Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umseb’enzi Olungele Iindawo Zonke

    Mboneni esentolongweni kwaFilipi, apho, nakuba umzimbha wakhe wawujijithekiswa ziintlungu, ingoma yakhe yendumiso yakuchitha ukuzola kwenzulu yobusuku. Emva kokuba inyikima izivulile iingcango zentolongo, izwi lakhe liyavakala kwakhona, ngamazwi okuthuthuzela umgcini-ntolongo ongumhedeni, athi “Ungazenzakalisi ; kuba sikho sonke apha”—wonke umntu esendaweni yakhe bethintelwe bubukho bomnye wababanjwa kunye nabo. Waza umgcini-ntolongo, ehlabekile bubunyaniso bolokholo lumxhasileyo uPaulos, wabuza ngendlela yosindiso, waza yena kunye nendlu yakhe yonke bazimanya kunye neqela elitshutshiswayo labafundi bakaKristu.IL 281.1

    Kha nimbone uPaulos naanko eAtene phambhi kwequmru le-Areyopago, ehlangabeza ulwazi ngolwazi, ubuciko ngobuciko, ubulumko ngobulumko. Phaulani, indlela athi ngayo, ngobuchule obuzalwa luthando lukaThixo, walatha kuYehova njengalowo “Ungongaziwayo uThixo,” abaphula-phuli bakhe babemnqula ngokungazi ; nangamazwi athatyathwa kwimbhongi yesizwe sabo, wambonakalalisa enguYise bona bengabantwana bakhe. Mveni, ngemihla yocalulo lweendidi, xa amalungelo abantu njengabantu ayengaziwa mpela, xa ebeka loo nyaniso inkulu yobuzalwana boluntu, evakalisa ukuba uThixo “wazenza ngagazi nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba.” Walandelisa ngokubonisa ngeendlela zokusebenzisana kukaThixo nabantu, ukunxibelelana okomsonto wegolide kweenjongo zakhe zobabalo nenceba. Nguye “owamisa amaxesha amiswe ngenxa engaphambhili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambhe bangaphutha-phutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.”IL 281.2

    Mveni esenkundleni kaFesto, xa uKumkani Agripa, ehlabekile yinyaniso yegospile, wadanduluka wathi, “Uphantse ukundeyisela ukuba ndibe ngumKristu.” Waphendula ngembheko enjani na uPaulos, esalatha kumxokelelwane wakhe, esithi, “Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi ngokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezintambho.”IL 282.1

    Badlula ngalendlela ke ubomi bakhe, njengoko abuchazayo ngamazwi akhe, “ngokuhambha okufuthi,. ngeengozi zemilambho, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zabeenTlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki; ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulambha nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze.” 2 Korinte 11: 26, 27.IL 282.2

    “Sithi sitshabiswa,” watsho, “sibe sisikelela; sithi sitshutshiswa, sibe sinyamezela; sithi sinyeliswa, sibe siyala;” “ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.” 1 Korinte 4: 12, 13; 2 Korinte 6: 10.IL 282.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents