Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    4— Ubomi Obungunaphakade

    U-Sathana owaqala udushe lovukelo ezulwini, wayelangazelela ukubahlanganisa bonke abemi bomhlaba kwimfazwe noThixo. U-Adam no-Eva babonwabe kakhulu ekuthobeleni umthetho kaThixo; benobungqina obabuzingile bokuchasana nebango elalenziwe nguSathana ezulwini, ibango lokuba umthetho kaThixo wawunengcinezelo. U- Sathana wazimisela ukuba uza kubawisa, ukuze umhlaba lo, ube ngowakhe, amise kuwo ubukumkani bakhe obuya kuchasana nOsenyangweni.ItE 38.1

    U-Adam no-Eva balunyukiswa ngengozi yolu tshaba kodwa uSathana wasebenza ebumnyameni, eyifihlile injongo yakhe. Esebenzisa inyoka njengejelo lakhe, isidalwa esasisihle kunene ngembonakalo; wathetha no-Eva wathi, “Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Zenigadli kuyo yonke imithi yomyezo?” U-Eva wangena kwingxoxo naye, kwaza oko kwamenza awe, abe lixhoba leengcamango zakhe ezikhohlakeleyo. “Wathi umfazi kwinyoka, kwezi qhameni zemithi yomyezo singadla; ke iziqhameni zomthi osemyezweni phakathi uthe uThixo, Zeningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife”. “Yathi inyoka kumfazi, anisayi kufa; kuba esazi uThixo ukuba mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi”. Genesis 3:1-5.ItE 38.2

    Woyisakala, wanikezela uEva yaza indoda, uAdam, ngempembelelo yakhe, yangena esonweni. Bamkela amazwi enyoka; abazange bamthembe uMdali wabo. Babona ngathi ubakhinkxe ngentambo kwinkululeko yabo. Ingaba uAdam wayifumana isithini intsingiselo yamazwi athi, “Mhlana uthe wawudla, uya kufa?” (Genesis 2:17). Ingaba wayeza kuphakanyiselwa kweyona ndawo iphezulu ekuphileni kwakhe? Akazange ayifumane iyileyo intsingiselo, mhla wanikwa isigwebo yiNkosi. Wathi uThixo, isohlwayo sesono sakhe siya kuba kukubuyela komntu eluthulwini: “ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini”. Genesis 3:19. Amazwi kaSathana athi, “aqabuka amehlo enu” aba yinyaniso kuphela ngolu hlobo: amehlo abo avuleka, babona apho baphazame khona. Babazi ububi baza bangcamla nesiqhamo esikrakra sokreqo.ItE 39.1

    Umthi wobomi wawunako ukubenza baphile, mhlawumbi, ngonaphakade. U-Adam ebeye kuhlala enenxaxheba yokuya kutya kulo mthi, aze aphile ngonaphakade, kodwa wathi akona wasuswa kulo mthi, waza waphantsi kokufa. Ukungabi nakufa kwancanyelwa ekufeni. Bekungayi kubakho themba kuhlanga oluwileyo ukuba uThixo ebengathanga, ngokubingelela ngoNyana waKhe, wakusondeza ukuba kufikeleleke ukungafi. Nangona ukufa kuye “kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo,” uKristu “wabukhanyisa ubomi nokungonakali ngazo iindaba ezilungileyo ezithi “KungoKristu kuphela ekunokuthi kuzuzwe ukungonakali. Lowo ukholwayo kunyana, unobomi obungunaphaade; ke lowo ungamviyo uNyana akasayi kububona ubomi.” Roma 5:12; 2 Timoti 1:10; Yohane 3:36.ItE 39.2

    Ubuxoki Bokuqala

    Lo wathembisa ngobomi ekungathobelini waye ngumkhohlisi omkhulu. Isibhengezo senyoka e-Eden - “anisayi kufa” - yintshumayelo yokuqala eyashunyayelwa ngokungafi okanye ngokungonakali komphefumlo. Esi sibhengezo, sixhomekeke kuphela phezu kwegunya likaSathana, sivakaliswa kumaqonga okushumayela, sisamkelwa lula zizihlwele zabantu njengokuba benza njalo abazali bethu bokuqala. Isigwebo sikaThixo esithi “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa (Hezekile 18:20), senziwa sathetha ukuthi, Umphefumlo owonayo, awusayi kufa, kodwa uya kuphila ngonaphakade. Ukuba emva kokuba onile umntu, wayevunyelwe ukuba afikelele kumthi wobomi, isono sasiyakuba senziwe ukuba sibekho ngonaphakade. Akukho noyedwa ke kusapho luka-Adam, owavunyelwa ukuba athabathe kuloo mthi osiqhamo sinika ubomi. Ngenxa yaloo nto ke, akakho umoni onokungafi.ItE 39.3

    Emva kwesiwo, uSathana wayalela izithunywa zakhe ukuba ziyifake nzulu inkolo yokungabi nakufa komntu. Zakuba ziboyisele abantu ukuba yamkeleke le mposiso, zaziza kubakhokhelela ekukholelweni ukuba baya kuphila obu bomi bubi, ngonaphakade. Ngoko ke, itshawe lobumnyama limbeka uThixo njengesikhohlakali esinempindezelo, libabaza ukuba uThixo ubagibisela esihogweni bonke abangamkholisiyo, ukuze kuthi, xa beqhotseka kumalangatye angacimiyo, ahlale abakhangele, aneliswe. Olu tshaba lukhulu Iwambathisa uMniki—Bomi ngengubo yalo. Ukukhohlakala bubusathana. U-Thixo uluthando. U-Sathana lutshaba olumhendela esonweni umntu ukuze emva koko, lumtshabalalise ukuba lunako. Ichasene ngokupheleleyo nothando, nenceba, nobulungisa imfundiso yokuba abafe bengalunganga, bathuthunjiswa Ubomi Obungunaphakade kwisihogo esingacimiyo, baze bathi ngezono zexesha elifutshane abaliphile emhlabeni, bona bagwetyelwe ithuba elingangokuphila kukaThixo - unaphakade!ItE 40.1

    Ifumaneka phi kwimfundiso yelizwi likaThixo into enjalo? Ingaba abantu kufuneka bahlohlwe indlela ava ngayo lo usisigebenga esikhohlakeleyo? Hayi, le asinto ifundiswa yiNcwadi kaThixo. “Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo, kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife? Hezekile 33:11.ItE 41.1

    Ingaba uThixo uya vuyiswa kukubona ukuthuthunjelwa okungapheliyo? Angaba uyonwatyiswa zizincwino nokugcuma ezintlungiwini kwezidalwa zaKhe? Ingaba izandi ezivakalayo ezibuhlungu zingangumculo kwindlebe kaThixo oluthando? Athi, unyeliso olungaka! Uzuko lukaThixo alukhuliswa ngokubhebhethekisa isono ngonaphakade.ItE 41.2

    Ulahlekiso Ngentuthumbiso Engapheliyo

    Ububi buzaliswe yimfundiso yokuthuthunjiswa ngonaphakade. Inkolo yeBhayibhile ethi uzaliswe luthando nokulunga, yenziwe mbi yinkolelo egwenxa, eyambathiswe ngenkohlakalo. U-Sathana usizobe ngemibala yobuxoki isimilo sikaThixo.; ngenxa yaloo nto, u-Mdali wethu onenceba uye oyikwe, athiyiwe. limbono ezimbi ngoThixo ezithe saa kwihlabathi lonke, ziphuma kumaqonga ekushunyayelwa kuwo, zenze ukuba izigidi zikrokre, zingakholwa.ItE 41.3

    Ukungcungcuthekiswa ngonaphakade yenye yezo mfundiso, indebe yamasikizi (Isityhilelo 14:8; 17:2), iBhabheli eyiseza zonke izizwe. Abalungiseleli okanye abefundisi bakaKristu balwamkela olu lahlekiso luphuma eRoma ngexesha besamkela iSabatha yobuxoki. Ukuba siya lishiya iLizwi likaThixo, samkele iimfundiso ezibubuxoki kuba zazifundiswa ngoobawo bethu, siwa phantsi kwesigwebo esinikwa iBhabheli; sisela iwayini yamasikizi ayo.ItE 41.4

    Iqela elikhulu lityhalelwa kwenye imposiso echasayo. Liya sibona isiBhalo ukuba simbeka uThixo njengonothando nemfesane, ze singakholelwa ukuba angaze athumele izidalwa zaKhe kwisihogo esivutha ngonaphakade. Eli qela lithi, umphefumlo awufi, ngenxa yaloo nto ke, ligqiba kwelokuba bonke abantu baza kusindiswa. Umoni, ke ngoko angaphila ubomi bokuzonwabela, atyeshele izidingo zikaThixo, noko kunjalo uThixo amenzele inceba. Imfundiso enjalo exhaphaza inceba kaThixo ngokusingela phantsi ubulungisa baKhe, iyayixolisa intliziyo yesono.ItE 42.1

    Ingaba Wonke Umntu Uya Kusindiswa?

    Abantu abakholelwa kusindiso nje olungumbumbumbu, baya zikruna iZibhalo. Uthi umfundisi ebanga ukuba ungokaKristu, agxininise kubuxoki benyoka e-Eden, “Anisayi kufa.” “Mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo.” Uthi, oyena moni mkhulu - umbulali, isela, umkrexezi - mhla wafa, uya kungena kulonwabo lukanaphakade. Intsomi eyanelisayo ngokwenene, ilungiselelwe ukuxolisa intliziyo yomoni. Ukuba ibiyinyaniso into yokuba ekufeni bonke abantu bagqithela ezulwini, sonke simele ukuba silangazelele ukuphuma kobu bomi, siye kulonwabo Iwelizwe likanaphakade.ItE 42.2

    U-Thixo ubonisa ngokucacileyo eLizwini laKhe ukuba uya kubohlwaya abaphuli bomthetho waKhe. Ingaba inceba yaKhe ayikulingananga na ukuba ingamphatha ngobulungisa umoni? Khangela kumnqamlezo waseKalvari. Ukufa noNyana kaThixo kungqina ukuba “umvuzo wesono kukufa” (Roma 6:23) nokuba konke ukophula umthetho kaThixo kumele kukohlwaywa. U- Kristu ongenasono, waba sisono ngenxa yomntu. Wathwala ubutyala besikreqo, wanyamezela nokuba uYise abufihle ubuso baKhe kuYe, yada yaphuka intliziyo yaKhe, nobomi bakhe batyunyuzwa - konke oku kusenzeka ukuze umoni ahlangulwe. Wonke umphefumlo owala ukwamkela olu camagushelo Iwenziweyo ngexabiso elingaka, uya kuzithwalela ubutyala bakhe, athwale nokohlwaywa ngenxa yesikreqo sakhe.ItE 42.3

    Imiqathango Ibekwe Yacaca

    “... ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. Eli dinga lelabo banxaniweyo kuphela. “Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.” Isityhilelo 21:6,7. Imiqathango ibekwe yacaca ukuze; ukuze sidle ilifa lazo zonke izinto, simele ukoyisa isono.ItE 43.1

    Ongendawo uziqwebela “ingqumbo, ngemini yengqumbo kaThixo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa; imini apho kuya kuvuzwa lowo nalowo ngokwmisebenzi yakhe,” bavuzwe “ngembandezelo noxinaniso lomphefumlweni bonke abasebenza ububi. “Roma 2:5,6,9.ItE 43.2

    “Wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, (umntu) ongumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo. “Banoyolo abo bayenzayo imithetho yaKhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki” Efese 5:5; iSityhilelo 22:14,15.ItE 43.3

    U-Thixo uyibalule kumntu wonke indlela asebenza ngayo nesono; “abatshabalalise bonke abangendawo.” “Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele; izivela-mva zongendawo ziyanqunyulwa.” INdumiso 145:20; 37:38. Igunya lolawulo lukaThixo liya kulubhuqa uvukelo, ukanti ubulungisa obohlwayayo buya kufanelana nesimilo sikaThixo njengonenceba nobubele.ItE 44.1

    U-Thixo akayinyanzeli intando yomntu. Akonwatyiswa kukuthotyelwa ngokobukhoboka. Unga izidalwa zezandla zaKhe zingamthanda kuba efanelwe kukuthandwa. Unga zingamthobela kuba zinengqondo enombulelo ngobulumko baKhe, ubulungisa nobubeie.ItE 44.2

    Imiqathango yolawulo lukaThixo ihambelana nomthetho woMsindisi, “Zithandeni iintshaba zenu.” Mateyu 5:44. U-Thixo wenza ngobulungisa kwabo bakhohlakeleyo ukuze kulungelwe izulu nomhlaba kwa nokulungelwa kwabo izigwebo zaKhe zibafikelayo. Ube ngabenza bonwabe ukuba ebenako. Uburhangqa ngeempawu zothando IwaKhe abalandele ngokubanika inceba, ukanti bona baya ludela uthando IwaKhe, bawenze into engento umthetho waKhe, bangayamkeli inceba yaKhe. Bathi beqhubeka ukwamkela izipho zaKhe, babe beqhubeka ukungamzukisi Lowo ubaphayo. U-Yehova ubunyamezele ubugwenxa babo, kodwa angaba ulindeleke ukuba abaqamangele kuYe aba bavukeli, abaqamqngele ngamatyathanga ukuze benze intando yaKhe?ItE 44.3

    Ukungalungeli Ukungena Ezulwini

    Abo banyule uSathana njengenkokheli yabo, abakulungelanga ukuya kungena phambi kukaThixo. Ikratshi, ulahlekiso, ukuthanda iziyolo, nenkohlakalo ziye zamila kwisimilo sabo. Bangakwazi na ukuya kungena ezulwini apho baya kuhlala khona ngonaphakade nabo babebathiyile ngexesha babesemhlabeni? Inyaniso ayisayi kuze ivumelane nobuxoki, ubulali abungeze banelise ukuziphakamisa, ubunyulu abamkelekanga ekungcoleni; uthando olungakhethiyo alunamtsalane kwabanomona. Luvuyo olunjani izulu elinokulunika abo bathe bhakada ekufuneni okukokwabo?ItE 45.1

    Ingaba abo bantliziyo zabo zizaliswe yintiyo ngakuThixo, ngakwinyaniso nobumngcwele, bangakwazi ukuxubana nesihlwele sasezulwini, bavume kunye nabo, iingoma zokudumisa? Babeyinikiwe iminyaka emininzi yenceba, kodwa abazange bazilulekele ukuthanda ubunyulu, ingqondo zabo. Abazange balufunda ulwimi Iwasezulwini. Sekumva kakhulu ke ngoku.ItE 45.2

    Ubomi bokuvukela uThixo bubenze abalifanela izulu. Ubunyulu balo noxolo Iwalo lungaba sisigculelo kubo; ukubengezela kukaThixo kungaba ngumlilo odlayo. Banga langazelela ukubaleka bemke kuloo ndawo ingcwele, baxolele ukutshabalala, ukuze bafihlwe ebusweni baLowo wafela ukubathenga. Isiphelo sabangendawo siqinisekiswe kukukhetha kwabo. Ukushiywa kwabo ngaphandle kwezulu kukuzithandela kwabo, yaye uThixo yena ngokobuThixo baKhe, ulungile, unenceba. Njengamanzi kaNogumbe, imililo yomhla omkhulu ibalula ukuba, ngokwesigwebo sikaThixo, abangendawo abanakunyangeka. Intando yabo isetyenziswe ekuvukeleni. (uThixo) Bakuba buphelile ubomi, sekusemva kakhulu ukuba kungajikelwa iingcamango zabo ekuthobeleni, zisuke kwintiyo ziye eluthandweni.ItE 45.3

    Iziphelo Ezibini

    “Umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi ubungunaphakade ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu”. Ngeli xesha ubomi bulilifa lamalungisa, ukufa kusisabelo sabangendawo. “Ukufa kwesibini” kuthelekiswa nobomi obungapheliyo. Roma 6:23; khangela isiTyhilelo 20:14.ItE 46.1

    Ngokwesiphumo sesono sika-Adam, ukufa kulutyhutyhe lonke uhlanga Iwabantu. Bonke, ngokufanayo, bayehla, bangene engcwabeni.ItE 46.2

    Ngenxa yecebo losindiso, bonke baya kubuyiswa, baphume kumangcwabo abo, “kuza kubakho uvuko Iwabafileyo, Iwamalungisa kwanolwa-bangemalungisa, “kuba, njengokuba kuye u-Adam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke.” Uyenziwa ke kodwa umahluko phakathi kwezi ndidi zimbini zivusiweyo; “Bonke abasemangcwabeni balive ilizwi laKhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi beze eluvukweni lokugwetywa ” - iZenzo 24:15; 1 korinte 15:22; Yohane 5:28, 29.ItE 46.3

    Isiphelo Sokuphatheka Kakubi

    Abo “kuthiwe bafanele” uvuko lobomi “banoyolo, bangcwele.” “Ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo.” Luka 20:35; IsiTyhilelo 20:6. Abo ke, bangakuzuzanga ukuxolelwa ngako ukuguquka nokholo, bamele ukwamkela “umvuzo wesono,” ukohlwaywa “ngokwemisebenzi yabo,” isiphelo ibe “kukufa kwesibini”.ItE 47.1

    Njengokuba uThixo engenako ukumsindisa umoni esezonweni zakhe, umvimba ithuba lokuphila kuba ubugwenxa bakhe bumenze ukuba alincame yaye naye ubonalisile ukuba akalifanele. “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo, uthi wakuyikhangela indawo yakhe, ingabikho.” “[Baya kuba] njengabangazange babekho. “INdumiso 37:10; Obhadiya isahluko 16. Bangena ekulibalekeni kukanaphakade okungenathemba.ItE 47.2

    Siya kuphela kanjalo ke isono. “...wabatshabalalisa abangendawo, igama lazo (iintlanga) ulicimile ngonaphakade kanaphakade. lintshaba zona zififingwe bubugwenxa bazo.” INdumiso 9:5, 6. U-Yohane kwisiTyhilelo, uva ingoma yendumiso ephuma kwindalo yonke (izulu nomhlaba) engaphazanyiswa nakancinane bubuyilo. Akukho miphefumlo inyelisa uThixo kuba ikroqwa isezintlungwini ezingapheliyo. Akukho bantu bakwintlekele yesihogo baya kuphazamisa ingoma yabasindisiweyo ngezikhalo zabo.ItE 47.3

    Le mposiso ingokungafi ihamba nemfundiso yokuba kukho ukwazi ekufeni. Nayo le mfundiso ingokungcungcuthekiswa ngonaphakade, ichasene nesiBhalo, nokucingisisa kunye nendlela esiyiva ngayo kwimvakalelo zethu njengabantu.ItE 47.4

    Inkolo eqhelekileyo, ethanda nguwonke-wonke ithi, abasindisiweyo abasezulwini, bayazi yonke into eqhubeka apha emhlabeni. Bangonwaba njani ke xa besazi ngeenkathanzo abakuzo abantu abaphila emhlabeni, xa bebabona benyamezele iintlungu, ukudaniswa, nokudandatheka ebomini? Athi! ukuba kubi kwenkolo yokuba, ngako nje ukuba umoya uphume emzimbeni, umphefumlo womntu ongaguqukanga, ungena kumalangatye esihogo!ItE 48.1

    Zithini iziBhalo? Umntu akazi nto xa efile. “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” “Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa, ke bona abafileyo abazi lutho ..., seluphelile kade uthando Iwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.” “Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa, abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho. Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla.” “Ngokuba ekufeni akusekho kukhumbula; kwelabafileyo, ngubanina osenokubulela kuwe? INdumiso 146:4; iNtshumayeli 9:5, 6, Isaya 38:18; INdumiso 6:5.ItE 48.2

    U-Petros, ngemini yePentekoste wathi, uDavide “wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla. “kuba uDavide, nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla. “Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini,” IZenzo 2:29, 34. Kwa le nto yokuba uDavide abe usesengcwabeni kude kubekho uvuko, ibonisa ukuba awayi ezulwini amalungisa xa esifa.ItE 48.3

    Ukuvukela kubomi Obungunaphakade

    Ngexesha uYesu eshiya abafundi baKhe, akathanga baza kuya kuYe kwakamsinyane. “Ndiya kunilungiselela indawo ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” Yohane 14:2,3. U-Pawulos yena udlula athi, “iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi leziphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo; baze abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni, size ngokunjalo, sihlale sihleli sindawonye neNkosi. Uqwela ngelithi, “Thuthuzelanani ngala mazwi.” 1 Tesalonika 4:16-18. Ekufikeni kweNkosi, aya kuqhawuka amatyathanga avale amangcwaba baze abafele kuKristu, bavukele ebomini obungunaphakade.ItE 49.1

    Bonke baya kugwetywa ngokwezinto ezibhaliweyo ezincwadini baze bavuzwe ngokwemisebenzi yabo. Lo mgwebo awenzeki ekufeni. “Ngokuba emise umhla aza kugweba ngawo elimiweyo ngobulungisa”. “Yabonani, iyeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, ukuba ibagwebe bonke.” IZenzo 17:31; Juda 14, 15.ItE 49.2

    Ukuba ke ngoko, abafileyo sebexhamla izulu, nabangendawo baguquguqulwa kumalangatye esihogo, ungaba usafuneka ngantoni umngwebo ozayo? Ilizwi likaThixo licace nasesidengeni. Yeyiphi le ngqondo isebenza kakuhle ibona ubulumko okanye ubulungisa kule mfundiso ikhoyo? Ingaba amalungisa aseza kunconywa kuthiwe, “He eke, mkhonzi ulungileyo, ... .ngena eluvuyweni Iwenkosi yakho,” ngoku sebehleli phambi kwaYo, iinkulungwane ezininzi zeminyaka? Ingaba abangendawo baza kubizwa ukuba baphume phaya ekungcungcuthekeni ukuba bazokugwetywa nguMgwebi, athi, “Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade?” Mateyu 25:21, 41.ItE 49.3

    Imfundiso yomphefumlo ongafiyo yenye yeemfundiso zobuxoki ezabolekwa yiRoma ebuhedenini. U-Martin Luther wasuka wathi, le mfundiso yenye “yeentsomi ezoyikekayo eziyinxalenye yenkunkuma yeemfundiso zaseRoma.” I- Bhayibhile ifundisa ukuba abafileyo balala kude kufike uvuko.ItE 50.1

    Ukungabi Nokufa Kwakufika U-Yesu

    Uphumlo olunoyolo kumalungisa adiniweyo! Ixesha, nokuba lide okanye lifutshane, lingumzuzwana kumalungisa alele; avuselwe ekungonakalini, lixilongo likaThixo. “Kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala. ... Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, ukufa kufincelwe eloyisweni. “1 Korinte 15:52-54.ItE 50.2

    Baya kuthi xa bevuka ebuthongweni babo, baqale ukucinga ukuba bebesenza ntoni na kanene. Into yokugqibela yayikukuhlatyaniselwa kukufa; ingcamango yokugqibela, yayiyeyokuba baza kungena phantsi kwamandla engcwaba. Xa bephuma engcwabeni, uvuyo Iwabo oluphambili luya kuvakaliswa ngumkhwazo woloyiso, “Luphina kufa ulwamvila Iwakho? Luphina, Hadesi, uloyiso Iwakho?” 1 Korinte 15:55.ItE 50.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents