Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ulungiselelo Lwempiliso - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Icebo LikaThixo NgoIsrayeli

    Kwicebo likaThixo ngoIsrayeli, lonke usapho lwalunekhaya lalo emhlabeni, wanele umhlaba wokulinywa. Ngaloo ndlela lalikho icebo nenkuthazo yokuphila ubomi obululutho, obunenkuthalo, nokuzixhasa. Akukho kuceba kwamntu kwakha kwaliphuhlisa elo cebo. Ekumkeni kwehlabathi kulo [elo cebo likaThixo], kulele, kakhulukazi, ubuhlwempu nokuxhwaleka okukhoyo namhlanje.UL 136.3

    Ekuhlaleni kukaIsrayeli eKanan, umhlaba wahlulwa phakathi koluntu lonke, ingabaLevi kuphela, njengabalungiseleli bengcwele, ababekelwa bucala ekwabelweni okulinganayo. Izizwe zabalwa ngokweentsapho, lwathi usapho ngalunye, ngokwamanani alo, lwabelwa ilifa.UL 137.1

    Nangona ubani wayenako ukusihambisa isabelo awasinikwayo okwexesha elithile, wayengenako ukulithengisa naphakade ilifa labantwana bakhe. Xa ekwazi ukuwuhlangula umhlaba wakhe, wayevumelekile, nangaliphi ixeha, ukukwenza oko. Amatyala ayebuyiselwa rhoqo ngomnyaka wesixhenxe, kuthi ngowamashumi amahlanu, okanye umnyaka wenjabulo, yonke imihlaba ibuyiselwe kubanini basekuqaleni.UL 137.2

    “Ilizwe ze kungathengiswa ngalo,” yayingumyalelo kaYehova lowo: “kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum; ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo. Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe. . . . Umntu xa . . . sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo; . . . [angenza] abuyele elifeni lakhe.Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukuyisela kuye loo nto wathengisa nayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma.” Levitikus 25:23-28.UL 137.3

    “Niwungcwalise umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba ngowentlokoma kuni ukuba nibuyele elowo elifeni lakhe, nibuyele elowo emizalwaneni yakhe.” Indima 10.UL 137.4

    Ngaloo ndlela lonke usapho lwalukhuselekile kumhlaba walo, nokhuseleko lufumaneka ngakwabo bagqithisa kakhulu ebutyebini okanye ekusweleni.UL 137.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents