Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 8—UKUHENDW A

    EMVA ko baptizo Lwake, u-Kristu wasiwa nguMoya entlango, ukuba ahendwe ngu-mtyoli. Ukuya entlango, u-Kristu waye kokelelwa nguMoya ka-Tixo. Akasimemanga isihendo. Wayenga angaba yedwa, okokuze acinge ngokutunywa no-msebenzi Wake.KMW 43.1

    Ngako ukutandaza nokuzila ukutya Waye zibinqisa ngenxa yaleyo ndlela enamacapaza egazi awayeza kuyihamba. Kodwa u-Satana wayesazi apo wayekona u-Msindisi; ngoko waya kona ukuba Amhende.KMW 43.2

    Ekumkeni kuka-Kristu e-Jordan, ubuso Bake babukanyiswe bubuqaqauli buka-Tixo. Kodwa xa wafikayo kwintlango leyo, obo bungcwalisa bati shwaka.KMW 43.3

    Izono zehlabati zazipezu Kwake, baye ubuso Bake babuzaliswe lusizi nokuxinzeleka-ngapezu koko waka weva ngako umntu. Waye bandezeleka ngenxa yaboni.KMW 43.4

    O-Adam no-Eve e-Edeni paya babe reqile ku-Tixo ngokusuka batye kwisiqamo esasi ngavunyelwe. Ukungeva kwabo kwezisa isono usizi nokufa emhlabeni.KMW 43.5

    U-Kristu waba ngu-mzekelo wokuva. Entlango paya, Akavumanga ukuba emke entandweni yo-Yise, nasemva kokuba ezile ukudla imihla emashumi mane.KMW 43.6

    Esinye sezihendo eseyisa o-maokulu betu bokuqala yaba sesokutambela ilite. Ngako okukuzila ukutya itu- ba elide kangaka u-Kristu wabonisa ukuba ukulamba oku kunokulaulwa.KMW 43.7

    U-Satana ubahenda abantu ngokukuvela ukulamba, ngokuba kona kuyawuqoba umzimba kuyi sitibeze ingqondo. Ngelo xesha-ke uyazi ukuba kokukona anokuba kohlisa lula aze ababuqe.KMW 44.1

    Kodwa umzekelo ka-Kristu ucacisa okokuba konke ukulangazelela kokupambuka makuqotywe. I-pango (ilite) letu malinga silauli; masiliwise pantsi kwetu.KMW 44.2

    Xa u-Satana wayesati ukuvela ku-Kristu, wafana ne-situnywa sokukanya. Wazenza umtunywa ovela eZulwini.KMW 44.3

    Wamxelela u-Yesu ukuba kwaku nge-ntando yo-Yise ukuba Yena abandezeleke; Waye ngasuke azibalule kupela ukuba nentumekelelo kuko ukubandezeleka.KMW 44.4

    Akubon’ ukuba u-Yesu upantsi kwe nzululwane yepango, u-Satana wati Kuye:KMW 44.5

    “Ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, yitsho lamatye abe sisonka.”KMW 44.6

    Kodwa ete-nje u-Msindisi wezela ukuba ngumzekelo wetu, Umelwe kukuva ubunzima nje ngati; Akamelwe kukwenza ummangaliso ngokuzilungiselela okwake. Imimangaliso Yake yonke yayingoko kulungelwa kwabanye. Kwelo bango lika Satana wati ukupendula:KMW 44.7

    “Kubaliwe, Umntu akapili ngasonka sodwa, koko ngamazwi onke apuma emlonyeni ka-Tixo.”KMW 44.8

    Ngalonto Wabonisa ukuba kubaluleke ngokuncinane kakulu ukuba sizilungiselele ngokudla kunokuba sive ilizwi lika-Tixo. Abo balivayo ilizwi lika-Tixo banedinga lokufumana zonke izinto ezifuneka kobu bomi, bakwa nedinga lobo bomi buzayo.KMW 44.9

    U-Satana akapumelelanga ukuwisa u-Kristu kwisihendo esikulu sokuqala; walandelisa ngokuya kummisa elucocoyini lwe-tempile paya e-Jerusalem, waza wati:KMW 45.1

    “Ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, Zipose pantsi kuba kubaliwe kwatiwa, Uya kuziwisela umteto ngawe izitunywa Zake zasezulwini; zikufukule ngezandla hleze ubeteke ngonyawo Lwako etyeni.”KMW 45.2

    U-Satana waye sekondweni lika-Kristu ngokucapula i-Zibalo. Kodwa elidinga alenzelwanga abo bangaba nobugasa bokuzifaka engozini ngabom. U-Tixo wayengazanga wamxelela u-Yesu ukuba azipose pantsi esuka pezu kwe-tempile leyo. U-Yesu waye ngeyenze nge ntando ka-Satana. Wati: “Kubaliwe kanjalo, Uz’ ungayihendahendi i-Nkosi u-Tixo wako.”KMW 45.3

    Simelwe kukukolosa ngolondolozo lo-Bawo wetu osezulwini; kodwa asimelwe kukuya apo angasitumanga kona. Asimelwe kukuyenza into Asalele yona.KMW 45.4

    Ngokuba u-Tixo enenceba, enokuxolela, kuko abati u-Tixo ungowa bangevayo. Kodwa-ke bubugasa lonto. u-Tixo uxolela bonke abanga banga nxhenxhezelwa bebuya esonweni. Kodwa bona abagqibe ukunga Mva Akanako ukubasikelela.KMW 45.5

    U-Satana ngoku watyileka ubuni bake,—inkosi yamandla obumnyama. Wamtabatela pezu kwentaba epakamileyo u-Yesu, wasele mbonisa zonke izikumkani zehlabati.KMW 45.6

    Ukukanya kwelanga kwimizi emihle, amabotwe elabastile, (amatye), amapandle acumayo nezidiliya. USatana wati:KMW 45.7

    “Zonke ezizinto ndokunika ukuba ute wawa pantsi waqubuda kum.”KMW 45.8

    Okomzuzwana u-Kristu wayondela leyo mbonakalo. Waza-ke wayi fulatela. U-Satana waye mbonise ihlabati ngokowona mtsalane ubalaseleyo; kodwa u-Msindisi wakangela ngapakati kobobuhle bangapandle.KMW 46.1

    Walibona elihlabati kobo budwayinge balo besono, libucala no-Tixo. Yonke le-nxwaleko ibangwe kukusuke umntu afulatele u-Tixo aqubude ku-Satana.KMW 46.2

    U-Kristu waye nolangazelelo lokuhlangula oko kulahlekileyo. Walangazelela ukulihlaziya ihlabati alenze lidlule ubuhle be Eden. Wayenga angmbeka umntu ekulinganeni no-Tixo. Ngenxa yomntu onesono wamelana naso isihendo. Waye melwe kukuba ngu meyisi, ukuze babe ngabeyisi, ukuze babe njengazo izitunywa zezulu, babe nokukufanelwa ukubizwa ngokuba bango nyana baka-Tixo.KMW 46.3

    Kwi bango lika-Satana lokuqutyudwa, u-Kristu wapendula:KMW 46.4

    “Suk’ umke, Satana; kuba kubaliwe kwatiwa, YiNkosi u-Tixo wako oyakuqubuda kuyo, ukonze Yona yodwa.” Mateyu 4: 3-10.KMW 46.5

    Ukutanda ihlabati, inkanuko yobukosi, no-qanqalazo lobomi,—yonke into esusa umntu ekunquleni u-Tixo,— yayi patelele kwesi sihendo esikulu sika-Kristu.KMW 46.6

    U-Satana wanikela u-Kristu ihlabati nobuncwane balo ukuba waye ngadlelana nentloko zokungendawo. Ngokunjalo-ke u-Satana usondeza kuti amalungelo anokungeniswa ngokwenza ngokupambuka. Usebeza ukuti kungeniswa ngokwenza ngokupambuka.KMW 46.7

    Usebeza kuti elokuba, “Ukuze nipumelele kweli hlabati konzani mna. Musani ukuyinonelela nigqitise inya- niso nokutembeka. Yivani ukucebisa kwam, ndiya kuninika ubutyebi ne-mbeko nokonwaba.”KMW 46.8

    Ukutobela elicebiso siqubuda ku-Satana kunokuba siqubude ku-Tixo. Lonto yosifaka enxwalekweni nakwi mpanziso.KMW 47.1

    U-Kristu usibonisile emasenze kona xa sihendwayo. Okuya wati ku-Satana, “Suk’ umke,” u-mhendi akabanga nakumelana nalowo myalelo. Wamelwa kukumka.KMW 47.2

    Ebanyalaza yinzondo engengacebo nobushushu, umvukel’omkulu wemka pambi ko-Mkululi we-hlabati.KMW 47.3

    Impikiswano yapela okwelo tuba. Uloyiso lukaKristu lwalupelele njengoko lwalunjalo ubukuqo luka Adam.KMW 47.4

    Ngokunjalo-ke nati sinokusicasa isihendo, simoyise u-Satana. I-Nkosi iti kuti “Mcaseni-ke umtyoli, wonibaleka. Sondelani kuye u-Tixo, Uyakusondela kuni.” Jakobi 4: 7, 8.KMW 47.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents