Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuzithethelela kukaPetros Ngokukhaliphileyo

    Ukuza kuthi ga ngoku ababingeleli babekuthintele ukuthethwa ngokubethelelwa nangokuvuka kukaKristu; kodwa ngoku, ngokuzalisa injongo yabo, banyanzeieka ukuba babuze kubamangalelwa ukuba kungegunya likabani na abakwenze ngako okukuphiliswa kungummangaliso kwalomntu ungenakuzinceda. Waza ke uPetros, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wathetha nababingeleli namadoda amakhulu ngokubekekileyo, wathi, “Ma kwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambhi kwenu ephilile. Nguye lo ilitye eleenziwa into engento nini baakhi, elisuke laba yintloko yembhombho. Kananjalo usindiso alukho kuwumbhi; kuba akukho gama limbhi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.”IL 228.4

    Itywina likaKristu lali kulamazwi kaPetros nobuso bakhe bubanekwe nguMoya oyiNgcwele. Kufuphi naye, njengenqhina elanelisayo, yayimi indoda leyo yayiphilisiwe ngokungummangaliso. Ukubonakala kwalendoda, eyayi sisiqhwala nje iiyure ezimbalwa ngaphambhili, ngoku inikwe ukomelela komzimbha, ikhanyiselwa ngoku ngoYesu waseNazarete, kwanika amandla ongeziweyo ebunqhineni bamazwi kaPetros. Ababingeleli, amadoda amakhulu nabantu bathi zole bonke. Abaphathi babe ngenamandla akuyiphikisa lentetho. Bamelwa kukuva oko kanye babengalangazeleli ukukuva: inyaniso yokuvuka kukaKristu, namandla akhe esezulwini okwenza imimangaliso ngokusebenzisa abapostile bakhe emhlabeni.IL 229.1

    Ukuzithethelela kukaPetros, awavuma kuko ngokomelela ukuba avela phina amandla akhe, kwabakhwankqisa. Wayethethe ngelitye elacekiswa ngabaakhi — ethetha amagunya ebandla, awayefanelwe kukulibona ixabiso lalowo bamkhanyelayo — owathi ke noko waba lilitye lembhombho. Ngaloo mazwi wayebhekisa kuKristu ngqo, owaye lilitye lesiseko sebandla.IL 229.2

    Abantu bakhwankqiswa sisibindi sabafundi. Babecinga ukuba, ngenxa yokuba babe ngabaloobi bee- ntlanzi abangazi nto, baya kudideka bakuba bejongene nababingeleli, nababhali namadoda amakhulu. Kodwa baazi ukuba babe noYesu. Abapostile bathetha njengoko wayethetha, ngamandla oyisayo awabathulisayo abachasi babo. Ukuzama ke ukukufihla ukudideka kwabo bayalela ukuba abapostile bashenxiswe, ukuze babe nokueebisana phakathi kwabo.IL 229.3

    Bavumelana bonke ukuba akuncedi nto ukukhanyela ukuba le ndoda iphiliswe ngamandla anikwe abapostile ngegama likaKristu owabethelelwayo. Nge babe wufihle ngovuyo lommangaliso ngobuxoki; kodwa umsebenzi lowo wawenziwe ekukhanyeni okucacileyo phambhi kwesihlwele sabantu, kananjalo se usaziwa ngamawaka. Baziva ukuba lomsebenzi kufuneka unqunyanyisiwe kwa oko, okanye uYesu wayeza kufumana amakholwa amaninzi, kulandele ke ukuhlazeka kwabo, babekwe ityala lokubulala uNyana kaThixo.IL 230.1

    Kodwa nakuba iinjongo zabo zazi zezokubatshabalalisa abafundi, ababanga nabuganga bokwenza nto engaphezu kokuba babasongele ngesona sohlwayo sinzima ukuba baphikele ukufundisa nokusebenza ngegama likaYesu. Bathi ke ngoko uPetros noJohane ngokukhalipha bavakalisa ukuba umsebenzi wabo bawunikwe nguThixo, bengenako ke ukungazithethi izinto abazivileyo nabazibonileyo. Ababingeleli ngebawohlwaya ngovuyo lamadoda abekekileyo ngokunyaniseka kwawo okungashukumiyo elubizweni lwawo olungcwele, kodwa babesoyika abantu “ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.” Ngako oko ke, ngezisongelo eziphinda-phindiweyo nangemiyalelo ababanika yona, babakhulula abapostile.IL 230.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents