Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    8—Ukukhusela Inyaniso

    Umsebenzi wokunqula uThixo wakhelwe phezu kwenyaniso yokuba unguMdali. “Yizani masiqubude, siguqe, sithobe phambi koYehova umenzi wethu.” INdumiso 100:3; 95:6.ItE 79.1

    KwiSityhilelo 14, abantu babizwa ukuba banqule uMdali, bagcine imithetho kaThixo. Omnye wale mithetho ukhomba ngqo kuThixo njengoMdali. “Umhla wesixhenxe uyiSabatha kaYehova uThixo wakho... neento ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe, ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.” Eksodus 20:10,11. Ethetha ngeSabatha, uYehova uqhubeka athi, “...ingumqondiso... ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.” Hezekile 20:20. Ukuba iSabatha yayigcinwe kumhlaba wonke, iingcinga nothando lomntu zaziya kukhokhelelwa kuMdali yaye ngekungekho nomntu onqula izithixo, nongakholelwa kuThixo okanye ingqola. Ukugcina iSabatha ngumqondiso wokunyaniseka kuThixo wenene, Kucacile ke, ukuba isigidimi esithi makunqulwe uThixo, kugcinwe imithetho yaKhe, yaye ngaso siya kwenza ubizo ebantwini; ubizo lokuba bagcine iSabatha yomthetho wesine.ItE 79.2

    Ukubuyiselwa Kwenyaniso

    Uhlaziyo IweSabatha ngemihla yokugqibela, kuthethwe ngako kulsaya: “Utsho uYehova ukuthi, gcinani isiko, nenze ubulungisa, kuba lusondele ukuba luze usindiso Iwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke. Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku, ogcina isabatha ukuba angayihlambeli, ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi...Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam, ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endtwini yam yokuthandaza.” Isaya 56:1, 2, 6, 7.ItE 80.1

    La mazwi asebenza ngale mihla yobuKristu, ngokutsho komxholo (wendima 8). Apha kutyhilwa ukungena kwanokuhlanganiswa kweentlanga yivangeli, xa abakhonzi baKhe beshumayela iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga.ItE 80.2

    U-Yehova ukhupha umyalelo; “Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.” Isaya 8:16. Itywina likaThixo lifunyanwa kumthetho wesine. Lo, wona wodwa kule ilishumi, uveza igama, negama lesikhundla soMnini-mthetho.ItE 80.3

    Ukuguqulwa kweSabatha ligunya lobupopi, kwasusa itywina emthethweni. Abafundi bakaYesu kuthiwa mabalibuyisele ngokuphakamisa iSabatha njengesikhumbuzo soMdali nomqondiso wegunya laKhe.ItE 80.4

    AmaProtestanti abeka into yokuba ukuvuka kukaKristu ngeCawe kwayenza iCawe ibe yiSabatha yobuKristu. Ayikho intlonipho okanye uzuko olwabekwa kolo suku nguKristu okanye abafundi baKhe. Ukugcinwa kweCawe kuphuma “Kwimfihlelo yokuchasana nomthetho” eyayise iqalile ukusebenza ngemihla kaPawulos. Sizathu sini esinokunikwa ngokuguqulwa kweSabatha, nto leyo engavunywanga nayiBhayibhile?ItE 80.5

    AmaProtestanti aya kuvuma “ukuthi cwaka ngokupheleleyo kweTestamente eNtsha ngokubhekisele kumthetho weSabatha (le iyiCawe, umhla wokuqala weveki) okanye kwimigaqo yokugcinwa kwayo. “Ukuza kuthi ga kwixesha lokufa kukaKristu, akukho nguqulelo yakha yenziwa kolu suku,” yaye “ngokubonisa kwengxelo, abapostile abazange bakha banika umyalelo othe ngqo wokuyekwa kweSabatha yomhla wesixhenxe, ukuze igcinwe ngomhla wokuqala weveki.”ItE 82.1

    AbaseRoma Katolika bayavuma ukuba uguqulo IweSabatha Iwenziwe libandla labo, batsho besithi, ngokugcina iCawe, amaProtestanti ahlonipha igunya lawo, maRoma. Ikho intetho ethi, “Ngexesha lomthetho omdala, uMgqibelo wawuyimini eyangcwaliswayo; kodwa iBandla, ngokuyalelwa nguYesu, likhokhelwa nguMoya kaThixo, lamisa iCawa endaweni yomgqibelo; kungoko ke ngoku singcwalisa olokuqala, i-Cawe emele iMini yeNkosi.ItE 82.2

    Umyalelo unikiwe; “Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo Iwabo”; athi uYehova kubo, “abantu bam”, kufuneka bengxolisiwe ngenxa yokreqo Iwabo, udidi Iwabantu oluzicingela ukuba luwulungele umsebenzi kaThixo. Esi sisigidimi sokungxolisa esivela kuMphengululi weeNtliziyo, sibabonisa ukuba bangayinyatheleli phantsi imiyalelo engcwele. Isaya 58:1,2.ItE 82.3

    Umprofeti uwolatha ngokuphandle umyalelo oshiyiweyo: “... ivuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukumbiza nguMvingci-wamathuba, nguMbuyisi-womendo-wokuhlala. Ukuba uthe walubuyisa unyawo Iwakho kwiSabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele - wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kuYehova; wathi inozuko, wayizukisa. ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni; uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova.” Isaya 58:12-14.ItE 83.1

    Ithuba (okanye isikroba) senziwa emthethweni kaThixo mhla iSabatha yaguqulwa ligunya laseRoma. Lifikile ke ngoku ixesha lokuba sivalwe isikroba eso.ItE 83.2

    I-Sabatha yagcinwa ngu-Adam engenasono eEden, waphinda wayigcina selewile kodwa eguqukile, ngexesha lokugxothwa kwakhe kumzi wakhe. Yagcinwa ngabo bonke oobawomkhulu kususela ku-Abheli; kuse kuNowa, ku-Abraham, noYakobi. Xa waye khulula amaSirayeli, uYehova wawubhengeza umthetho wakhe kwinginginya yabantu.ItE 83.3

    I-Sabatha Yenene Yagcinwa Okoko

    Ukususela ngaloo mhla, ukuza kufika ngoku, iSabatha ihleli igcinwa nangona “umntu wesono” waya waphumelela ukuyinyathelela phantsi kwenyawo zakhe imini kaThixo engcwele naxa kwiindawo ezifihlakeleyo, kukho imiphefumlo ethembekileyo eyayiyihlonipha. Kususela kuHlaziyo, bakho kuzo zonke izizukulwana ababeyigcina.ItE 83.4

    Ezi nyaniso zihlangene neendaba ezilungileyo ziya kulahlula ibandla likaKristu ngexesha lokubonakala kwaKhe. “Naba abayigcinayo imithetho kaThixo, nokukholwa kuYesu.” Isityhilelo 14:12.ItE 83.5

    Abo bathi bakufumana ukukhanya emnqubeni nangomthetho kaThixo, bazaliswa luvuyo xa bebona ukuhambelana kwenyaniso; baze balangazelela ukuba ukukhanya oko kugqithiselwe kuwo wonke amaKristu. Noko ke, inyaniso ezichasene nehlabathi, azamkeleki kwabaninzi, (kanye aba) bazibiza ngokuba balandela uKristu.ItE 84.1

    Njengokuba amabango eSabatha etyhilwa, abaninzi bathi, “Sisoloko sagcina iCawe, oobawo bayigcina, maninzi namadoda alungileyo ada afa eyigcina. Ukugcina iSabatha kuya kusisusa ekusebenzisaneni nehlabathi: kuba yintoni enokwenziwa liqaqobana labantu abagcina umhla wesixhenxe kwihlabathi lonke eligcina iCawe?” Ngeengxoxo ezikwanjalo, amaYuda akuthethelela ukungamamkeli kwawo uKristu. Abobupopi baxoxa kwangolo hlobo ngexesha likaMartin Luther, besithi: maninzi amaKristu enene afele kwinkolo yeKatolika; ngoko ke, loo nkolo yayanele. Ukuzathuza ngolo hlobo kuya kuhamba kube ngumqobo ekukhuleni kokholo.ItE 84.2

    Abaninzi babeka into yokuba ukugcina iCawe sisithethe sebandla seminyaka. Le ngxoxo ihamba ithi, iSabatha nokugcinwa kwayo yinto yakudala, indala nakunehlabathi; yasekwa nguNyangelemihla.ItE 84.3

    Njengokuba bungekho ubungqina beBhayibhile, abaninzi baxoxa bathi, “Kutheni le nto amadoda ethu amakhulu engayiqondi nje le nto yeSabatha? Bambalwa abantu abakholwa ngolu hlobo Iwenu. Yenzeka njani into yokuba nina nibe niyalungisa baze bonke abanye abantu baphosise kodwa befundile”ItE 84.4

    Ukubonisa ukuba loo mabango aya phosisa, kufuneka ukuba kucatshulwe iziBhalo, kuboniswe indlela iNkosi eye yabaphatha ngayo abantu baYo kuzo zonke iinkulungwane. Isizathu sokuba iNkosi ingasoloko inyula abantu abafunde kakhulu nabanamagama ukuba bakhokhele uHlaziyo-nkolo, kungokuba kulula kubo ukuthembela kwizikhokhelo zabo esezicwangcisiwe neenkqubo zobuthixo abazilandelayo, bangasiboni isidingo sokufundiswa ngoThixo. Abantu abangafundanga kuyaphi, baziwa njengabantu abayibabazayo inyaniso, hayi kuba bengafundanga kodwa kuba abazaliswanga kukuzithemba okwenza ukuba bangabi nakufundiswa nguThixo. Ukuzithoba nokuthobela kwabo, kubenza bakhulu.ItE 84.5

    Ukholo Nesibindi

    Yayingeyiyo intando kaThixo ukuba uSirayeli abhadule entlango amashumi amane eminyaka. Wayelangazelela ukubakhokhelela ngqo eKanana ukuze abakhe khona apho, babe luhlanga olungcwele, abantu abonwabileyo. Noko kunjalo, “babengenakungena ngenxa yokungakholwa.” Hebhere 3:19. Ngokukwanjalo, yayingeyiyo intando kaThixo ukuba ukubuya kukaKristu kulibale kangaka, abantu baKhe bahlale iminyaka emininzi kangaka kweli hlabathi lesono nobuhlungu.ItE 85.1

    Ukungakholwa kubahlukanisile noThixo. Ngenxa yenceba anayo kwihlabathi, uYesu ukulibazisile ukubuya kwaKhe, ukuze aboni bakwazi ukuva izilumkiso baze bafumane ukhuseleko phambi kokuba ingqumbo kaThixo ithululwe.ItE 85.2

    Ngoku, njengakwimihla yamandulo, ukushunyayelwa kwenyaniso kuza kuqhwitha inkcaso. Abaninzi abanobubi baza kuhlasela isimilo neenjongo zabo bamela inyaniso engathandwa kakhulu. U-Eliya kwathiwa nguye ohlupha uSirayeli, kwathiwa uYeremiya ngumngcatshi, uPawulos yena kwathiwa ungcolisa itempile. Ukususela ngaloo mihla ukuza kuthi ga ngoku, abo banga bangathobela inyaniso, basingelwa phantsi njengabalahlekisi, abakreqi okanye abeza neyantlukwano okanye abaqhekezi bobunye obukhoyo.ItE 85.3

    Uvumo lokholo olwenziwa ngabangcwele namafela-nkolo: loo mizekelo yobungcwele nokumela inyaniso ivuselela isibindi kwabo babizwayo ngoku ukuba beme, babe ngamangqina kaThixo. Umkhonzi kaThixo ngeli xesha unikwa umyalelo; “Danduluka uphimisele, ungathinteleki, phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo Iwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo.” “ndikwenze waba ngumboneleli kwindlu kaSirayeli, woliva emlonyeni wam izwi, ubavuselele ngokuphuma kum.” Isaya 58:1; Hezekile 33:7.ItE 86.1

    Isithintelo esikhulu ekwamkelweni kwenyaniso, sesokuba ixakekisa kakhulu, izise nokugculelwa okanye ukugxekwa. Kuphela kwento ethethwayo ngenyaniso abangakwaziyo ukuyiphikisa abachasi bayo. Ke bona abalandeli benene bakaKristu abalindeli ukuba inyaniso ide ithandeke. Bamkela umnqamlezo, baze bathi nompostile uPawulosi, bathabathe ngokuba “ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade,” bekunye nomnye wakudala, “bekubalele ukungcikivwa kukaKristu, kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiphutha.” 2 Korinte 4:17; Hebhere 11:26.ItE 86.2

    Kufuneka sikukhethe okulungileyo ngenxa yokuba kulungile, siziyekele kuThixo iziphumo. Ihlabathi lizuze okukhulu, imvuselelo nohlaziyo kubantu abanomthetho, ukholo nesibindi. Ngabantu abanjalo ke, ekufuneka baqhubele phambili umsebenzi wohlaziyo, ngeli xesha langoku.ItE 86.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents