Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    3—Ulahlekiso Oluyingozi

    Imfazwe enkulu phakathi kukaKristu noSathana ikufuphi esiphelweni yaye ngoku ongendawo uya waphindaphinda amalinge akhe okoyisa umsebenzi uKristu awenzela abantu. Injongo afuna ukuyiphumeza uSathana, kukugcina abantu ebumnyameni, bangaguquki kude kuphele ukuthethelela kukaYesu, uMsindisi. Akanangxaki uSathana xa kukho ukungakhathali ebandleni. Ukuba kodwa imiphefumlo ikhe yabuza yathi, “Ndingenza ntoni ukuze ndisindiswe?” usuka ngoko uSathana, achasane noKristu ukuze ayithibaze impembelelo kaMoya oyiNgcwele.ItE 27.1

    Kwesinye isiganeko, kweza iingelosi phambi koThixo, noSathana wakho phakathi kwazo, engazanga kuqubuda kuKumkani ongunaphakade koko eqhubeka esilwa nabalungileyo. Funda kuYobhi 1:6. Ukho xa abantu benqula, esebenza ngenkuthalo ukulawula iingqondo zabakhonzayo. Ngexesha umthunywa kaThixo ephengulula iziBhalo, uSathana uqaphele into ekuya kuthethwa ngayo. Uthi ke, asebenzise ubuqhophololo namaqhinga ukuze isigidimi eso singafikeleli kwabo abahendayo ngaloo ngongoma. Oyena usidinga kakhulu isigidimi eso, wenziwa ukuba axakeke, angabikho; athi nokuba ukho kubekho nto ithile imphazamisayo ukuze angaliva ilizwi elo.ItE 27.2

    U-Sathana uya babona abakhonzi bakaYehova ukuba baxakekile kuba ubumnyama bubagubungele abantu! Uya beva bethandazela ubabalo Iwezulu kunye namandla okoyisa ukungakhathali nokunqena. Usuka athi, ngamandla avuselelekileyo, abalinge abantu ukuba babe ngamakhoboka; basilele, nokuzibhodloza ngokuzonwabisa, ukuze ingqondo zabo zibe buthuntu basilele nasekuphulaphuleni izinto ekudingeka ukuba bazifunde.ItE 28.1

    Uyazi uSathana ukuba bonke abatyeshela ukuthandaza nokufunda iziBhalo uza kuboyisa xa ebahlasela. Uye ke, aveze izinto ezininzi zokuxakekisa ingqondo. Abancedisi bakhe basebenza kakhulu xa noThixo esebenza. Bathi baxoke ngabona bantu banyanisekileyo abazinikele ngokupheleleyo, babenze ngokungathi balahlekisiwe okanye bona bangabalahlekisi. Aba bancedisi bakaSathana banobuchule bokugqwetha iinjongo ezintle zezenzo ezilungileyo, ukuthetha kakubi kuhletywa, nokudala ukukrokra kwiingqondo ezingenawo amava. Kuye kucace phofu ukuba, aba ngabakabani na, belandela wuphi na umzekelo nokuba basebenzela bani na. “Niya kubazi ngeziqhamo zabo.” Mateyu 7:16. Funda nakwisiTyhilelo 12:10.ItE 28.2

    Inyaniso lya Ngcwalisa

    Zininzi iindlela zolahlekiso ezilungiswe ngumKhohlisi omkhulu ukuze zilungele ilithe ngalinye kwabo anga angabatshabalalisa. Licebo lakhe ukungenisa ebandleni, abantu abanganyanisekanga nabangaguqukanga kakuhle ukuze kuhlwayelwe, kukhuthazwe intandabuzo nokungakholwa. Abaninzi abangenalo ukholo Iwenene kuThixo, bavuma imiqathango ethile yenyaniso baze baphumelele ekulwiseni amaKristu; ze ngaloo ndlela babe nethuba lokuthubelezisa iimposiso kwiimfundiso zeBhayibhile. Uyazi uSathana ukuba inyaniso eyamkelwe ngothando iyawungcwalisa umphefumlo. Uthi ke, afune ukumisa endaweni yenyaniso, iimfundiso zobuxoki, iintsomi, nento eyenye igospile. Kususela kwasekuqaleni, izicaka zikaThixo zalwa nabafundisi ababuxoki, bengakhohlakalanga nje kuphela, kodwa bemilisela imfundiso zobuxoki eziyingozi emphefumlweni. U-Eliya, uYeremiya, uPawulos, bathi bachasana nabo babesusa abantu kwilizwi likaThixo. Loo nkululeko yayiqonde ukusingela phantsi ukholo Iwenene njengento engabalulekanga, ayizange yamkeleke kwezi ngcwele zazingabathandi benyaniso.ItE 28.3

    Utoliko ziBhalo olungacacanga nolunomtsalane olutsha ngeemfundiso ezichaseneyo nelizwe lobuKristu, ngumsebenzi womchasi omkhulu wokuphazamisa iingqondo. Isiphithiphithi neyantlukwano phakathi kwamabandla, zibangwa kakhulu kukujijwa kwesiBhalo ukuze kuxhaswe iimbono ezithandwa ngabo bazibambileyo.ItE 29.1

    Abanye babamba indawana ethile esiBhalweni ukuze baxhase imfundiso ethile egwenxa, kuthatyathwe amasuntswana endimeni, ishiywe inxalenye engathi iyaphikisa. Ngobuqhophololo benamba, basithela ngaphaya kweziqwenga zeendima ezilungiselelwe ukuxhasa iinkanuko zabo. Abanye babamba imifanekiso nemizobo ethile, bayiguqulele okwabo ukulungelwa, bengazihluphi ngobungqina obunikwa siSibhalo njengoko sikwazi sona ukuzichaza, baze bathi ezi bazibambileyo ziimfundiso zeBhayibhile.ItE 29.2

    l-Bhayibhile lyonke Isisikhokhelo

    Ngalo lonke ixesha sifunda iBhayibhile ngaphandle komoya wokuthandaza, ofundisekayo, nezona ndawo zicacileyo nezilula, ziya kukrunwa, zisuke kwintsingiselo yazo. Abantu kufuneka bayinikwe iBhayibhile injengoko injalo.ItE 30.1

    NguThixo owanikela ilizwi eliqinisekileyo lesiprofeto; iingelosi noKristu ngokwaKhe beza kwazisa uDanyeli noYohane “izinto ezimele ukubakho kamsinya.” IsiTyhilelo 1:1. Izinto ezibalulekileyo zokusindiswa kwethu azizange zityhilwe ngendlela ephazamisayo, nelahlekisayo kwabo bafuna inyaniso. Ilizwi likaThixo licacile kubo bonke abalifunda ngentsliziyo ethandazayo.ItE 30.2

    Ngonkqangazo oluthi, “Inkululeko”, [ukwamkela nayiphi ingcamango nokuba ayivumelani neBhayibhile] abantu baya mfamekiswa ukuze bangawaboni amaqhinga ongendawo. Uthi uSathana aphumelele ukumisa iingcamango zabantu endaweni yeBhayibhile, umthetho kaThixo ubekwa bucala, athi amandla abe phantsi kweembophelelo zesono naxa ebanga ukukhululeka. U- Thixo uvumele ukuba kubekho ukukhanya okukhulu ehiabathini ngokukhula kwesayensi. Nezo ngqondo zinkulu, ukuba azikhokhelwa lilizwi likaThixo, zilahleka mpela kwiinzame zokuphanda ubudlelwane phakathi kwesayensi nesityhilelo.ItE 30.3

    Ingqondo yomntu ayisebenzi ngokupheleleyo yaye ayigqibelelanga; ngenxa yaloo nto kunzima ukwayamanisa iimbono zesayensi kunye nesiBhalo. Baninzi abamkela iimfundiso zesayensi baze bacinge ukuba iLizwi likaThixo limelwe kukuvavanywa ngolo Iwazi “olubizwa ngokuba lulwazi, kuxokwa.” 1 Timoti 6:20. Ngenxa yokuba bengakwazi ukuchaza uMdali nemisebenzi yaKhe, nembali yeBhayibhile, basuka bayithabathe njengenganyanisekanga. Abo bathandabuza iTestamente eNdala neNtsha, amaxesha amaninzi, baye bathandabuze nobukho bukaThixo. Kuthi ke ngenxa yokugungxula i-ankile yabo, basuke bantlitheke kwiliwa lokungakholwa.ItE 30.4

    Ulahlekiso lukaSathana lubalasela kakhulu ekugcineni abantu beziqhekeza intloko ngezinto uThixo angazityhilanga. U-Khwezi akazange aneliswe yinto yokuba uThixo engazandlalanga phambi kwakhe zonke iimfihlelo neenjongo zaKhe waza wakhetha ukutyeshela noko kwakutyhiliwe kuye. Injongo yakhe ke ngoku uSathana yeyokufaka loo moya wakhe ebantwini, abakhokhelele ekutyesheleni neyona miyalelo itsolileyo kaThixo.ItE 31.1

    Inyaniso Eyaliwa Kuba Ingomnqamlezo

    Xa iinyaniso zesiBhalo ziye zangxengwa, zisuswe ulwamvila lokuzincama, zamkeleka ngezandla ezishushu eluntwini. U-Sathana ulungele ukunika abantu loo nto bayifunayo, ngenxa yoko ke, ususa inyaniso, abeke inkohliso endaweni yayo. Ubupopi balifumana ngolo hlobo igunya phezu kwengqondo zabantu. Ngokuyichasa inyaniso kuba ibandakanya umnqamlezo, namaProtestanti alandela elo khondo. Bonke abafundela ukulungelwa kwabo, ukuze bangachasani nehlabathi, baza kuyekelwa ukuba bamkele “amahlelo entshabalalo” endaweni yenyaniso. (2 Petrosi 2:1). Umntu uya kothuswa lolu lahlekiso kanti sengena kolunye.ItE 31.2

    limposiso Eziyingozi

    Phakathi kwezithunywa ezikhulu zomkhohlisi omkhulu, kukho imimangaliso yobuxoki yonqulo Iwemimoya (spiritualism). Xa abantu besala inyaniso, baba ngamaxhoba olahlekiso.ItE 31.3

    Enye imposiso, yimfundiso ekhangela ubuthixo bukaKrsitu ibanga ukuba akazange abekho phambi kokuba azalwe apha emhlabeni. Le mfundiso ichasene nokwathethwa nguMsindisi wethu ngobudlelwane phakathi kwaKhe noYise kwanobukho baKhe zingekabikho zonke izinto. Isusa isidima nexabiso kwiBhayibhile njengesiTyhilelo sikaThixo. Ukuba abantu baya bukhanyela ubungqina besiBhalo ngoYesu Kristu, kuchitha ixesha ukuxoxa nabo; akukho ngxoxo inako ukubanelisa, nokuba icace kangakanani. Abakho abantu abanale ngqondo yale mposiso, abamqonda kakuhle uKristu okanye icebo likaThixo lokuhlangula umntu.ItE 32.1

    Enye imposiso yile ithi, akakho umntu onguSathana buqu, nethi igama eli lisetyenziswe yiBhayibhile ukubhekisa kwiingcinga ezimbi neminqweno engalunganga yomntu.ItE 32.2

    Kwakhona imfundiso ethi ukubuya kwesibini kukaKristu kwenzeka kumntu ngamnye xa esifa, licebo lokususa ingqondo kwinto yokuba uYesu uza kuza ngamafu ezulu buqu, abonakale. U-Sathana uthi, “Bonani nanko emagumbini (Funda kuMateyu 24:23-26), yaye baninzi abalahlwe kukwamkela le nkohliso.ItE 32.3

    Kukwakho nabantu besayensi abathi bona ayikho into eyimpendulo yenene yomthandazo; oku ingakukwaphulwa komthetho wemvelo kuba ayisekho imimangaliso. Bathi izulu nomhlaba zilawulwa yimithetho esisigxina (yemvelo) kwaye kungekho nto yenziwa nguThixo inokuchasana naloo mithetho. Bamveza ke uThixo njengobothozwa kwayimithetho yaKhe - ngokungathi imithetho yobuThixo iyibeka ngaphandle inkululeko yobuThixo.ItE 32.4

    Ayizange yenziwe na imimangaliso nguKristu nabapostile baKhe? Kwa lo Msindisi mnye ukulungele ukuphulaphula umthandazo wokho ngolwa hlobo wayesenza ngalo, ehamba phakathi kwabantu. Indalo ivumelana negunya langaseNtla. Yinxalenye yecebo likaThixo ukusinika loo nto ebengayi kusinika xa besingayicelanga, ngokuthi aphendule imithandazo yethu.ItE 32.5

    Ukungayikholelwa I-Bhayibhile

    limfundiso eziyimposiso emabandleni, zisusa imilimandlela ebekwe lilizwi likaThixo. Bambalwa abaphelela nje ekulandeleni inyaniso enye kuphela. Uninzi lugungxula inyaniso emva kwenyaniso lude lusale luzingqola ezingakholelwa ntweni.ItE 33.1

    limposiso ezenziwa kwiimfundiso zobuThixo ezibaluleke eluntwini, zenza ukuba abantu abaninzi bahlukane nokukholwa. Kunzima ukwamkela imfundiso esisithuko ebulungiseni ngenxa yenceba nokuthanda abanye abantu. Nanjengokuba ezi izezona mfundiso zeBhayibhile, usuka ke umntu, angamkeli kwa elo Lizwi likaThixo.ItE 33.2

    I-Lizwi likaThixo likhangelwa njengelingathembekanga kuba likhalimela isono. Abo bangakulungelanga ukululamela oko likuthethayo, basuke balibhukuqe igunya lalo. Baninzi abangafuni kulikholelwa ngenjongo yokuzithethelela xa bengahambi ngokomyalelo walo. Abanye, abathanda ubomi obuchebelezayo, bengafuni nto ibanqanda ntweni, bazigwagwisa ngobulumko ababuveza ngokugxeka iBhayibhile.ItE 33.3

    Baninzi abacinga ukuba kubalulekile ukuba kwicala labangakholwayo, nabakrokrayo; bezingqola ngakwiBhayibhile. Baye bathethe ngokuphandle ngembono zabo, kufumaneke ukuzithemba kunye nekratshi kubo. Abaninzi bavuyiswa kukufumana eziBhalweni into abangadubaduba ngayo iingqondo zabanye. Bakho ke nabo, bathanda ukuxoxela into engeyiyo kuba bethanda ingxoxo nje kuphela. Kuthi kamva, ngenxa yokubabaza ukungakholwa, oku, bazimanye nabangahloneli Thixo.ItE 34.1

    Ubungqina Obaneleyo

    Elizwini laKhe, uThixo unike ubungqna obaneleyo ngobungcwele balo. Sekunjalo iingqondo ezingazimasekanga aziyiqondi ngokupheleleyo injongo kaThixo omi ngonaphakade. Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeleki iindlela zakhe!” Roma 11:33. Sekunjalo, siyakwazi ukulwazi uthando IwaKhe olungenamida kunye nenceba ehlanganiswe kumandla aKhe angapheliyo. U-Bawo wethu osemazulwini usityhilela konke esikudingayo, okusilungeleyo; ngapha koko, simele ukuthemba iSandla esinamandla onke, nentliziyo ezaliswe luthando.ItE 34.2

    U-Thixo akasayi kuze azisuse kuphele izizathwana zokungakholwa. Bonke abaphunguza, befuna izikhonkwane zokujingisa iintandabuzo zabo, baya kuzifumana. Abo bazimisele ukwala ukuthobela kude kuphenduleke yonke into eyinkcaso, abasayi kuze bafike ekukhanyeni. Yonke intliziyo engenziwanga yabantsha inobutshaba noThixo. Ukholo Iona luphenjelelwa nguMoya oyiNgcwele, Iwaye luya kuthwala iziqhamo kwabo banalo. Akukho bani uya komelela elukholweni ngaphandle kwemigudu yokuzimisela. Ukuba abantu bazivule iingqondo zabo, bezivulele ukuba babone iziphoso okanye babe nentandabuzo, baya kufumanisa ukuba intandabuzo yabo iya iqina ngokuqina.ItE 35.1

    Abantu abathandabuzayo nabangayithembiyo ingqinisekiso yobabalo lukaKristu abamzukisi uKristu. Bayimithi engathwali ziqhamo, (imithi) ethi isithe ilanga lingafiki kwezinye izityalo, ukuze zifadalale, zife ngenxa yethunzi elibandayo. Ubomi babo buya kubonakala ibubungqina obungapheliyo obuchasene nabo.ItE 35.2

    Inye kuphela indlela yokulandelwa ngabo bafuna ngokwenene ukukhululeka kwintandabuzo. Endaweni yokubuza yonke into le bangayiqondiyo, mabathobele oku kukhanya banako, kuba baya kuzuza ukukhanya okukhulu.ItE 35.3

    U-Sathana unako ukuveza unomgogwana ofana twatse nale nyaniso seyikho, ukuze kulahlekiswe abo balungele ukukhohliswa, abalangazelela ukuphepha amabango enyaniso. Akanako, naphantsi kweziphi na iimeko, ukugcina phantsi kwegunya lakhe noyedwa umntu olangazelela ukuyazi inyaniso. U-Kristu uyiNyaniso, “elukhanyiso... olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini,” “ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwaKhe, woyazi imfundiso le”. Yohane 1:9; 7:17.ItE 35.4

    U-Yehova uya bayekela abantu baKhe ukuba bangcungcuthekiswe yimililo yezilingo, kungengakuba iya monwabisa loo nto kodwa ikukuba iya dingeka kuloyiso Iwabo lokugqibela. Naxa enguThixo wozuko, akangeke abakhusele kwizilingo kuba injongo yezilingo kukubalungiselela ukuba bamelane nezilingo zongendawo. Nokuba seyingangamadoda akhohlakeleyo okanye iidemoni, ayikho into enokususa abantu bakaThixo phambi kobuso baKhe ukuba baya zivuma, bazishiye izono zabo, babange amadinga aKhe. Sonke isilingo, esisekuhleni okanye emfihlakalweni, sinokuchaswa ngempumelelo, “kuba akungabukroti, akungamandla, kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.” Zekariya 4:6.ItE 37.1

    “Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?” 1 Petros 3:13. U-Sathana wazi kakuhle ukuba, owona mphefumlo ubuthathaka, xa uthe wahlala kuKristu, ungaphezulu kwemikhosi yobumnyama. Uhlala efuna ukuwakhupha amajoni omnqamlezo kwinqaba yawo eyomeleleyo, ngeli xesha, ewalalele, elungele ukutshabalalisa bonke abathi cakatha kumhlaba wakhe. Kuphela, kungokuxhomekeka kuThixo nokuthobela yonke imithetho yaKhe, esinokuthi sibe nokunqaba.ItE 37.2

    Akakho umntu onokusinda nokuba yimini okanye iyure ngaphandle komthandazo. Cela kuYehova, ubulumko nengqondo yokuqonda iLizwi laKhe. U-Sathana ulichule elikhulu ekucaphuleni iziBhalo, efaka eyakhe inguqulelo. kwiindawo ezithile, ethemba ukuba ngokwenza njalo uya kuba nokusikhubekisa. Kufuneka sifunde ngentliziyo ethobekileyo. Njengokuba kufuneka sisoloko simvundlele uSathana ngenxa yamacebo ache, kufuneka singayeki ukuthandaza sinokholo: “Ungasingenisi ekuhendweni.” Mateyu 6:13.ItE 37.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents