Go to full page →

Ukukhanyela kukaPetros IL 192

UPetros wayilandela iNkosi yakhe emva kokungcatshwa kwayo. Waye langazelela ukubona ukuba kuza kwenziwa ntonina ngoYesu. Kodwa kwakuba kusithiwa ungomnye wabafundi bakhe, esoyikela ukukhuseleka kwakhe wakhokelelwa ekuthini akamazi lomNtu. Abafundi babesaziwa ngokubanyulu kwentetho yabo, waza uPetros, ukwanelisa abamangaleli bakhe ukuba akanguye omnye wabafundi bakaKristu, wasikhanyela isimangalo okwesithathu ngokushwabula nokufunga. UYesu owayemi mganyana kuPetros, wajika wamkhangela ngokukhangela okulusizi okumohlwayayo. Wawakhumbhula ke lomfundi amazwi kaYesu awawathetha kuye kwigumbhi eliphezulu, kwa nokuqiniseka kwakhe okushushu, okuthi, “Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andiyi kukhe ndikhubeke mna.” Mateyu 26: 33. Waye yikhanyele iNkosi yakhe, wada washwabula wafunga ; kodwa oko kumkhangela kukaYesu kwayinyibilikisa intliziyo kaPetros kwamsindisa. Walila ngokukrakra waguquka kwesisoono sakhe sikhulu, wabuya, walungiselelwa ke ukomeleza abazalwana bakhe. IL 192.1