Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ulungiselelo Lwempiliso - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Abavangeli Bonyango Nomsebenzi Wabo

    9—Ukufundisa Nokuphilisa

    Xa uKristu wayethuma ishumi elinambini labafundi kuhambo lwabo lokuqala lovangelo, wabathethela ngelithi, “Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele. Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon, namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” Mateyu 10:7, 8.UL 98.1

    Kwabangamashumi asixhenxe abathunywayo kamva, wathi, “Emzini ke enisukuba ningena kuwo, . . . niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.” Luka 10:8, 9. Ubukho namandla kaKristu konke kwakunabo, “babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.” Indima 17.UL 98.2

    Emva kokunyuka kukaKristu, kwawona lo msebenzi mnye, waqhubeka. Imiboniso yolwaKhe ulungiselelo yaphindwa. “Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.” IZenzo 5:16.UL 98.3

    Abafundi “baphuma bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo.” Wehla ke uFilipu, waya emzini welaeSamariya, wamvakalisa uKristu kubo. Zaye kanjalo zihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu. . . . Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo. . . . Yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.” Marko 16:20; IZenzo 8:5-8.UL 98.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents