Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    8. UKUKHULELA KU KRISTU

    UKUGUQUKA kwentliziyo esithi ngako sibe ngabantwana bakaThixo, ithi iBaibile ukuthetha ngako, kukuzalwa. Kwakhona kufanekiswa nokuntshula kwembewu elungileyo ehlwayelwe ngumlimi. Kwangokunjalo, aabo basandula ukuguquka bafanekiswa “neentsana ezisandula ukuzalwa,” ezisaza “kukhula” zibe ngamadoda nabafazi kuKristu Yesu (1 Petros 2:2; Efeso 4: 15). Okanye njengembewu elungileyo ehlwayelwe entsimini, zikhule, zivelise iziqhamo. U-Isaya uthi, “ukubizwa kwabo kuthiwe yimithi yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.” Isaya 61:3. Ngalendlela ke uThixo usifundisa iinyaniso ezifihlakeleyo zasemoyeni, ngezinto ezibonakalayo azidalileyo.AOK 53.1

    Ubulumko nobugcisa bonke bomntu abunako ukunika ubomi nakweyona incinane kwizinto uThixo azidalileyo. NguThixo yedwa onako ukunika ukuphila kwimithi nezilo azidalileyo. Ikwanguye onako ukunika ukuphila, ngokwasemoyeni, kuyo intliziyo yomntu. Engathanga umntu “azalwe ngokwaphezulu” (Johane 3: 3), akanako ukubudla ubomi uKristu awayezokunika bona.AOK 53.2

    Njengoko kunjalo ukuphila, kukwanjalo nokukhula. NguThixo owenza umthi ukuba utyatyambe uze kamva uvelise iziqhamo. Ngamandla akhe ayenza imbewu ukuba intshule, “kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yinqholowa ezalisekileyo esikhwebini.” Marko 4: 28. Nomprofeti uHoseya uthi ngoSirayeli, “uya kutyatyamba njengenyibiba.” “Baphile njengenqholowa, batyatyambe njengomdiliya.” Hoseya 14: 5, 7. Waye noYesu esiyalela ngokuthi, “Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo.” Luka 12: 27. Imithi le yonke ayizondli izikhulise, koko ikhuliswa igcinwe nguThixo. Umr.twana akangeze, nangayiphina imigudwana yakhe anokuyenza, ongezelele nto esiqwini sakhe. Nawe lo ke, akunako ukuzenza ukhule emoyeni ngemigudu yakho. Umthi, umntwana, ezonto zombini zikhuliswa ngumoya, nelanga, nokutya. Ooko ezizipho zemveli zikuko eziIweni nasemithini, uKristu ukwakuko kwaabo bathembele kuye. Yena “usisikhanyiso esingunaphakade sabo,” “ulilanga nengweletshetshe kubo.” (Isaya 60: 19; Indumiso 84: 11.) “Uya kuba njengombethe kuSirayeli.” “Uya kuhla njengemvula ehla phezu kotyani obusikiweyo.” (Hoseya 14: 5; Indumiso 72: 6.) Unga- manzi aphilileyo, “isonka sikaThixo esehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.” Johane 6: 33.AOK 53.3

    Ngesipho esingenamlinganiso soNyana wakhe, uThixo uwuraqe wonke umhlaba ngobabalo oluqiniseke njengempepho le ityhutyhe ihlabathi. Kuba bonke abanyula ukuphefumla lomoya unika ubomi baya kuphila, bakhule bafikele ebudodeni nasebufazini obupheleleyo kuKristu Yesu.AOK 54.1

    Njengoko intyatyambo iguqukela elangeni ukuze liyenze ifezeke ibentle, nathi sifanele ukuthi siguqukele kwiLanga lobuLungisa, ukuze ukukhanya kwezulu kukhanye phezu kwethu, nesimilo sethu sihlaziyeke sifane noKristu.AOK 54.2

    UYesu usifundisa kwalonto xa athi, “Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengoko isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. ... Ningekum, aninakwenza nto.” Johane 15: 4, 5. Njengokuba isebe liphila sisiqu somthi ukuze likhule livelise isiqhamo, nani nophila ngoKristu ukuze ubomi benu bubengcwele. Xa nithe nahluka kuye, aninabomi. Aninamandla okuzichasa izilingo okanye nikhule elubabalweni nasebungcwaliseni. Xa nihleli kuye niyakuchuma. Ukuphila kwenu nikufumana kuye, anisayikubuna nintshwenye. Nofana nomthi otyelwe ngasemijelweni yamanzi.AOK 54.3

    Baninzi abacinga ukuba kulomsebenzi wosindiso kufuneka nabo babenento abazenzela yona ngokwabo, ngaphandle kukaKristu. Bathi besithi bathembele kuKristu ukuba abaxolele izoono zabo, babe noko besenza eyabo imigudu yokuba baphile ubomi obulungileyo. Yonke imigudwana enjalo ayinakuphumelela. U-Yesu uthi, “Ngaphandle kwam aninakwenza nto.” Kufuneka ukuba simanyane noKristu ukuze sikhule elubabalweni, eluvuyweni, nasekukhuthaleni. Kuxa sithe samanyana naye imihla yonke, sahlala kuye amaxesha onke, esothi sikhule elubabalweni. Akayiyo kuphela imBhangi kodwa ukwa ngumFezekisi wokholo lwethu. NguKristu kuqala, nasekupheleni, nangawo onke amaxesha. Nguye yedwa ofanele ukuba abe nathi ekuluqaleni nasekulufezeni uhambo lwethu, ewe, abe nathi kuwo onke amabanga ethu endleleni. U-Davide uthi, “Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke: ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.” Indumiso 16: 8.AOK 54.4

    Ungaba uthi, “Wothini na ukuhlala kuKristu?” Ukukuphendula ndithi, hlala kwangolohlobo wawumamkele ngalo ekuqalekeni. “Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye.” Kolose 2: 6. “Ke lowo ulilungisa uya kudla u- bomi obuphuma elukholweni.” Hebere 10: 38. Wazinikela ngokwakho kuThixo, ukuba ube ngowakhe ngokupheleleyo, ukuba umkhonze umlulamele, waza wamthabatha uKristu ukuba abe ngumSindisi wakho. Wawungenako ukuzicamagushela izoono zakho, uyiguqule intliziyo yakho; uthe ke wakuzinikela kuThixo, wakholwa ukuba uthe, ngenxa kaKristu wakwenzela konke oko. Ngokukholwa ube ngokaKristu, kwangokholo uya kukhulela kuye — ngokunika nangokwamkela. Uya kunikela konke — unikele intliziyo yakho, intando yakho, inkonzo yakho — uzinikele kuye ukuba wenze konke akufunayo; ukuze wamkele konke — uKristu oyinzaliseko yeentsikelelo zonke, ukuba ahlale entliziyweni yakho, abe ngamandla akho, abe bulungisa bakho, umncedi wakho ongunaphakade, akunike amandla okuba uthobele konke.AOK 54.5

    Ukuzingcwalisela uThixo kwakusasa, ize ibe ngumsebenzi wakho lowo wokuqala. Umthandazo wakho mawube ngulo, “Nkosi ndamkele undenze owakho kanye. Onke amacebo am ndiwabeka phambi kwakho. Ndisebenzise ngalemini enkonzweni yakho. Hlala nam, wenze ukuba wonke umsebenzi warn ndiwusebenzele kuwe.” Lo, ngumsebenzi wemihla ngemihla. Intsasa nganye zinikele kuThixo uzingcwalisele okwalomini. Wanikele kuye amacebo akho onke ukuba awenze mhlaumbi awalahle nje-ngoko abonileyo. Ngalendlela ke yokubunikela imihla ngemihla ezandleni zikaThixo ubomi bakho, uya kububumba yena bufane nobukaKristu.AOK 55.1

    Ubomi obukuKristu bubomi baseluxolweni. Lungade lungabikho Iona uluvo lovuyo olukhulu, kodwa kona ukuthembela kuye okunoxolo kufanele ukuhlala kuhleli. Ithembha lakho alikuwe; likuKristu. Ukuswela amandla kwakho kumanyene namandla akhe, ubudenge bakho bumanyene nobulumko bakhe, ukutyhafa kwakho kumanyene namandla akhe angaphele ndawo. Ngoko ke musa ukuzikhangela, uhlale uzisola, kodwa khangela kuKristu. Cinga kuphela ngothando lwakhe, ngobuhle, nokufezeka kwesimilo sakhe. Cinga ngako ukuzikhanyeza kukaKristu nokuthobeka kwakhe, ngako ukuhlambuluka nokubangcwele kwakhe, nangalo uthando lwakhe olungenamlinganiselo. Konke oku kuko kodwa okufanele ukucingwa ngumphefumlo wakho. Kungokumthanda, nokumfuza nokuzilahlela kuye ngokupheleleyo, esokuthi sifane naye.AOK 55.2

    U-Yesu uthi, “Hlalani kum.” Lamazwi athetha ukuba siphumle, sizinze, siqine kuye. Ubuye asimeme athi, “Yizani kum ... ndoninika ukuphumla.” Mateyu 11: 28. Amazwi omdumisi avakalisa kwa lengcamango xa athi, “Yithi cwaka kuYehova, uli- ndele kuye.” Indumiso 37: 7. Nolsaya usinika isiqinisekiso athi, “Ebengaka kho amandla enu ngokuzola nokukholosa.” Isaya 30: 15. Olu phumlo alufunyanwa ngokuhlaliwa kusongwe izandla, kuba nomSindisi uthi ukusimema kwakhe asidinge ngokuphumla okudibene nesimemo esisibizela emsebenzini, ngelithi, “Thabathani idyokwe yam niyithwale, ... noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.” Mateyu 11: 29. Intliziyo eyayame ngokuzeleyo kuKristu yeyona iya kuthi izondelele inyamekele ukusebenzela yena.AOK 55.3

    Uthi umntu akuhlala eqwalasele isiqu sakhe, ingqondo yakhe ijike imshiye uKristu, ongumthombho wamandla nempilo yakhe. Usuka ke uSatana asel’ezamela ukuba loomntu amjike kumSindisi, awuthintele nomphefumlo wakhe ukuba ungabi nabudlelane naye uKristu. Usel’esuka ayijike ingqondo yalomntu ukuba inonelele iziyolo zelizwe, amaxhala, iingxakeko, neentsizi zobubomi; aze kanjalo amenze ukuba amane ebona iziphoso zabanye okanye nokungafezeki kwesakhe isiqu. Lumka ukuba ungalahlekiswa bubuqhetseba bakhe. Baninzi abathi beneminqweno emihle yokunga bangaphilela uThixo, asuke abalahlekise ngokubabonisa ukungabinto kwabo, aze asel’ebahlula kanye kuKristu ngokunga angaboyisa. Kulumkele ukuzithembha nokuhlala uxhalile ukuba wosindiswa na. Iingcinga ezinjalo ziyawujika umphefumlo umke kulowo unguMthombho wamandla awo. Wunikele umphefumlo wakho elugcinweni lukaThixo, uthembhele kuye. Thetha ucinge ngoYesu. Zilahlele kuye kanye. Makuphele ukuthandabuza, kuphele ukoyika. Yithi njengaye uPaulos, “Ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke osel’esidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.” Galati 2: 20. Phumla kuThixo. Unako ukukugeina oko kunikelwe kuye. Ukuba uthe wazilahlela kuye, yena uya kukoyisela ngokukhulu kwinto yonke ngalowo wakuthandayo.AOK 56.1

    Waathi uKristu ekubuthabatheleni kuye ubume bomntu, walubophelela kuye uluntu ngentambho yothando engenako ukuqhaulwa nangubani, ngaphandle kokuba iqhaulwe kwangumntu ngokwakhe. U-Satana uya kusoloko enibonisa izinto zokunihenda ukuze niyiqhaule lentambho, ninyule ukuzikhulula kuKristu. Ize nizilumkele ke, nizame, nithandaze ukuba kungabikho nto inihendela kwenye inkosi; ngokuba nihleli nikhululekile ukuba nikwenze oko. Masiqwalasele kuKristu, yena uya kusilondoloza. Xa sikhangele kuYesu sisindile. Akukho nto inokusicombulula esandleni sakhe. Ekumboneni kwethu futhi, “senziwa similise okwaloomfanekiso, sivela ebuqaqaulini sisinge ebuqaqaulini, kwa njengokuvela eNkosini enguMoya.” (2 Korinte 3: 18.)AOK 56.2

    Abafundi bakhe bokuqala bamfuza ngohlobo olunjalo umSindisi othandekayo. Bathi bona bakuweva amazwi kaYesu, bakuva ukufuneka kwakhe kubo. Bamfuna, bamfumana, bamlandela. Babehlala naye endlwini, etafileni, egumbini, nasezindle. Babemphulaphula njengabantwana bephulaphula umfundisi wabo, besamkela kuye imihla le izifundo ezingayo inyaniso yakhe engcwele. Bona babehleli belindele ukuxelelwa nguye iimfanelo zabo, benjengezicaka kwinkosi yazo. Aabo bafundi bakhe babe ngabantu, “abaluvo lunjengolwethu.” Yakobi 5: 17. Nabo babesilwa elidabi lesoono njengathi. Babefuna kwa olubabalo silufunayo, ukuze babe nako ukuphila ubomi obungcwele.AOK 57.1

    NoJohane ngokwakhe, umfundi oyintanda, oyena ubemfuze umSindisi ngaphezu kwabanye ngesimilo, akabanga naso esosimilo sibukekayo ngemveli. U-Johane waye ngathandi ukuzitsho ethanda udumo kuphela, kodwa waye nawo nomsindo nenzondo akoniwa. Waathi ke akusibona isimilo salowo uNgcwele, wakubona ukungabi nto kwakhe, wadana, wazithoba. Ukomelela, umonde, amandla, ukuncendezela, ubukhulu, nokululama awakubona imihla ngemihla kuNyana kaThixo, kwawuzalisa umphefumlo wakhe ngothando nangokuthi nqa seso similo sihle. Yasuka intliziyo yakhe yaya inamathela kuKristu, wada waziva ebiwe kanye luthando lokuthanda loNkosi yakhe, yaza lanzondo nokuya kuthanda udumo zoyiswa ezonto ngamandla abumbhayo kaKristu. Iimpembhelelo zozalo olutsha zoMoya oyiNgcwele, zayihlaziya intliziyo yakhe. Amandla othando lukaKristu asebenza inguquko enkulu esimilweni sakhe. Kuba njalo ke kumntu wonke akumanyana noYesu. Uthi uKristu akuhlala entliziyweni, isuke yonke imo yomntu iguquke, ibe yenye. U-Moya baKristu, nothando lwakhe, luyayithambhisa intliziyo, woyiseke umphefumlo; zisuke ingcinga neminqweno zisinge kuThixo nakulo izulu.AOK 57.2

    Waathi uKristu akunyukela ezulwini, sasuka isithozela sobukho bakhe sahlala sona sihleli phakathi kwabalandeli bakhe. Kwathi noko angasekhoyo banga basombona, ezaliswe luthando nakukukhanya. U-Yesu umSindisi, owahambha, wathetha, wathandaza nabo, wavuselela amathembha, wabanga intuthuzelo ezintliziyweni zabo; wathi, esathetha uxolo, wasuka waqhiwulwa kubo wathathelwa ezulwini, sathi isandi samazwi akhe banga basasiva xa amkelwa yilondili inkulu yezithunywa, esithi, “Niya bona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mateyu 28: 20. Wenyukela ezulwini esebumeni bomntu. Babesazi ukuba noko aye phambi kwetrone kaThixo, use ngumHlobo nomSindisi wabo, besazi ukuba usabavela kwiingxakeko neentsizi zabo. Phambi koThixo, ebonisa ezozandla zakhe zinamanxeba, nelocala lakhe lahlabaniselwayo, neezo nyawo zakhe zanxhwelerwayo, ubeka ukufaneleka kwegazi lakhe elixabisekileyo, njengesikhumbhuzo sexabiso alihlaulayo ngenxa yabakhululwa bakhe. Babesazi ukuba ukunyukela kwakhe ezulwini, kwaye kukukuya kubalungiselela iindawo zokuhlala, besazi kanjalo ukuba uya kubuye abuye, eze kubathathela kuye ngokwakhe.AOK 57.3

    Baathi bakuba behlanganisene emva kokunyukela kwakhe ezulwini, bagqiba kwelokuba benze izicelo zabo kuYise ngegama lika-Yesu. Benoloyiko olundilekileyo baguqa bathandaza bemkhumbuza ngaloomazwi akhe athi, “Zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niyakwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.” Johane 16: 23, 24. Bayolula ingalo yabo yokholo yaya inyuka ngokunyuka, bezomeleza ngalamazwi, “NguKristu nje owafayo, ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo.” Roma 8: 34. Waza ke umhla wePentekoste wabazisela umThetheleli Iowa waathi ngaye uKristu, “uya kuba nani.” Wabuya wathi, “Kunilungele ukuba ndimke mna; kuba ndingemkanga, umThetheleli akayi kuza kuni, ke ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.” (Johane 14: 17; 16: 7.) Ukususela kuloomini, uKristu wayeza kuhlala ehleli ezintliziyweni zosapho lwakhe ngaye uMoya. Ukumanyana kwalo naye kwa kuza kusondela ngaphezu kokuba kwakunjalo ngexa waye nabo ngesiqu. Ukukhanya, nothando, namandla okuhlala kukaKristu phakathi kwabo, kwakhanya kuphuma kubo, baza abantu bathi ngokubona kona, “bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.” (Izenzo 4: 13.)AOK 58.1

    Konke oko uKristu wayekuko kubafundi bakhe bokuqala, ufuna ukuba kwakuko abantwaneni bakhe namhlanje; kuba kumthandazo wakhe wokugqibela, okuya wayengqongwe leliya qelani labafundi, waathi, “Andiceleli ke aaba bodwa, ndicelela naabo baya kukbolwa kum ngelizwi labo.” Johane 17: 20.AOK 58.2

    U-Yesu wasithandazela, wasicelela ukuba sibe banye naye, kwa njengokuba naye emnye noYise. Hayi umanyano lungummangaliso! UmSindisi waathi ethetha ngesiqu sakhe, “UNyana akanakwenza nto ngokwakhe; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.” (Johane 5: 19; 14: 10.) Ukuba ke uKristu uhleli ezintliziyweni zethu, nguye oya kusebenza nga- phakathi kwethu, “ukuthanda oko, kwa nokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.” (Filipu 2: 13.) Siya kusebenza njengoko wasebenza ngako; sibonakalalise kwa laamoya wabonakalalisa wona. Sithi ke simthanda sihleli nokuhlala kuye, sisuke, “sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu.” (Efeso 4: 15.)AOK 58.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents