Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    11. ILUNGELO LOMTHANDAZO

    NGAYO indalo nangesityhilelo selizwi lakhe, ngempatho yakhe kuthi yobuThixo, nangempembhelelo yoMoya wakhe, uThixo uya thetha nathi. Kanti ke ezindlela azanele; kufuneka kananjalo sizithululele kuye iintliziyo zethu. Ukuze sibe nobomi namandla asemoyeni, kufuneka ukuba sibe nobudlelane obububo noBawo wethu wasezulwini. Iingqondo zethu zingade zitsalekele kuye, singa camngca ngemisebenzi yakhe, neenceba, neentsikelelo zakhe; kanti noko konke oku asikuko ukuba nobudlelane naye ngeyona ndela izeleyo. Ukuze sibe ngabanobudlelane naye uThixo, masibe nento esiyithethayo kuye mayela nenkqu bomi bethu.AOK 71.1

    Umthandazo kukuvulwa kwentliziyo kuThixo njengakumhlobo. Ingekuko ukuba kuyafuneka ukuba simazise uThixo into esiyiyo, kodwa ikukuze sibe nako ukumamkela. Umthandazo awumhlisi uThixo umzise kuthi, kooko unyusa thina usise kuye.AOK 71.2

    Oko uYesu ebesemhlabeni, wabafundisa abalandeli bakhe ukuthandaza. Wabayalela ukuba bazazise iintswelo zabo zemihla ngemihla kuThixo, nawo onke amaxhala abo bawaphose kuye. Loongqiniseko wabanikayo yokuba imithandazo yabo yoviwa, ikwa yingqiniseko kuthi ngokunjalo.AOK 71.3

    U-Yesu ngokwakhe ngokuya wayehleli phakathi kwabantu, waye soloko esekuthandazeni. U-Yesu waziqhelanisa neentswelo nezilwelwe zethu, kuba waba ngumceli, nomthandazi, ofuna kuYise isabelo esitsha samandla, ukuze abe nokuphuma exhotyiselwe umsebenzi nokulingwa. Ungumzekelo wethu ezintweni zonke. Ungumzalwana kubulwelwe bethu, kuba, “wahendwa ngeento -zonke, ngokokufana nathi”; kodwa wathi njengongenasoono warwaqela enkohlakalweni; weva ubunzima neentlungu zomphefumlo kwelihlabathi lesoono. Ubume bakhe bobuntu babanga ukuba umthandazo ube yinto efunekayo nelilungelo kuye. Wazuza intuthuzelo novuyo ekudlelaneni noYise. Ukuba ke ngoko umSindisi wabantu, uNyana kaThixo, wakubona ukufuneka nokulunga komthandazo, kungamela ukuba ngaphezulu kangakanani na ukufuneka kwawo kuthi thina zinto eziswele amandla, zoonileyo, zinokufa.AOK 71.4

    U-Bawo wethu osezulwini uhleli ekulindele ukuthululela phezu kwethu inzaliseko yeentsikelelo zakhe. Lilungelo lethu ukusela kakhulu kulomthombho wolothando lwakhe lungenasiphelo. Kumangalisa njani ukuba sibe sithandaza kancinane kangakanana! U-Thixo uhleli elindele ukuwuva umthandazo wenyameko woyena uphantsi kubantwana bakhe, kanti ke noko kukho ukuyekelela kokungakhathali kuthi ukumazisa izinto esizisweleyo. Zona ke izithunywa zezulu zicinga ntoni ngeento ezinjengathi nje, ezikhohlwe nokuzinceda, ezisisulu sezilingo, xa sithi intliziyo kaThixo ezele luthando isilangazelela, efuna ukusipha ngaphezu kooko sikucelayo okanye esikucingayo, sibe thina sithandaza kancinane kangakanana, kanjalo sinokholo oluncinane kangaka? Izithunywa ziyathanda ukuqubuda phambhi koThixo; ziyathanda ukuba kufuphi kuye. Ukudlelana noThixo zikubalela ukuba kulolona luvuyo luphakamileyo; ukanti Iona usapho lwasemhlabeni, olulufuna kangaka uncedo olunokunikwa nguThixo kuphela, lukhangeleka ngathi lwanelisiwe kukuhambha ngaphandle kokukhanya koMoya wakhe, nobukholwane bobukho bakhe.AOK 71.5

    Ubumnyama balowo ukhohlakeleyo buya basibekela aabo bangathandaziyo. Amasebezo ezihendo zotshaba abalukuhlela esoonweni; konke ke oku kwenziwa kukuba bengawasebenzisi amalungelo abawanikwe nguThixo ngommiselo wakhe womthandazo. Ngani na ukuba oonyana neentombhi zikaThixo zinqene ukuthandaza, ekubeni umthandazo usisitshixo esisesandleni sokholo sokuvula indlu yobuncwane yasezulwini, apho kugcinwe khona ubutyebi obungenamlinganiselo bOnamandla onke? Ukuba asihlali sithandaza silindile ngenkuthalo, sisengozini yokungenwa kukungakhathali nokuphambhuka endleleni elungileyo. Utshaba soloko luzamela ukuyivingca indlela eya kusihlalo senceba, ukuze singathi ngezibongozo zenyameko nokholo lwethu sifumane ubabalo namandla okuchasa ukulingwa.AOK 73.1

    Kukho izimiselo ezithile esingathi ngokuzenza silindele ukuba uThixo ayive, ayiphendule imithandazo yethu. Esokuqala kuzo sesokuba siqonde ukulufuna kwethu uncedo oluvela kuye. Sel’esidingile wathi, “Ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo.” Isaya 44: 3. Aabo balambhela banxanele ubulungisa, abalangazelela uThixo, mabaqiniseke ukuba baya kuhluthiswa. Intliziyo mayivulelwe impembhelelo yoMoya wakhe, okanye intsikelelo kaThixo ayinakwamkelwa.AOK 73.2

    Ukuswela esinako kungumthetheleli wethu ngokwako, kuya sibongozela ngentetho ecacileyo kwaphela. Kodwa noko kunjalo simelwe kukuba simfune uThixo ukuba asenzele ezi zinto. Uthi, “Celani, nophiwa.” (Mateyu 7: 7.) Ubuye athi, “Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali zonke ezo zinto, ndawo nye naye?” (Roma 8: 32.)AOK 73.3

    Ukuba sisekeleze ubutshinga ezintliziyweni zethu, ukuba sitshele kwisoono esithile esisaziyo, iNkosi ayisayi kusiphulaphula; kodwa umthandazo womphefumlo oguqukayo, nowaphukileyo uyamkelwa. Zakuba zonke iziphoso ezaziwayo zilungisiwe, singakholwa ukuba uThixo uya kuziphendula izicelo zethu. Ukuzenzelelelisa kwethu asikuko okuya kusithandisa kuThixo; kukufaneleka kukaYesu okuya kusisindisa, ligazi lakhe eliya kusihlambhulula; noko ke sinomsebenzi wokuzithobela izimiselo zokwamkelwa kwethu. Esinye isimiselo somthandazo onempumelelo lukholo. “Lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi waabo bamfunayo.” Hebere 11: 6. U-Yesu wathi kubafundi bakhe, “Zonke izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela, noba nazo.” Marko 11: 24. Siyalamkela na elolizwi lakhe?AOK 74.1

    Lengqinisekiso ibanzi ayinasiphelo, kwaye ethembekile lowo udingileyo. Xa sithi singazamkeliswa izinto esizicelileyo, ngeloxesha sizicela ngalo, masihlale sikholwa ukuba iNkosi iyasiva, iya kuyiphendula imithandazo yethu. Singabagqithi ababona kufutshane ngangokuba maxa wambhi sicele izinto ezingeyontsikelelo kuthi, athi ke uBawo wethu wasezulwini, ngothando, ayiphendule imithandazo yethu ngokusinika okona kuya kusifanela ngaphezulu — kanye ooko ebesiyakuthi sinqwenele kona ukuba besivuliwe amehlo abona ngokobuThixo izinto njengoko zinjalo. Namaxa ngathi imithandazo yethu ayiphendulwa, masibambhelele noko kulo idinga; kuba ixesha lokuphendulwa kwayo liya kufika ngokuqinisekileyo, siyifumane loontsikelelo siyifuna ngamandla. Ukubanga kodwa ukuba umthandazo uya kusoloko uphendulwa ngendlela enqwenelwa sithi, size sinikwe lonto kanye siyifunayo, kukuzidepisela. U-Thixo ulumke ngangokuba angabi nakuphosisa, elunge kakhulu ukuba angade abandeze nayiphina into elungileyo kwaabo bahambha ngobulungisa. Musa ke ukoyika ukumthembha nangexesha angathi akakuphenduli kamsinya ekuceleni kwakho. Thembhela wena kwelodinga lakhe liqinisekileyo, lithi, “Celani, nophiwa.”AOK 74.2

    Ukuba sivumelana nentandabuzo nezoyikiso, okanye sizama ukucombhulula zonke izinto ezingasicacelanga ngaphambhi kokuba sikholwe, iingxakeko zethu ziya kuya zisanda zibanzulu. Kodwa ukuba siza kuThixo, siziva singenakuzenzela lutho sixhomekeke kuye, njengoko sinjalo kade, ukuze ngokuzithobileyo na- ngokholo oluthembhayo, simazise izinto esizisweleyo, yena ulwazi lungenamda, ozibonayo zonke izinto zendalo, elaula yonke into ngentando nelizwi lakhe, unako kanjalo eya kukuphulaphula ukukhala kwethu, asinike ukukhanya ezintliziyweni zethu. Ngomthandazo onyanisekileyo siziswa ebudlelaneni nengcinga yOngaphelendawo. Singade singabi nazimpau zibalulekileyo zibonisa ukuba ngeloxesha umKhululi wethu ugobe phezu kwethu ngovelwano nothando; kanti noko kunjalo. Singade singakuva ukusichukumisa kwakhe, kanti noko isandla sakhe sothando nenceba yobubele siphezu kwethu.AOK 74.3

    Xa sukuba sisiza kucela kuThixo ukuba asenzele inceba, asisikelele, masibe nomoya wothando nowokuxolela ezintliziyweni zethu. Singathini na ukuthandandaza sithi, “Sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela aabo banamatyala kuthi” (Mateyu 6: 12), sibe noko sitshoyo sigcine umoya ongenaluxolo? Ukuba singa imithandazo yethu ingaviwa, masibaxolele nathi abanye, kwa ngaloondlela, nangaloomlinganiselo, nathi singa singaxolelwa ngawo.AOK 75.1

    Ukuzingisa ekuthandazeni kwenziwe kwangummiselo wokuze samkele. Ukuba singa singakhula ngokholo nangamava, masithandaze singayeki. Kuthiwa, “Zingisani ekuthandazeni” (Roma 12: 12), “Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo.” ( Kolose 4:2.) Umpostile uPetros uyala amakholwa, athi, “nibe nobunchathu, nihlale nilindile nithandaza.” (1 Petros 4: 7.) U-Paulos uyalela athi, “Mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawo nye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.” Filipi 4: 6. Ke yena uJuda uthi, “Ke nina, zintanda, nithandaza niseMoyeni oyiNgcwele, hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo.” (Jude 20, 21.) Uzingiso emthandazweni lumanyano olungaqhauke-ndawo phakathi koThixo nomphefumlo, ukuze ubomi obuvela kuThixo buthululelwe ebomini bethu; nakobethu ubomi kuphume ubunyulu nobungcwele bubuyele kuThixo.AOK 75.2

    Inkuthalo ekuthandazeni ifuneka kakhulu; ngoko musa ukuvumela nanye into ukuba ikuphazamise. Yenza yonke imigudu yokubugcina busoloko buhleli ubudlelane obuphakathi koYesu nomphefumlo wakho. Wafune onke amathuba okuya apho umthandazo uhlala usenzelwa khona. Aabo babufuna ngenyani ubudlelane noThixo baya kubonwa ezintlanganisweni zokuthandaza, bethembhekile ekwenzeni umsebenzi wabo, benenyameko nolangazelelo lokuvuna zonke iintsikelelo abanokuzizuza. Baya kuwalungiselela onke amathuba okuzimisa apho banokwamkela imitha yokukhanya okuvela ezulwini.AOK 75.3

    Masithandaze esigqebeni sekhaya; singakutyesheli ngokungakumbhi ukuthandaza ngasese; kuba oko kububomi bomphefumlo. Yinqaba ukuba umphefumlo ungaphila ngaphandle komthandazo. Akwanele ukuthandaza nosapho lwakho ekhaya okanye esidlangalaleni. Yithi, xa uwedwa, uwandlale umphefumlo phambhi kweliso eligocagocayo likaThixo. Umthandazo wangasese ma uviwe kuphela nguThixo ova imithandazo. Akukho ndlebe yimbhi ema iphulaphule imigulo yezikhungo ezinjalo. Kumthandazo wangasese umphefumlo ukhululekile kwiimpembhelelo nakwiziphazamiso zangaphandle. Ngokuzola, noko uvutha, uya zolulela kuThixo. Zisuke zibe mnandi iimpembhelelo eziphuma kulowo ubona entsithelweni, ondlebe ihleli ivulekile ukuphulaphula umthandazo ophuma entliziyweni. Uthi umphefumlo, ngokholo lwawo oluzolileyo, ube nobudlelane noThixo, uzihlanganisele imitha yokukhanya okungcwele, ukuze womelezeke uxhaseke kwidabi lawo noSatana. UThixo uyinqaba yamandla ethu.AOK 76.1

    Thandaza egumbhini lako; uthi naxa wenza umsebenzi wakho wemini, ibe yona intliziyo yakho isoloko uyiphakamisele kuThixo. Kwaba njalo ukuhambha kukaEnoki noThixo. Lemithandazo yangasese, inyuka njengesiqhumiso esivumbha limandi ukuya kuyo itrone yobabalo. Akanako uSatana ukumoyisa ontliziyo yayame kuThixo ngalendlela.AOK 76.2

    Akukho xesha nandawo ekungathiwa kuyo umntu akangethandazi kuThixo. Akukhonto inako ukusithintela ukuba siphakamisele iintliziyo zethu ngomoya womthandazo onenyameko. Ezihlweleni zasezitratweni, nasemsebenzini, sinako ukwenza isicelo kuThixo, sicele ukuba asikhokele njengokuba uNehemiya weenza njalo oko wayesenza isicelo phambhi kokumkani uArtashashta. Igumbhi lokuthandaza unako umntu ukulifumana naphina. Masihlale siluvulile ucango lwentliziyo, simmeme uYesu ukuba eze ahlale emiphefumlweni yethu njengondwendwe lwasezulwini.AOK 76.3

    Nakubeni kungakho iimpembhelelo ezikhohlakeleyo ezisingqongileyo, asingewurogoli umoya wazo ombi, kodwa sinokuphila siphefumle intlengethwa emnandi yezulu. Sinokuwavala onke amakroba okungena kweengcinga ezimbhi ngokuwunyusela umphefumlo kuye uThixo ngomthandazo onyanisekileyo. Aabo bantliziyo zivulelwe ukwamkela intsikelelo kaThixo, baya kuhambha emoyeni obungcwele bungaphezulu kunobu balomhlaba, baze basoloko benobudlelane nezulu.AOK 76.4

    Kufuneka ukuba sibe nokumqonda ngokungaphezulu uYesu, siliqonde ngokungaphezulu ixabiso lazo iinyaniso zezulu. Ubuhle bobungcwele kufuneka buzizalise iintliziyo zabantwana bakaThixo; ukuze oku ke kwenzeke, kufuneka sicele uThixo ukuba asityhilele izinto zezulu.AOK 77.1

    Masiwolulele phezulu umphefumlo wethu, ukuze uThixo asiphe umoya waphezulu. Singasondela kuThixo kangangokuba kuso sonke isilingo esisiqubulayo, iingcinga zethu sizibhekise kuye njengoko intyatyambho ikhangela elangeni.AOK 77.2

    Zigcine zonke iintswelo zakho, novuyo, neentsizi, namaxhala, nezoyiko zakho phambi koThixo. Awunako ukumdinisa, azingomthwalo kuye. Lowo ulaziyo inaani lenwele zakho ukwazikhathalele iintswelo zosapho lwakhe. “INkosi inemfesane enkulu, inenceba.” Yakobi 5: 11. Intliziyo yakhe yothando ichukumiseka kamsinya zintsizi zethu, kwa naxa sithi sizikhankanye. Yise kuye yonke into ekhathaza umphefumlo wakho. Akukho nto ingade imsinde, kuba amazwe athwelwe nguye, nguye olaula yonke imicimbhi yehlabathi. Akukho nanye into ejongene noxolo lwethu encinane ngangokuba angayiphauli. Akukho mava amnyama ebomini bethu ngangokuba angawazi; akukho ngxaki ingamnqabelayo ukuba ayityhile. Akukho nxhwaleko inokuhlela noyena mncinane kubantwana bakhe, akukho maxhala aphithizelisa umphefumlo, akukho luvuyo, kungekho nomthandazo onyanisekileyo ophuma emlonyeni womntu, athi kanti uBawo wethu osezulwini akawazi, okanye akawukhathalele. “Ulophilisa abaphuke iintliziyo, abophe amanxeba abo.” InDumiso 147:3. Ukwalamana okukhoyo phakathi koThixo nomphefumlo ngamnye kucace kwaphelela ngokungathi akukho mphefumlo wumbhi awanikela uNyana wakhe oyintando ngenxa yakhe.AOK 77.3

    U-Yesu waathi, “Niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo; kuba uBawo ngokwakhe uya nithanda.” “Ndim owanyula nina ... ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.” Johane 16:26, 27; 15:16. Kodwa ke ukuthandaza ngegama likaYesu kuyinto engaphezulu kunokulibiza nje elogama ekuqaleni nasekupheleni komthandazo. Kukuthandaza ngomoya nangengcinga kaYesu, sikholwa ngawo amadinga akhe, sibambhelele kubabalo lwakhe, sisebenza imisebenzi yakhe.AOK 77.4

    U-Thixo akangi singaba ngamalolo, sithi njengamagogo sizivalele ezindlwini zethu singasebenzi nto ngaphandle kokuthandaza. Ubomi bethu mabube njengobukaKristu — sithi sisentabeni sibe sisesihlweleni. Umntu ongasebenzi nto yimbhi nga- phandle kokuthandaza wobehle adinwe ayeke okanye imithandazo yakhe ibe sisiqhelo nje esiphindwaphindwayo. Bathi abantu bakuzikhetha kwabanye abantu, babekude nomhlaba womsebenzi wobuKristu nokuthwala umnqamlezo; bakuba beyekile ukuyisebenzela iNkosi eyabasebenzela yona ngenyameko, balahlekelwe ngowona mxholo womthandazo, bangabi nanto ibaphembhelela ukuba bathandaze ngokuzinikela. Imithandazo yabo isuka ibe yeyokuzithandela, babalibale abanye. Abakwazi ukuthandazela iintswelo zolunye uluntu okanye ukwakheka kobukumkani bukaKristu, bathandazele amandla okusebenza.AOK 77.5

    Siyalahlekelwa xa silihilizela ithuba lokuhlanganisana ndawonye ukuba somelezane sikhuthazane enkonzweni kaThixo. Zisuka iinyaniso zeliZwi lakhe zilahlekwe kukucaca nokubaluleka kwazo ezingqondweni zethu. Kusuka kuphele ukukhanyiselwa nokuvuselelwa kweentliziyo zethu zimpembhelelo ezingcwalisayo, sethe emoyeni. Ekuhlanganeni kwethu njengamaKristu silahlekwa kakhulu ngenxa yokuswela uvelwano omnye komnye. Umntu osuka azikhwebule kwamanye amaKristu abe yinto ezigcine yodwa, akenzi umsebenzi awayebekelwe ukuba enze wona nguThixo. Ukwakhiwa kweziseko zobuntu ezimeni zethu kusenza ukuba sibe novelwano nabanye, kukwa yindlela yokusikhulisa nokusinika amandla enkonzweni kaThixo.AOK 78.1

    Ukuba amaKristu ebengathi ahlanganisane, axoxe kunye ngothando lukaThixo, nangeenyaniso ezinkulu zenkululo yawo, iintliziyo zawo beziya kuvuseleleka, ukuze nawo avuselelane. Besingafunda ngakumbhi ngoBawo wethu wesezulwini, sibe namava amatsha ngobabalo lwakhe; sithi ke xa sikwenzayo oku, zisuke iintliziyo zethu zibe shushu zomelezeke. Ukuba besithetha sicinga ngokungaphezulu ngoYesu, nakancinane ngeziqu zethu, besiya kuhlala simbona ngaphezu koko simbona ngako ngoku.AOK 78.2

    Ukuba besingacinga ngoThixo futhi kangangokuba sinobunqhina bokusikhathalela kwakhe, besiya kuhlala simkhumbhula ngeentliziyo zethu, sithande ukuthetha ngaye nokumdumisa. Sithetha ngezinto zenyama kuba sizikhathalele. Sithetha ngezihlobo zethu kuba sizithanda; uvuyo lwethu neentlungu zethu zivelana nazo. Kanti ke kukho imbhangi engaphezulu yokuba simthande uThixo ngaphezu kwezihlobo zethu zasemhlabeni; kwaye kufuneka ukuba ibe yeyona nto ifaneleke kwaphela kuthi apha emhlabeni ukumbeka kuqala kuzo zonke izicamango zethu, sithethe ngobulungisa bakhe sixele nangamandla akhe. Ubutyebi asinike bona waye ngasinikele ukuba buziphange iingqondo zethu nothando lwethu ngangokuba singabi nanto singayinikela kuThixo; bobokusoloko busikhumbhuza ngaye, nokusibophelela ngeembhophelelo zothando nombulelo kumSizi wethu osezulwini. Sihleli kufutshane kakhulu kwiindawo eziphantsi zelizwe. Masiwaphakamisele phezulu amehlo ethu akhangele kolocango lwengcwele yaphezulu, apho ukukhanya kozuko lukaThixo kubengezela khona ebusweni bukaKristu, “onako nokubasindisa kanye aabo bezayo ngaye kuThixo.” Hebere 7: 25.AOK 78.3

    Sifanelwe kukumbulela ngaphezulu uThixo “ngenceba yakhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu.” (InDumiso 107: 8.) Imithandazo yethu mayingapheleli kuphela ekuceleni nasekwamkeleni. Masingasoloko kuphela sicinga ngeentswelo zethu, singakhe sicinge nangeentsikelelo esizamkeleyo. Asithandazi ngokugqithisileyo, kodwa noko sibulela kancinane. Sihlala sisamkela iintsikelelo zikaThixo futhi, kanti noko kunjalo asinawo umbulelo, simdumisa kancinane ngezinto asenzele zona.AOK 79.1

    Ngexa lakudala uYehova wawayalela amaSirayeli ukuba athi akuhlanganisana enkonzweni yakhe, wathi, “nidle khona phambhi koYehova uThixo wenu, nivuye entweni yonke enisa isandla senu kuyo, nina nezindlu zenu, akusikeleleyo kuyo uYehova uThixo wakho.” Duteronomi 12: 7. Konke okwenzelwa udumo lukaThixo kufanele ukwenziwa ngemigcobo, ngeengoma nendumiso nemibulelo, kungenziwa ngosizi nokukhedama.AOK 79.2

    U-Thixo wethu nguThixo onobubele, nonenceba. Inkonzo yakhe mayingaphathwa ngokuthe kunubembhe, nangokungathi iyimbhandezelo. Kufanele ukuba yimincili emikhulu ukunqula uYehova nokuba nesabelo emsebenzini wakhe. U-Thixo akathandi ukuba luthi usapho lwakhe, olwenzelwe usindiso olungaka, lwenze ngokungathi uyiNkosi elukhuni nengqabalala. Ungumhlobo walo omkhulu; xa lumkhonzayo, unga angaba nalo, alusikelele alonwabise, ezizalisa iintliziyo zalo ngovuyo nothando. U-Yehova uthanda ukuba usapho lwakhe lonwabe ekumkhonzeni, luchwayite ekwenzeni umsebenzi wakhe, ngaphezu kokuba lube nobunzima. Unga aabo abaza kuqubuda kuye bangemka bethwele iingcinga ezimnandi zenkathalelo nothando lwakhe, ukuze bakhuthazeke kuyo yonke imisebenzi yokuphila kwabo kwemihla ngemihla, babe nobabalo, lokusebenza ngokuthembeka nokukholeka kuzo zonke izinto.AOK 79.3

    Masingqonge umnqamlezo. U-Kristu obethelwe emnqamlezweni ufanele ukuba abe yeyona nto isezingcingeni zethu, nesincokola ngayo, nolona luvo lulolona lusivuyisayo. Masihlale sigcine ezintliziyweni zethu zonke iintsikelelo esizamkela kuThixo, sithi sakuluqonda uthando lwakhe, sikulungele ukuzila- hlela ngayo yonke into kulowo uzandla zabethelwa emnqamlezweni ngenxa yethu.AOK 79.4

    Umphefumlo unganyukela kufuphi nezulu ngamaphiko endumiso. U-Thixo unqulwa ngengoma nangesandi sezinto ezikhaliswayo kumabhothwe aphezulu, nathi ke xa sivakalisa umbulelo wethu sifuzisa olonqulo lwemikhosi yasezulwini. “Obingelela umbulelo uya ndizukisa” mna Thixo. (InDumiso 50: 23.) Masize phambhi komDali wethu ngokululama novuyo, sine “mibulelo nezwi lokumemelela.” (Isaya 51: 3.)AOK 80.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents