthetho bavulela uSatana indlela yokubafikelela ngokulula, akwalunga ke ukuba bahlale emYezweni weEden, hleze bathi bekulemeko bakuyo yesoono bathabathe badle kumthi wobomi baphile ubomi besoono ngonaphakade. Babongoza ukuba mabayekwe bahlale, nakuba babevuma ukuba balilahlile lonke ilungelo lokuxhamla uyolo lwaseEden. Bathembhisa ukuba kwixa elizayo baya kuyithobela intando kaThixo ecacileyo. Baxelelwa ukuba ekusukeni kwabo ebumsulweni bangene ebutyaleni babengazuzanga mandla, koko bazuza ubuthathaka obukhulu. Ababugcinanga ubumsulwa babo ngethuba ababe sebungcweleni, nokonwaba bobumsulwa, ngoku ke babeza kuba namandla angeneno ngakumbhi ukuba babe nokuhlala bethembhekile bethobele bekwisimo sokusoloko bezazi ukuba banetyala. Bazaliswa lusizi olunzulu. Baqala ukuqonda ngoku ukuba umvuzo wesoono kukufa.IL 37.2

    Kwathunyelwa kwa oko izithunywa zezulu ukuba ziye kulinda indlela eya kumthi wobomi. Yabe ilicebo elilungiselelweyo likaSatana ukuba uAdam noEva bangamthobeli uThixo, bave ukujalelwa nguye, baze ke badle kuwo umthi wobomi, ukuze baphile ngonaphakade ubomi besoono. Kodwa kwathunywa izithunywa ezingcwele ukuba ziyinqabise indlela eya kumthi wobomi. Ezizithunywa zaziraqwe yimitha ebengezelayo yokukhanya macala onke, eyayifana namakrele akhazimlayo.IL 37.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents