Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ulungiselelo Lwempiliso - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izinto Ezingcono Zobomi

    Amadoda neentokzi abakaqali ukuyiqonda injongo eyiyo yobomi. Batsalwa bubunewunewu nokubonisa. Banqwenela ukufikela ekubalaseleni kwehlabathi. Ukuze kufikelelwe koku, eyona njongo eyinyaniso yobomi iyancanywa. Ezona zinto zibalulekileyo zobomi—ukufikeleleka, ukuthembeka, ukunyaniseka, ubunyulu, isidima—izinto ezingenako ukuthengwa okanye zithengiswe. Zifumaneka simahla kongafundanga nofundileyo, kumsebenzi othobekileyo nakobalulekileyo wasebuRhulumenteni. Umntu wonke uThixo umlungisele ulonwabo olunokuxhanyulwa ngabazizityebi nabangamahlwempu ngokufanayo—ulonwabo olufunyanwa ekukhuliseni ubunyulu bengcinga nokuba lulutho kwesenzo, ulonwabo oluvela ekuthetheni amazwi ovelwano nokwenza izenzo zobubele. Kwabo benza izenzo ezinjalo, ukukhanya kukaKristu kukhanyisa ubomi obenziwe mnyama ngamathunzi amaninzi.UL 148.1

    Ngexesha kuncedwa amahlwempu ngezinto zasemhlabeni, makuhlale kusemehlweni izidingo zabo zasemoyeni. Obenu ubomi mabungqine ngamandla oMsindisi axhasayo. Isimilo senu masiveze umgangatho ophezulu ekufuneka ufikelelwe ngabo bonke abantu. Yonke into eninokwenza nayo kufuneka niyenze ibe sisifundo ekwakhiweni kwesimilo.UL 148.2

    Emsebenzini othobekileyo, abona bangenamandla, abona bangabonakaliyo, bangaba ngabasebenzi kunye noThixo babe nokonwaba kubukho baKhe nobabalo oluxhasayo. Akufuneki bazidinise ngokuxakeka ngamaxhala nenkathalo engadingekiyo. Mabasebenze babheke phambili imihla ngemihla, befeza ngokuthembekileyo umsebenzi okuthe ukubonelela kukaThixo kwabanika, Yena uya kubakhathalela. Uthi:UL 148.3

    “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo, neengqiqo zenu kuKristu Yesu.” Filipu 4:6, 7.UL 148.4

    Inkathalo yeNkosi iphezu kwazo zonke izidalwa. Uyazithanda zonke ngokungenamkhethe, ngaphandle kokuba eneyona mfesane inothando kwabo babizelwe ukuba bathwale eyona mithwalo inzima yobomi. Abantwana bakaThixo kufuneka bahlangabezane nezilingo neenzima. Sekunjalo, kufuneka bayamkele indawo yabo ngomoya wochulumanco, bekhumbula ukuba ngako konke oko ihlabathi likutyeshelayo ukukunika, uThixo ngokwaKhe uya kukongeza kubo ngobona bubele buhle kakhulu.UL 149.1

    Kuxa sisiza kwiindawo ezinzima athi uThixo awaveze amandla nobulumko baKhe ukuphendula umthandazo othobekileyo. Thembela kuYe njengoThixo owuvayo umthandazo, owuphendulayo umthandazo. Uya kuziveza kuwe njengOnako ukunceda ngexesha lengxaki. Lowo wamdalayo umntu, wamnika izakhono ezimangalisayo zomzimba, zengqondo nezasemoyeni, akayi kubamba nto efunekayo ukuxhasa ubomi abunikileyo. Lowo wanika ilizwi laKhe—amagqabi omthi wobomi—akayi kubamba nto ngakuthi elulwazi lwendlela yokunika ukutya kubantu baKhe abanentswelo.UL 149.2

    Bungazuzwa njani ubulumko ngulowo ubambe ikhuba ebhexesha iinkabi? Ngokubufuna ngokwesilivere, nokubuphanda ngokobutyebi obufihliweyo. “Umqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.” Isaya 28:26. “nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo.”UL 149.3

    Lowo wafundisa uAdam noEva e-Eden indlela yokusebenza umhlaba, unga angabafundisa abantu namhlanje. Bukho ubulumko kulowo ubambe ikhuba ehlwayela imbewu. Phambi kwabo bathembele bemthobela, uThixo uya kuzivula iindlela zokubheka phambili. Mababheke phambili ngesibindi, bethembele kuYe ukuba abanike kwizidingo zabo ngokobutyebi bokulunga kwaKhe.UL 149.4

    Yena owondla isihlwele ngezoka ezihlanu neentlanzi ezincinane ezimbini unako ukusinika isiqhamo sokusebenza kwethu. Lowo wathi kubalobi baseGalili, “Yithobeni iminatha nitsale,” nowathi, bakuthobela, wayizalisa iminatha yada yakrazuka, ulangazelela ukuba abantu baKhe babone kobu bungqina oko aya kubenzela kona namhlanje. UThixo owathi entlango wanika abantwana bakwaIsrayeli imana evela ezulwini usaphila, usalawula. Uya kuba khokela abantu baKhe abanike ubuchule nokuqonda emsebenzini ababizelwe ukuba bawenze. Uya kubanika ubulumko abo bazama ukwenza umsebenzi wabo ngenkathalo nangengqondo. Lowo lilelaKhe ihlabathi usisityebi ngezinto zonke; eya kumsikelela wonke ozama ukusikelela abanye.UL 149.5

    Siyakudinga ukukhangela phezulu ezulwini ngokholo. Akufuneki sityhafe ngenxa yokubonakala kokusilela, kungafuneki sityhafiswe kukulibala. Simele ukusebenza ngochulumanco, ngethemba, ngombulelo, sikholwa ukuba umhlaba phezu kwawo uthwele ubutyebi obukhulu ukuba umsebenzi othembekileyo abuqokelele, oovimba abatyebe ngaphezu kwegolide okanye isilivere. Iintaba neenduli ziyatshintsha, kodwa intsikelelo kaThixo, eyandlalelwe abantu baKhe itafile entlango, ayisokuze iphele.UL 150.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents