Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umthetho kaThixo Ongaguquguqukiyo

    Lonke izulu lazila ngenxa yokungeva nokuwa kukaAdam noEva, okwazisa uhlanga loluntu luphela phantsi kwengqumbho kaThixo. Bahlukana nokudlelana noThixo, bathiwa gxwa ebuhlungwini obungenathembha. Umthetho kaThixo wawunge nakuguqulwa ukuze ulungelelane nemfuneko yoluntu, kuba elulungiselelweni lukaThixo wawungayi kuze uphelelwe ngamandla awo unyenyiseke nakwelona suntswana lebango lawo.IL 42.2

    Izithunywa zikaThixo zayalelwa ukuba ziyityelele lembhini ewileyo zibaxelele ukuba nakuba bengasenako ukulugcina ulaulo lwabo olungcwele, ikhaya labo laseEden, ngenxa yokwaphula kwabo umthetho kaThixo, kodwa ke umcimbhi wabo wawungenguwo ongenathembha mpela. Baxelelwa ke ukuba uNyana kaThixo lowo wayethetha nabo eEden, usikwe yimfesane akuba eyibona imeko yabo elusizi, wazibingelela ukuba athabathele kuye isohlwayo esasilunge kubo, abafele ukuze umntu yena aphile ngokholo kucamagushelo awayezimisele uKristu ukumenzela Iona. NgoKristu, kwavulwa ucango lwethembha, ukuze umntu, nakuba isoono sakhe sasisikhulu kangaka, angabi phantsi kolaulo olupheleleyo lukaSatana. Ukholo kwiimfaneleko zoNyana kaThixo lwaluza kuphakamisa umntu ngangokuba abe nako ukuwachasa amaqhinga kaSatana. Wayeza kunikwa ithuba lenceba awayeza kuthi ngalo, ngobomi benguquko nokholo elucamagushelweni loNyana kaThixo, abe nokuhlangulwa ekuwaphuleni kwakhe umthetho kaYise, aze ngoko aphakanyiselwe kumgangatho apho imizamo yakhe yokugcina umthetho wakhe inokwamkeleka.IL 42.3

    Izithunywa zabaxelela usizi olwaviwa ezulwini kwakuba kwazisiwe ukuba bawaphule umthetho ka-Thixo, okwadala imfuneko yokuba uKristu enze lombingelelo mkhulu wobomi bakhe obuxabisekileyo ka-ngaka.IL 42.4

    Bakuba uAdam noEva bekuqondile ukuphakama nobungcwele bomthetho kaThixo, ukwaphulwa kwawo okwadala imfuneko yedini elinexabiso elikhulu kangaka lokubasindisa bona nenzala yabo ekutshabalaleni okupheleleyo, babongoza ukuba mabayekwe bafe bona, okanye bayekwe bona nenzala yabo basithwale isohlwayo sokreqo lwabo, kunokuba uNyana othandiweyo kaThixo enze idini elikhulu kangaka. Intlungu kaAdam yongezeleleka. Wabona ukuba izoono zakhe zikhulu kakhulu ngangokuba zibe neziphumo ezoyikeka kangaka. Kwakuza kv/enzeka na ukuba umPhathi ohlonelweyo wasezulwini owayehambha naye ethetha naye xa wayese sebumsulweni bobungcwele, yena lowo zazimhlonele zimnqula izithunywa zezulu, wayeza kuthotywa na kulondawo yakhe iphakamileyo ukuba aze kufa ngenxa yesikreqo sakhe?IL 43.1

    UAdam waxelelwa ukuba ubomi besithunywa sezulu babungenako ukulihlaula ityala. Umthetho kaYehova, osisiseko solaulo lwakhe ezulwini nasemhlabeni, wawungcwele njengoThixo ngokwakhe; ngaso esi sizathu ke ubomi besithunywa babunge nakwamkeleka kuThixo njengedini lokwaphulwa kwawo. Umthetho wakhe ubaluleke ngokungaphezulu ebusweni bakhe kunezithunywa ezingcwele ezingqonge itrone yakhe. UYise wayengenako ukuwutshitshisa okanye ukuwuguqula namnye kumthetho wakhe ukulungiselela umntu owileyo. Kodwa uNyana kaThixo owayethe ngokuvisisana noYise bamdala umntu, wayenako ukwenza ucamagushelo lomntu olwamkelekileyo kuThixo, ngokunikela ubomi bakhe bube lidini athwale ingqumbho kaYise. Izithunywa zamxelela uAdam ukuba, njengokuba ukreqo lwakhe lwangenisa ukufa nosizi, ubomi nokungafi buyakubuyiselwa ngedini likaYesu Kristu.IL 43.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents