Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ulungiselelo Lwempiliso - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhathalela Amahlwempu

    Oku kulungisela konke akuzange, phofu, kukususe kuphele ukuhlupheka. Yayingeyiyo injongo kaThixo ukuba ukuhlupheka kuphele ngokupheleleyo. Yenye yeendlela zaKhe zokuphuhlisa isimilo. “Alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenza yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho.” Duteronomi 15:11.UL 138.2

    “Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho oluhlwempu. Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako.” Iindima 7, 8.UL 138.3

    “Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe soluleka kuwe, somomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwedwe kuwe.” Levitikus 25:35.UL 138.4

    “Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho.” “Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha. . . . Xa uthe wawuvuthulula umnquma wakho, uze ungaphindi uwavuthulule amasebe emva kwakho. . . . Xa uthe wasivuna isidiliya sakho, uze ungasibhikici emva kwakho; woba ngowomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi.” Levitikus 19:9; Duteronomi 24:19-21.UL 138.5

    Akakho ofanele ukoyika hleze ukupha kumenze aswele. Ukuthobela umthetho kaThixo, ngokuqinisekileyo, kuya kumzisela ubutyebi. “Ngokuba ngenxa yale ndawo,” wathi uThixo, “wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.” “Woboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wolawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula.” Duteronomi 15:10, 6.UL 138.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents