Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    7— Isikhuselo Ekuphela Kwaso

    Abantu bakaThixo balathiswa kwiziBhalo njengesikhuselo kumandla olahlekiso Iwemimoya yobumnyama. U- Sathana usebenzisa lonke icebo analo ukunqanda ukuba abantu bangalufumani ulwazi IweBhayibhile. Kuyo yonke imvuselelo yomsebenzi kaThixo, uthi asebenze ngokuphinda- phindiweyo. Idabi lokugqibela lokuchasa uKristu nabalandeli baKhe, lilapha phambi kwethu. Unomgogwana oza kubakho uya kusondela kakhulu kwinyaniso kangangokuba umahluko awungeke ubonakale kungengazo iziBhalo kuphela.ItE 73.1

    Abo bazama ukuthobela yonke imithetho kaThixo baya kuchaswa, bagculelwe. Ukuze babe nokumelana nokulingwa, kuya kufuneka bayazi intando kaThixo njengoko ityhiliwe eLizwini laKhe. Bangamzukisa uThixo kuphela xa besazi kakuhle isimilo saKhe, ulawulo IwaKhe, neenjongo zaKhe baze benze ngokuhambelana nazo. Kuphela ngabo baziqiniseleyo iingqondo zabo ngenyaniso zeBhayibhile, abaya kuma kwidabi elikhulu lokugqibela.ItE 73.2

    Phambi kokuba abethelelwe emnqamlezweni, uMsindisi wabachazela abafundi baKhe ukuba uza kufa, abuye avuke kwakhona. Izithunywa zezulu zazikho ukuze ziwabethelele amazwi aKhe ezingqondweni nasezintliziyweni zabo. Ngandlel’ ithile, la mazwi asuswa ezingqondweni zabafundi. Ithe yakufika iyure yokulingwa, ukufa kukaYesu kwawatshabalalisa kwathi nya amathemba abo; kwangathi abazange balunyukiswe. Kunjalo ke nakwiziprofeto, ixesha elizayo libekwe phambi kwethu ngokucace kakhulu njengoko lalityhilwa nguKristu kubafundi baKhe. linkulungwane ke noko, aziziqondi ezi nyaniso zibalulekileyo ngokungathi azizange zatyhilwa.ItE 73.3

    Xa uThixo ethumela izilumkiso, ulangazelela ukuba, wonke ulmntu ophiwe ingqondo, asilulamele isigidimi eso. Izigwebo ezoyikekayo ngokubhekisele ekunqulweni kwerhamncwa kunye nomfanekiselo walo, (funda Isityhilelo 14:9-11) zimele ukukwenza abantu bafunde ukuba luyintoni na uphawu kwerhamncwa nokuba lungaphetshwa njani. Abantu abaninzi abayifuni inyaniso yeBhayibhile, kuba iphazamisana neenkanuko zentliziyo. U-Sathana uyabanelisa ngolahlekiso abaluthandayo.ItE 74.1

    U-Thixo uya kuba nabo abantu bokuphakamisa iBhayibhile, yona yodwa, njengomgangatho wazo zonke iimfundiso, nesiseko salo lonke uhlaziyo, Imibono yamadoda afunde kakhulu, iziphumo zophando Iwabesayensi, isigqibo ezenziwa kumaqumrhu enkolo, ilizwi lesininzi - akukho nanye kwezi zinto emayisetyenziswe ekuxhaseni okanye ekuchaseni nayiphi na imfundiso yesiBhalo.ItE 74.2

    Kufuneka sibize ngamandla u“ltsho iNkosi.” U- Sathana ukhokhelela abantu ekukhangeleni kubefundisi., kubefundisi bezobuthixo njengeenkokheli zabo, endaweni yokuziphengululela iziBhalo ngokwabo. Ngokulawula ezi nkokheli, uphembelela izigidi.ItE 74.3

    Akuba efikile uKristu, abantu abakwiqondo eliphantsi bamva ngovuyo. Ababingeleli abakhulu, namadoda aphambili, bazivalela ngekratshi; babubhebhetha ubungqina bokuba unguMesiya. Abantu babuza bathi, “Yenzeka njani into yokuba abalawuli bethu nabaBhali abafundileyo bangakholwa kuYesu? Abafundi abanjalo babekhokhelela amaYuda ekumaleni nasekumkhanyeleni uYesu, uMsindisi wabo.ItE 75.1

    Ukuphakamisa Igunya Lomntu

    U-Yesu wayenombono wobuprofethi womsebenzi wokuphakamisa igunya lomntu ukuba ahlawulele isazela sakhe, nto leyo ebisisiqalekiso kuzo zonke iinkulungwane. Izilumkiso zaKhe zokuba kungalandelwa iinkokheli ezizimfama, zabhalwa njengesilumkiso necebiso kwiinkulungwane ezaziza kulandela.ItE 75.2

    I-Bandla laseRoma lilibeke phezu kwabefundisi ilungelo lokutolika iziBhalo. Nangona uHlaziyo Iwazinikela kubo bonke abantu iziBhalo, lo mthetho wenziwa yiRoma usazinqanda izigidi kumabandla amaProtestanti ukuba zingaziphengululi iziBhalo ngokwazo. Zifundiswa ukwamkela imfundiso njengokuba itolikwa libandla. Amawaka angekhe amkele nto, nokuba icace kangakana ni esiBhalweni, ukuba ichasene nesivumo sokholo Iwabo.ItE 75.3

    Abaninzi balungele ukubeka ubomi babo phezu kwabefundisi. Baziphatha ngokungathi abaziboni iimfundiso zoMsindisi. Ingaba abefundisi aba abangeke babe nemposiso? Singakuthemba njani ukukhokhela kwabo ngaphandle kokuba siqinisekise kuqala eLizwini likaThixo ukuba bangabathwali-kukhanya.? Ukusweleka kwesibindi sokuziphatha kakuhle, kwenza ukuba abaninzi balandele abanye abantu, ukuze baqhagamshelane nabo ngemposiso. Bayayibona inyaniso yeli xesha eBhayibhileni, bamve uMoya kaThixo ukuba ukho xa ithethwayo kodwa bavumele abefundisi ukuba babakhokhele, bemke ekukhanyeni.ItE 75.4

    U-Sathana uqamangela izigidi ngokuzidibanisa ngeentanjana zemisonto eyekeyeke yothando kwabo bazintshaba zomnqamlezo kaKristu. Olu qhagamshelwano isenokuba ngabazali, ukuzalwa kunye, umtshato okanye ulonwabo. Imiphefumlo ephantsi kolawulo Iwaba bantu ayikwazi okanye ayinaso isibindi sokuyimela into eyiqonda kakuhle ukuba imele ukuyenza.ItE 76.1

    Abaninzi babanga ukuthi ayinamsebenzi into umntu ayikholelwayo, ukuba nje ubomi bakhe bulungile. Ubomi ke buxhonxwa lukholo. Ukuba inyaniso iyafumaneka, thina zesiyityeshele, kakuhle kakuhle siya yala, sikhetha ubumnyama endaweni yokukhanya.ItE 76.2

    Ukungazi asinto yokuzithethelela kwimposiso nesono, xa likho lilininzi ithuba lokuyazi intando kaThixo. Umhambi uye afike esiphambukeni apho zixananaze khona iindlela kukho phofu, nezalatha-ndlela ezibonisa ukuba zisinga phi na iindlela ezo. Ukuba uyazityeshela izikhomba-ndlela ezo, aze athabathe nokuba yeyiphi acinga ukuba ilungile, nokuba unyaniseke kangakanani, kunokwenzeka ukuba azifumane ekwindlela engayi apho ebesiya khona.ItE 76.3

    Umsebenzi Ophambili Nolulekileyo

    Akwanelanga ukuba neenjongo ezilungileyo, oko kukuthi, ukwenza loo nto umntu acinga ukuba ilungile okanye ukwenza loo nto athi umfundisi ilungile. Umntu umele ukuziphengululelela ngokwakhe iziBhalo. Unomkhomba-ndlela oziveza zonke iimpawu zendlela kuhambo oluya ezulwini: akufuneki ke ngoko, aqashele nantoni na.ItE 76.4

    Luxanduva lokuqala nolukhulu lomntu wonke onengqondo, ukufunda eziBhalweni ukuba iyintoni na inyaniso, ahambe ekukhanyeni, akhuthaze nabanye abanu ukuba balandele umzekelo wakhe. Kufuneka isigqibo sisenze ngokwethu njengokuba siya kuziphendulela phambi kukaThixo.ItE 76.5

    Amadoda afundileyo anobulumko obukhulu bokuzenzisa, afundisa ukuba iziBhalo zinemfihlelo, intsingiselo yasemoyeni engacacanga kakuhle ngolwimi olusetyenzisiweyo. La madoda angabafundisi bobuxoki. Ulwimi lumele ukucaciswa ngendlela ephandle ebhalwe ngalo, ngaphandle kokuba kusetyenziswe imifuziselo okanye imizekeliso. Ukuba abantu bangayithabatha iBhayibhile njengokuba ifundwa, ubuya kugqitywa umsebenzi wokuzisa kubuhlanti bukaKristu, izigidi zabantu ezibhadula emposisweni ngoku.ItE 77.1

    lindawo ezininzi zesiBhalo ezigqithwa nje ngabafundileyo ngokungathi azibalulekanga, zizele yintuthuzelo kwabo bathe bafundiswa kwisikolo sikaKristu. Ukuyiqonda inyaniso yeBhayibhile akuxhomekanga kakhulu kumandla engqondo asetyenziswa ekuphengululeni, ngaphezu kokuba nenjongo ethe ngqo, kunye nolangazelelo Iwenene lobulungisa.ItE 77.2

    Iziphumo Zokutyeshela Umthandazo NeLizwi

    Akufuneki iBhayibhile ifundwe ngaphandle komthandazo. NguMoya oyiNgcwele kuphela onokwenza ukuba sikuve ukubaluleka kwezinto ekulula ukuziqonda, okanye ukuthintela ukuba singazikruni iinyaniso ezinzima. lingelosi zezulu zilungisa intliziyo ukuba iliqonde iLizwi likaThixo. Siya kutsalwa umdla bubuhle balo, somelezwe ngamadinga alo. kodwa izilingo zibonakale kungena kumelwana nazo kuba lowo ulingwayo akakwazi ukukhumbula kamsinya amadinga kaThixo aqubisana noSathana ngezixhobo zeziBhalo. lingelosi zikho zikufuphi kwabo bakulungeleyo ukufundiswa yaye ziya kuba khumbuza iinyaniso ezidingekayo.ItE 77.3

    “... uya kunifundisa zonke izinto, anikhulmbuze zonke izinto endizithethe kuni.” Yohane 14:26. Iimfundiso zikaKristu kufuneka zibe bezigcinwe ngenx’ engaphambili engqondweni ukuze uMoya kaThixo asikhumbuze ngexesha lentlekele.ItE 78.1

    Isiphelo sezihlwele zomhlaba sesiza kumiswa. Wonke umlandele kaKristu umele ukuba abuze ngokuzimisela, “Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na?” Izenzo 9:6. Kufuneka ngoku sizingele amava anzulu aphilileyo kwizinto zikaThixo. Asisenalo ithuba lokudlala. sisekumhlaba olawulwa nguSathana. Musani ukulala, Balindi bakaThixo!ItE 78.2

    Abaninzi baya zincoma kuba benezinto ezininzi ezimbi abangazenziyo. Akwanelanga ukuba babe yimithi esesidiliyeni sikaThixo. Bamele ukuba bathwale isiqhamo. Kwiincwadi zasezulwini babhalwe njengeekomkomere zomhlaba (okanye eziwe phantsi). Abo ke bathe bashiya inceba kaThixo, balwenza into engeyiyo ubabalo IwaKhe, intliziyo enothando olungapheliyo isahleli icenga.ItE 78.3

    Ehlotyeni, awuqondakali umahluko phakathi kwemithi ehlala iluhlaza umnyaka wonke neminye imithi; kodwa athi akufika amahlwantsi obusika, le ihlala iluhlaza ingaguquki, ngeli xesha ephela amagqabi kweminye. Makuvuke inkcaso, makubekho ukunganyamezeleki, makuqale intshutshiso, aqale amakholwa angazinikelanga ngokupheleleyo, aphila ubomi bokuhanahanisa, aluyeke ukholo; kanti umKristu wenene uma nkqi, lomelele ukholo Iwakhe, likhanye ngakumbi ithemba lakhe, ngaphezu kwala mihla izinto zazihamba kakuhle.ItE 78.4

    “...woba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.” Yeremiya 17:8.ItE 78.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents