Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    10— Ukuhlangulwa Okukhulu

    Xa kuthe kwasuswa ukukhuselwa yimithetho yabantu kwabo babamba umthetho kaThixo, kuya kuthi, ngaxesha linye kumazwe ngamazwe, kuvuke intshukumo yokubatshabalalisa. Kuya kuthi ngokusondela kwexesha elimisiweyo emthethweni, abantu bacele ukuba ngobusuku obunye kuthi cwaka, liphele ilizwi “labavukeli nabakhalimeli” babo.ItE 99.1

    Abantu bakaThixo - abanye beseziseieni, abanye emahiathini nasezintabeni - bacela ukuba izulu lingenelele. Amadoda axhobileyo, eqhutywa ziingelosi ezikhohlakeleyo, alungiselela umsebenzi wokufa. Kuthi ngoku, ngeyure esencotsheni yentshutshiso, noThixo angenelele: niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komtheneleko, novuyo Iwentliziyo njengabahamba...ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli. Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu nesiphango, namatye esichotho. “Isaya 30:29, 30.ItE 99.2

    Izihlwele zamadoda akhohlakeleyo zingxamele ukuqwenga ixhoba lazo, kodwa kuthi ngoko, kuvele ubumnyama obungqingqwa, bugqitha nobona busuku bumnyama, buwugubungele umhlaba. Kwakhona kuvela umnyama uthi tshitshilili emazulwini yaye ubukeka ngathi urhangqa iqela ngalinye elithandazayo. Le mikhosi inomsindo ithi xhungu. Itsho ilibale ngaba bantu ibaleqayo. Iqwalasela umfuziselo womnqophiso kaThixo, inge ingakhuselwa ekubengezeleni kwawo.ItE 99.3

    Abantu bakaThixo beva izwi lisithi, “khangelani phezulu!” NjengoStefano ifela-nkolo lokuqala elingumKristu, bakhangela phezulu, babone ubuqaqawuli bukaThixo kunye noNyana woMntu phezu kwetrone yaKhe. (Funda IZenzo 7:55,56). Babona iimpawu zokuhlaziswa kwaKhe, baze bave isicelo esithi, “Ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna, “Yohane 17:24. Kuvakala izwi lisithi, “Beza bengcwele, bengenabungozi, bengenabala! Baligcinile ilizwi lomonde wam’’.ItE 100.1

    Kufika Ukuhlangulwa

    Ezinzulwini zobusuku uThixo ubonakalisa amandla okusindisa abantu baKhe. Ilanga livela likhanye ngokwasemini emaqanda. Kulandla imiqondiso nezimanga. Abangendawo bawukhangela lo mbono ngoloyiko, ukanti amalungisa abona iimmpawu zokuhlangulwa kwawo. Kuthi phakathi kwamazulu alwayo, kubonakale indawana ekuphuma kuyo ubuqaqawuli obungenakuchazwa apho kuphuma khona ilizwi likaThixo, livakala ngokwamanzi amaninzi, lisithi “Kwenzekile!” IsiTyhilelo 16:17.ItE 100.2

    Elo lizwi lishukumisa amazulu nomhlaba. Kukho inyikima enkulu “ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.” IsiTyhilelo 16:18. Amawa aqhekekileyo athi saa kuyo yonke indawo. Ulwandle lulatyuza ngomkhulu umsindo. Kuvakala isandi somoya omkhulu ngathi lilizwi leedemoni. Umhlaba uya qhekeka. Iziseko zawo ngathi ziyasuka. Izixeko ezingaselwandle ebesezifana neSodom zigutyungelwa ngamanzi alwayo. “I-Bhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yaKhe.” IsTyhilelo 16:19. Amatye amakhulu esichotho enza umsebenzi wawo wokutshabalalisa. Izixeko ezikhulu zamabhongo ziwiswe phantsi. Amabhotwe amahle apho abantu bachitha khona bonke ubutyebi babo, atshabalala bejongile. lindonga zezisele ziyaqhekeka, zivuleke, bekhululeka baphume abantu bakaThixo.ItE 100.3

    Amangcwaba ayavuleka, kukuvuka abaninzi kwabaleleyo, eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, nabo baya kwingcikivo nakwinyumnyezi elingunaphakade.” Nabo bamhlabayo; abo babegculele uKristu esezintlungwini zokufa, nabachasi abandlongondlongo benyaniso yaKhe, baya vuswa ukuze babone uzuko olubekwa phezu kwabo balulamelayo nabathobelayo. Daniyeli 12:2; IsiTyhilelo 1:7.ItE 101.1

    Imibane eyoyikekayo igquma umhlaba ngengubo yomlilo. Ngasentla zindudumo, amazwi angaqhelekanga nawoyikekayo, axela ukuba ifikile intshabalalo yabangendawo. Abo babezigwagwisa bedelela, bebakhohlakalele abantu abagcina imithetho kaThixo, ngoku baya duda kukoyika. lidemoni ziyangcangcazela ngelixa abantu bekhalela inceba.ItE 101.2

    Imini Yenkosi

    UmprofetHi u-lsaya wathi, “Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo, ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha baKhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.” Isaya 2:20, 21.ItE 101.3

    Abo bancama konke ngenxa kaKristu, ngeli xesha, bakhuselekile. Bathi bejongene nokufa, balibonisa ihlabathi ukukholelwa kwabo luLowo wafa ngenxa yabo. Ubuso babo obusebumgqubagqubane, buthe woxo kukutyhafa nokudinwa, buthi phaka kuba bemangalisiwe. Baphakamisa amazwi ngoloyiso bevuma besithi, “UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi, ezimbandezelweni ufumaneka eluncedo kunene. Ngenxa yoko asoyiki, ekuphendukeni kwehlabathi, ekudilikeni kweentaba esazulwini solwandle. Makagqume alephuze amanzi alo; iinlaba zinyikime ngokukratsha kwalo.” Indumiso 46:1-3.ItE 101.4

    Ngeli xesha la mazwi okuthemba uThixo ongcwele enyuka esiya kuYe, ubuqaqawuli besixeko sasezulwini buthi gqi, buphuma kwisango elivuliweyo. Ngelo xesha kanye, kubonakala isandla esibhakabhakeni, siphethe amacwecwe amabini amatye - La mthetho ungcwele wawunikelwe eSinayi, uvezwa njengesiseko sogwebo. Amagama awo acace kakhulu ukuba nabani abe nokuwafunda. Inkumbulo iyavuseleka. Ubumnyama benkolo nokreqo zithi shwaka kuyo yonke ingqondo.ItE 102.1

    Kunzima ukuchaza ukoyika nokothuka kwabo bawunyathela ngenyawo umthetho kaThixo. Bayityhalela bucala imithetho kaThixo, bafuna ukreqo khon’ukuze bathandwe, banconywe lihlabathi. Ngoku bagwetywa ngulo mtheto bebewujongele phantsi, bawuchasa. Baya bona ngoku ukuba abanatyholo lakusithela. lintshaba zomthetho kaThixo zinombono omtsha ngenyaniso nento emayenziwe. Ziyibona sekusemva kakhulu into yokuba iSabatha ilitywina likaThixo ophilileyo. Zisibone sekumva kakhulu isiseko sentlabathi ezakhele phezu kwaso. Zibe zisilwa noThixo, abafundisi bezenkolo bekhokhelela imiphefumlo emininzi entshabalalweni: besithi bona babakhokhelela eParadesi. Hayi ukuba lukhulu koxanduva Iwamadoda akwizikhundla zobungcwele, hayi ububi beziqhamo zokunganyaniseki kwabo.ItE 102.2

    Ukumkani Wookumkani Uyabuya

    Ilizwi likaThixo livakala likhankanya umhla neyure uYesu ayakufika ngayo. U-Sirayeli kaThixo uyema aphulaphule, imbonakalo yabo, iya khanya ngenxa yobuqaqawuli baKhe. Kwa ngoko, kuvela ilifu elincinane elimnyama. Lilifu elizungeze uMsindisi. Ngokuzola okunesithozela abantu bakaThixo bondela kweli lifu njengokuba lisiya lisondela kufuphi, lide libe lilifu elikhulu, ngaphantsi kwalo bubuqaqawuli obufana nomlilo odlayo, kanti ngaphezulu kwabo kukho umnyama womnqophiso. U-Yesu, engasenguye “oqhelene nesifo”, uyeza eligorha eloyisileyo. Izithunywa ezingcwele, umkhosi omkhulu ongenakubalwa, zilungiselela kuYe, zizigidi ngezigidi. Onke amehlo ayalibona iTshawe lobomi. Isithsaba sozuko siphezu kwentloko yaKhe. Imbonakalo yaKhe ikhanya ngaphezu kwelanga lasemini emaqamnda “Engutyeni yakhe nasethangeni laKhe waye negama libhaliwe kwathiwa, “UKumkani kakumkani, UNkosi kankosi.” IsiTyhilelo 19:16.ItE 102.3

    U-Kumkani kakumkani, uyehla phezu kwelifu, embathiswe umlilo ovuthayo. Umhlaba uya ngcangcazela phambi kwakhe,” Uyeza uThixo wethu, akayi kuti cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, ngenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu. Ubiza izulu phezulu, nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.” iNdumiso 50:3,4.ItE 103.1

    “Bathi ookumkani bomhlaba, namanene nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emqolombeni nasemaweni eentaba. Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana; ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na onako ukuma?” IsiTyhilelo 6:15-17. Iziqhelo ezigculelayo ziphelile, imilebe exokayo ithe cwaka. Akukho nto ivakalayo ngaphandle kwelizwi lomthandazo nesandi sesikhalo. Abangendawo bathandazela ukuba bangcwatywe ngaphantsi, ngamawa endaweni yokuhlangana naYe abamdelayo. Ela lizwi lingena ligqobhoze kwindlebe zabafileyo, bayalazi. Bekufuthi kangaphi ukucenga kwalo libabiza ukuba baguquke. Sekukangaphi beliva ngezicengo zomhlobo, zomzalwana noMsindisi. Eli lizwi livusa iinkumbulo zezilumkiso ezajongelwa phantsi nezimemo ezaliwayo.ItE 103.2

    Kukho nabo babegculela uYesu ekuhlazisweni kwaKhe. Wathi ke uYesu, emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.” Mateyu 26:64. Bayambona ngoku esebuqaqawulini baKhe; baseza kumbona ehleli ngasekunene kwamandla. Nanko uHerode oziphakamisileyo owanyevulela isikhahlelo sakhe sobukhosi. Nanga amadoda awabeka isitshaba sameva ebunzini laKhe, abeka esandleni saKhe intonga engumfanekiso wokuhlekisa - abo bagoba kuYe benyelisa, behlekisa, belitshicela iTshawe lobomi. Ngoku, banga bangabaleka phambi kwakhe. Abo babebethelela izikhonkwane ezandleni nasezinyaweni zaKhe, babona loo manxeba, boyike, bazisole.ItE 104.1

    Ababingeleli nabaphathi bazikhumbula ngokucacileyo iziganeko zeKhalvari, indlela ababehlunguzela ngayo iintloko ngokovuyo lobuSathana, bekhwaza besithi, “Abanye wabasindisa, yena ngokwakhe akanakuzisindisa.” Mateyu 27:42. Ngaphezu koko kukhwaza kuthi, “Mbethelele emnqamlezweni, mbethelele emnqamlezweni!” okwakuvakala kuyo yonke iJerusalem, kunyuka isikhalo sokungabi nakuzinceda,” UnguNyana kaThixo! “Bafuna ukubaleka, bemke phambi kukaKumkani weekumkani.ItE 104.2

    Kubomi babo bonke abayalayo inyaniso kukho amathuba esithi isazela sivuseleleke, xa umphefumlo uthwaxwa kukuzisola. Ziyintoni zona ezo zinto xa zithelekiswa nobuhlungu baloo mini! Phakathi kokoyika kwabo, kuvakala amazwi abangcwele bekhwaza besithi, “Yabona, lo nguThixo wethu, besithembele kuYe, ukuba asisindise.” Isaya 25:9.ItE 104.3

    Uvuko Lwabantu BakaThixo

    Ilizwi lonyana kaThixo livusa abangcwele abaleleyo. Kuwo wonke umhlaba, abafileyo baya kuliva izwi baze abo balivileyo baphile; umkhosi omkhulu wazo zonke izizwe, intlanga, ilwimi nabantu. Baphuma kwindlu yentolongo yokufa bembathiswe ngozuko lokungafi, bekhala besithi, “Luphi na kufa ulwamvila Iwakho? Luphina, Hadesi, uloyiso Iwakho?” 1 Korinte 15:55.ItE 105.1

    Bonke baphuma emangcwabeni bengangoko babengako ukungena kwabo kuwo. Bavuka ke kodwa benokuhlaziyeka nodlamko lobutsha bukanaphakade. U-Kristu uza kubuyisela oko kulahlekileyo. Uya kuyiguqula le mizimba yethu mibi, ayenze ifane nowakhe wozuko. Le mo ifayo neyonakalayo, eyayingcniswe sisono, yenziwa igqibelele, ibe mihle imizimba yethu, ingabi nakufa. Iziphako nokonakala konke kushiywa engcwabeni. Abasindisiweyo baya kukhula, bafikelele kumgangatho wohlanga ngexesha Iwalunozuko ekuqalekeni, iimpawu zokugqibela zesiqalekiso sesono ebezisafumaneka, zisusiwe. Abathembekileyo bakaKristu baya kutyhila ngokutsha umfanekiselo ogqibeleleyo weNkosi yabo ngengqondo, ngomphefumlo nangomzimba.ItE 105.2

    Abasaphilayo abangamalungisa baya kuguqulwa “Ngomzuzu, ngephanyazo, ngelizwi likaThixo, benziwa bangabi nakufa ukuze, bekunye nabangcwele abavusiweyo, baxwilelwe phezulu, bahlangane neNkosi esibhakabhakeni. Iingelosi zithi “Zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.” Mateyu 24:31. Abantwana abancinane basiwa kwingalo zoonina. Izihlobo ezahlulwa kudala kukufa ziyahlanganiswa ukuba zingasayi kuze zahlukane, ukuze bonke banyuke kunye ukuya kwisixeko sikaThixo.ItE 105.3

    UKungena Kwisixeko Esingcwele

    Zonke izihlwele zabasindisiweyo ezingenakubalwa, amehlo azo ziwamilisela kuYesu lo “ibinje ukonakala imbonakalo yakhe ide ingabi yeyomntu, nesithomo saKhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam”. Isaya 52:14. U-Yesu ubeka izithsaba zozuko phezu kweentloko zaboyisileyo. Wonke ubani unesithsaba esinegama lakhe (IsiTyhilelo 2:17) kuye nombalo othi, “Uzuko malube kuThixo!” Kwisandla ngasinye kuye kwabekwa isundu loloyiso nohadi olukhanyayo. Emva koko, ingelosi enika imiyalelo iye yaqalisa ukukhalisa zaza zonke izandla zazichukumisa iihadi ngobuchule obukhulu kwatsho uncuthu olunocwambu Iwengoma. Atsho namazwi evakalisa umbulelo, “Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo, uYise: kuye makubekho uzuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. IsiTyhilelo 1:5, 6.ItE 106.1

    Phambi kwesihlwele esisindisiweyo kukho isiXeko esiNgcwele, uYesu uvula amasango, zaza izizwe ezagcina inyaniso, zangena phakathi. Kuvakela izwi lake, “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina, kwasekusekweni kwehlabathi.” Mateyu 25:34. U-Kristu unikela kuyise abathengwa begazi laKhe, esithi, “Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo”. Owandinika bona ndibagcinile.” Hebhere 2:13; Yohane 17:12. Hay’ ke, intlokoma yaloo yure, xa uYise ephosa iliso laKhe phezu kweso sihlwele sabasindisiweyo abone umfanekiselo waKhe, ububi besono bususiwe, Ubuntu bubuye bahambelana nobungcwele!ItE 106.2

    Uvuyo loMsindisi, lusekuboneni ubukumkani bozuko: imiphefumlo esindiswe ngeentlungu zakhe nokuhlaziswa kwaKhe. Abasindisiweyo baya kwabelana naYe ngoluvo Iwabo babazuza ngemithandazo, nokusebenza nzima, nangombingelelo wothando. Ulonwabo luya kuzizalisa iintliziyo zabo xa bebona ukuba omnye wazuza abanye nabo abo bazuza abanye.ItE 107.1

    OoAdam Ababini Baya Hlangana

    Kuthi xa abahlangulweyo besamkelwa esixekweni sikaThixo, kuvakale ingxolo yovuyo loloyiso kuba kuza kuhlangana ooAdam ababini. U-Nyana kaThixo uza kwamkela ubawo wohlanga Iwethu - lowo wayemdalile waza wona, ekuthe ngenxa yesono sakhe kwakho iimpawu zokubethelelwa komzimba woMsindidi. Uthi uAdam akubona iimpawu zezikhonkwane, ngokuthoba, azilahle ezinyaweni zikaYesu. U-Msindisi uya mphakamisa abe semcela ukuba akhangele kwakhona ikhaya le-Eden awagxothwa kulo ithuba elide kangaka.ItE 107.2

    U-Adam wazaliswa yintlungu. Lonke igqabi elifayo, lonke ixhoba lombingelelo, lonke ibala kubunyulu bomntu, lalisisikhumbuzo sesono. Yayimbi kakhulu intlungu yokuzisola kwakhe xa ebekwa izigxeko njengowenza ukuba kubekho isono. Waguquka kwisono sakhe ngokuthembeka, wafa enethemba lovuko. Ngoku ngenxa yocamagushelo, uAdam ubuyiselwe kwimo yakhe.ItE 107.3

    Ethwelwe ngovuyo, ubona imithi eyakha yalulonwabo kuye, eziqhamo zayo wayezitya ngaloo mihla yayingenasono. Ubona izidiliya ezazisetyenzwa zizandla zakhe, neentyhatyambo awayethanda ukuzigcina. Ngokwenene, le yi-Eden ebuyisiweyo.ItE 107.4

    U-Msindisi umkhokhelela kumthi wobomi athi makatye kuwo. Ubona isihlwele sosapho Iwakhe olusindisiweyo. Usuka asilahle ezinyaweni zikaYesu isitshaba sakhe, amwole uMsindisi. Emva koko, uchukumisa uhadi, utsho lihlokome izulu yingoma yoloyiso: “Ifanele, ifanele, Imvana eyaxhelwayo! (lsiTyhil;elo 5:12). Usapho luka — Adam nalo luziphosa ezinyaweni zoMsindisi izitshaba, zithoba, zidumisa. lingelosi zalila ukuwa kuka-Adam, zavuya uYesu akulivula ingcwaba labo baya kukholwa kwigama laKhe. Ngoku ziwubona ugqityiwe umsebenzi wokusindisa nazo zihlanganisa amazwi ekudumiseni.ItE 107.5

    Phezu kolwandle olungathi “luphithikezwe nomlilo”, sihlangene apho isihlwele, abo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiso walo, nophawu Iwalo, nenani legama lalo.” 1-144 000 labasindisiweyo ebantwini livuma ingoma kaMoses” “nengoma yeMvana.” IsiTyhilelo 15:2, 3. Akakho onokuyifunda loo ngoma ngaphandle kwe-144 000 kuba yingoma yamava ekungekho limbi iqela elikhe lawafumana.” Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona.” Aba benziwa kumila kumbi. “bephuma ebantwini, bazintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana,” IsiTyhilelo 14:4. Badlula kwixesha lenkathazo elingazange libekho elinjalo suseloko kwabakho uhlanga; bathwala ubunzima bexesha lenkathazo kaYakobi; bema bengenamthetheleli ngexesha uThixo ethulula izibetho zokugqibela. “Bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana”. “Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala! Phambi koThixo.” “abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa, aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu, ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokhelele emithonjeni ephilileyo yamanzi, waye uThixo eya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo. IsiTyhilelo 7:14; 14:5; 7:16, 17.ItE 108.1

    Abasindisiweyo Eluzukweni

    Kuwo onke amaphakade, abanyuliweyo boMsindisi bebehamba kwiindlela ezimxinwa. Bahlanjululwa ngemihla yengcikivo. Ngenxa kaYesu, banyamezela ukuthiywa, ukutyholwa, ukuzoyisa, nezidaniso ezikrakra. Babufunda ububi besono, ubutyala baso, intlungu yaso; basijonga basithiya. Ingcamango yombingelelo ongunaphakade owenzelwa ukusinyanga ngoku izalisa iintliziyo ngombulelo. Bathanda kakhulu kuba baxolelwe kakhulu. (Bona kuLuka 7:47) Baba nenxaxheba ekubulalekeni kukaKristu, ngoku balungele ukuba nenxhaxheba eluzukweni Iwakhe.ItE 108.2

    lindla-mafa zikaThixo ziphuma ematyotyombeni, emingxunyeni, emihadini, ekuxhonyweni, ezintabeni, kwiintlango nasemiqolombeni. Zazilahliwe, zingcikivwa, zingcungcuthekiswa.” “Izigidi zabantu zaya kungena engcwabeni zihlazisiwe kuba zazisala ukuvumelana noSathana. Kungoku nje azisatshutshiswa, azibalekanga zathi saa, yaye azicinezelwanga. Kususela ngoku, ziya kuma zambethe iimpahla zamaxabiso ezingazange zanxitywa zizikhulu zasemhlabeni, zithweswe izithsaba ezihle ukudlula ezaka zabekwa phezu kweentloko zokumkani bomhlaba. Ukumkani wozuko uzisule iinyembezi ebusweni babo. Batsho ngengoma yokudumisa, ecacileyo, emyoli nenesingqi esidibeneyo. Le ngoma ihlokoma kuzo zonke iingontsi zezulu; “Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana”. Baphendule bonke, “Amen, ukubongwa, nozuko, nobulumko, nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, makube kuye uThixo wethu, kuse emaphakadeni asemaphakadeni”. Isityhilelo 7:10, 12.ItE 109.1

    Kobu bomi, singaqalisa nje kancinane ukuwuqonda umxholo omangalisayo wokusindiswa. Ngengqondo yethu ephelelwayo okanye enemida, singaqaphela ngokuzimisela ukuhlangana emnqamlezweni kosizi kwanozuko, kobomi nokufa, kobulungisa nenceba; kanti sithi, sesizame ukuzitwabulula iingqondo zethu, sisilele ukukubamba ukubaluleka koku kuhlangana. Ubude nobubanzi, ubunzulu nokuphakama kothando olusindisayo, zibonakala mfiliba kuthi. Icebo losindiso alisayi kuze laziwe ngokupheleleyo, naxa abasindisiweyo bebona njengokuba bebonwa okanye besazi njengokuba besaziwa; kodwa kuya kumana kuvela inyaniso ezintsha kunaphakade kwingqondo eziya kumangaliswa, zizaliswe naluvuyo. Nangona usizi neentlungu, nezilingo zomhlaba ziya kuba ziphelile nembangi yazo isusiwe, abantu bakaThixo baya kuhlala benenkumbulo ecacileyo engqondweni yabo yexabiso lokusindiswa kwabo.ItE 109.2

    Umnqamlezo uya kuba yingoma yabasindisiweyo kunaphakade wonke. KuKristu ozukisiweyo bona baya kubona uKristu obethelelweyo. Ayisayi kulityalwa into yokuba ingangalala yezulu yazithoba ukuze iphakamise umntu owile, nokuba yathwala ityala nehlazo lesono kunye nokufihla ubuso kukaYise yada intlekele yelizwe elilahlekileyo yaphula intsliziyo yaKhe yatyumza nobomi bakhe. U-Menzi, wamazwe onke, ngenxa yokuthanda umntu, ubeka bucala uzuko IwaKhe - nto leyo iya kuhlala ichulumancisa izulu nomhlaba. Njengokuba zonke iintlanga zabasindisiweyo zikhangela uMsindisi, zisazi kakuhle ukuba ubukumkani baKhe abusayi kuze buphele, zisuka zidanduluke ngengoma zithi, “ifanele ukudunyiswa iMvana eyaxhelwayo, yasihlangula ukuze sibe ngabakaThixo ngegazi laYo elinexabiso.”ItE 110.1

    Imfihlelo yomnqamlezo ichaza zonke ezinye iimfihlelo. Kuyacaca ukuba uThixo onobulumko bonke; akukho cebo wayenokulenza lokusisisindisa ngaphandle kokuncama uNyana waKhe. Imbuyekezo yalo mbingelelo, luvuyo lokugcwalisa umhlaba ngabantu abasindisiweyo, bengcwele, bonwabile, bengenakufa. Linjalo ke ixabiso lomphefumlo into eyenza uYise noBawo ukuba aneliseke lixabiso alihlawuleyo uYesu. NoKristu ngokwaKhe, xa ebona iziqhamo zombingelelo waKhe omkhulu, uyaneliseka.ItE 110.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents