Go to full page →

Isahluko 28—Ukuthethwa Kwetyala LikaKristu IL 191

IZITHUNYWA zezulu, xa zazilishiya izulu, ngosizi zazibeka phantsi izitsaba zazo ezibengezelayo. Zazinge nako ukuzinxiba logama umPhathi wazo esekubandezelekeni eza kuthwala isitsaba sameva. USatana nezithunywa zakhe babe sebenza ngamandla egumbhini lamatyala ukuba baphelise uluvo lobuntu novelwano. Impepho le ngokwayo yayinzima incholisiwe yimpembhelelo yazo. Ababingeleli abakhulu nama- doda amakhulu aphenjelelwa zizo ukuba adlale kakubi ngoYesu ngendlela edlule zonke ezinokunyanyezelwa yimo yomntu. USatana wayethembhe ukuba izigculelo nobudlwengu obunjalo buya kuvelisa isikhalazo nokuba sisikrokro kuNyana kaThixo; okanye asebenzise amandla akhe obuthixo ukuzisombhulula emandleni esi sihlwele, ukuze ngaloo ndlela icebo losindiso lingaphumeleli ekugqibeleni. IL 191.2