23—Isondlo Nempilo
Imizimba yethu yakhiwe ngokutya esikutyayo. Kukho ukonakaliswa kwemisipha nezihlunu okuqhubeka lonke ixesha emzimbeni; yonke intshukumo yalo lonke ilungu inenkcitho eyenzayo, yaye le nkcitho ilungiswa kukutya kwethu. Ilungu ngalinye lomzimba lifuna isabelo salo kwisondlo. Ingqondo kufuneka inikwe isabelo sayo; amathambo, izihlunu, imithambo-luvo kufuneka iyileyo inikwe esayo isabelo. Yinkuqubo emangalisayo ukuguqulwa kokutya kube ligazi lize eli gazi lisetyenziswe ekwakheni iindawo ezahlukeneyo zomzimba; kodwa le nkqubo iqhubeka rhoqo, inika ubomi namandla umthambo-luvo ngamnye, isihlunu nezicwili.UL 230.1