Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    12. OMAKWENZIWE NGENTANDABUZO

    BANINZI, ngokukodwa aabo abasandula ukubuqala ubomi bobuKristu, abathi maxa wambhi bakhathazwe zingcinga zokungakholwa. Kukho izinto ezininzi eBaibileni abangenakuzichaza, okanye ukuziqonda, asuke uSatana asebenzise ezondawo ukuzama ukushukumisa inkolo yabo eziBhalweni njengentyilelo evela kuThixo. Babuza bathi, “Ndingayazi njani na indlela eyiyo? Ukuba iBaibile ngenene ililiZwi likaThixo, ndingathini na ukuze ndikhululeke kwezintandabuzo neengxaki zayo?”AOK 81.1

    U-Thixo akakhe asizamele ukuba sikholwe engathanga kuqala asinike ubunqhina obaneleyo bento esifanele ukuluseka phezu kwayo ukholo lwethu. Ubukho bakhe, isimilo sakhe, ukunyaniseka kweliZwi lakhe, zonke ezizinto zisekwe ngobunqhina obucacileyo; obubunqhina ke buninzi. Kodwa noko kunjalo, uThixo akazange ayishenxise kanye indlela yokungena kwentandabuzo. Ukholo lwethu lwayame phezu kobunqhina, kungekuko embonakalweni. Aabo bafuna ukuthandabuza bobanalo ithuba lako; ekubeni aabo balangazelela ngenene ukuyazi inyaniso baya kubufumana bubuninzi ubunqhina abangaseka phezu kwabo inkolo yabo.AOK 81.2

    Kuyinto enzima kuzidalwa ezinqondo zinomda njengathi ukusiqonda kanye isimilo okanye imisebenzi yalowo uNgaphelendawo. Nakweyona ngqondi inkulu ebantwini isiQu soyiNgcwele siyakuhlala sisoloko siyimfihlelo. “Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomAndla? Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza nto ni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi nto ni na? Jobi 11: 7, 8.AOK 81.3

    Umpostile uPaulos udanduluka athi, “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!” Roma 11: 33. Kanti ke nakuba i-“ngamafu nesithoko-thoko ngeenxa zonke kuye, bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.” InDumiso 97: 2. Sinako ke noko ukukuqonda ukusiphatha kwakhe neempembhelelo ezimqhubayo, ukuze siqonde uthando lwakhe olungenasiphelo nenceba yakhe edibene namandla akhe angaphele ndawo. Sinokwazi ngangoko kusifaneleyo ngeenjongo zakhe, ukuze ngaphaya koko sithembhele kulongalo inamandla onke, nalontliziyo izele luthando.AOK 81.4

    IliZwi likaThixo, njengesimilo somNinilo oyingcwele, lizele zimfihlakalo ezingenakuze ziqondwe ngokuzeleyo sithi bazingqondo ziphelelwayo. Ukungena kwesoono elizweni, ukwenziwa umntu kukaKristu, uzalo olutsha, uvuko ekufeni, nezinye izinto ezininzi eBaibileni, zimfihlelo ezinzulu ukuba zibe nokutyhilwa ngumntu nangenako ukuziqonda ngokuzeleyo. Kodwa ke asinasizathu sokulithandabuza iliZwi likaThixo ngenxa yokuba singenako ukuziqonda iimfihlelo zempatho yakhe. Nakuwo lomhlaba sisoloko sijikeleziwe zizinto esingenako ukuziqonda kakuhle. Nezona ntwana zincinane kulomhlaba zisuke zidide nezona zilumko zitshatsheleyo, zingabi nako kanye ukuzityhila. Ngamacalana onke zizimanga ezingaphaya kwengqondo yethu. Sifanele na ukumangaliswa kwezomoya izinto sakuqubisana neemfihlakalo esingenako ukuziqonda? Oku kukhohlwa sinako kubangwa bubulwelwe nabubuncinane bengqondo yomntu. U-Thixo usinike ubunqhina obaneleyo eziBhalweni ngesimilo sazo sobungcwele, akufuneki ke ukuba silithandabuze iliZwi lakhe ngenxa yokuba singenako ukuziqonda iimfihlelo zempatho yakhe.AOK 83.1

    Umpostile uPetros uthi eziBhalweni apha kukho ndawo zithile “ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala.” 2 Petros 3: 16. Ezindawo bazithabatha abachasi abangakholwayo bazenze intsusa yokuyigqwetha iBaibile; babe bona bengazi ukuba zezona kanye zinika ubunqhina obunamandla okuphefumlelwa kwayo nguThixo. Ukuba kuphela ibineendawo esinokuziqonda ngokulula ngoThixo; ukuba ubukhulu nobungangamsha bebuyinto enako ukuqondwa zingqondwana eziphelelwayo, iBaibile le ibingasayi kuba nazo ezimpau inazo zibonisa igunya likaThixo. Bona kanye obubuhle nobunzulu bemfihlakalo bezinto ezibhaliweyo kuyo kufanele ukuba kuphembhelele inkolo yethu kuyo, siyiqonde ukuba ililiZwi likaThixo.AOK 83.2

    I-Baibile ityhila iinyaniso ezithe, ngokucaca nangokulungelelana kwazo neentswelo nezilangazelelo zentliziyo yomntu, zasuka zamangalisa zachwayitisa nabona bantu bangqondo zinkulu, yaye kanjalo imnceda othobekileyo nongafundanga ukuba ayiqiqe indlela yosindiso. Kanti noko kunjalo ezinyaniso zinikwe ngalendlela icacileyo zithetha ngeendawo eziphakame, nezithe ukulenga-lenga ukuba kude neengqondo zoluntu, zasuka zasixaka, sasesizamkela kuba zithethwe nguThixo. Ngalendlela ke lityhiliwe kuthi icebo lokukhululwa kwethu, ukuze wonke umntu awabone amabanga afanele ukuwathatha okuguqukela kuThixo, nawokholo ngakuyo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuze sisindiswe nge- ndlela kaThixo emiselekileyo. Kanti ke phantsi kwezinyaniso ngathi ziqiqeka lula, kufihlakele iimfihlelo ezizimeze uzuko lwakhe — iimfihlelo eziyoyisayo ingqondo yakuba iziphengulula ngenyameko, noko kunjalo zimbange lowo uyifuna ngenyameko inyaniso ukuba abenentlonelo nokholo. Ngokuya eyiphengulula iBaibile, kokhona iya iba nzulu ingqiniseko yokuba ililiZwi loThixo ophilileyo, ibonakale ingqondo yomntu izithoba isoyiseka phambhi kobungangamsha bentyilelo yobuThixo.AOK 83.3

    Ukuvuma ukuba asinako ukuziqonda iinyaniso ezinkulu zeBaibile, kukuvuma ukuba ingqondwana zethu azanele ukuba zingakuqonda okungaphelendawo; nokuba umntu, ngolwazana lwakhe oluqingqiweyo, akanako ukuzazi iindlela zalowo uNgolumkekwaphela.AOK 84.1

    Ngenxa yokuba bengenakuzivumbhulula zonke iimfihlelo zikaThixo, abachasi neengqola basebesuka belilahla; kwaye asingabo bonke nakwabakholelwayo yiBaibile abamsulwa engozini ngakulendawo. Umpostile uthi, “Lumkani bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo.” Hebere 3: 12. Kulungile ukuzicokisa iimfundiso zeBaibile, nokuziphengulula izinto “ezinzulu zikaThixo,” (1 Korinte 2: 10) kangangoko zityhiliweyo kuthi eziBhalweni. Ekubeni “Izinto ezisitheleyo zizezikaYehova uThixo wethu,” “izinto ezityhilekileyo zezethu.” (Duteronomi 29: 29.) Kodwa ke ngumsebenzi kaSatana ukuwagqwetha amandla engqondo okuianda izinto. Kubakho ikratshi elithile elidibana nokuphengululwa kweziBhalo, elibanga abantu bazive bediniwe boyisiwe bakuba bebona bengenako ukuziqonda zonke iindawo zesiBhalo ngokubanelisayo. Kukuzithoba gqitha kubo ukuvuma ukuba abawaqondi amazwi aphefumlelweyo. Abavumi ukulinda ngomonde ade uThixo abone kufanelekile ukuyityhila inyaniso kubo. Basuka bacinge ukuba ubulumko babo bungancedwanga banele ukubenza ukuba basiqonde isiBhalo, bathi ke bakungaphumeleli koku, basebeliphika igunya laso. Kuyinene ukuba izimvo neemfundiso ezininzi ekukholise ukucingwa ukuba zithatyathwa eBaibileni, azinasiseko emfundisweni yayo, zaye ngenyani zinxamnye nawo wonke umoya wempefumlelo. Zezi zinto kanye ezisuke zabanga intandabuzo nokuxakeka kubantu abaninzi. Asilotyala leliZwi likaThixo elo, kukugqwethwa kwalo ngabantu.AOK 84.2

    Ukuba bekunokwenzeka ukuba izidalwa ezidaliweyo zifikelele ekumqondeni ngokupheleleyo uThixo nemisebenzi yakhe, beziya kuthi ke, kuba zikufikelele oko, kungabi sabakho kuzo mfuneko vakufuna nyaniso yimbhi, nakukhula elwazini, nakuhlaziyeka kumbhi kwengqondo okanye intliziyo. U-Thixo ebeya kupheza ukuba ngowongamileyo kuko konke; aze umntu, kuba efikelele encamini yolwazi nokunokufikelelwa, apheze ukuhambhela phambhili. Masimbulele uThixo kuba kungenjalo. U-Thixo akanasiphelo; “bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi” bufihlwe kuye. (Kolose 2:3.) Bangaphengulula bafunde abantu kude kube ngunaphakade, kanti ke noko abasoze babugqibe ubutyebi bobulumko, bobulungisa, namandla akhe.AOK 84.3

    U-Thixo unga, nakobubomi, iinyaniso zalo iliZwi lakhe, zingaya zityhileka ebantwini bakhe. Inye kuphela indlela okunokufunyanwa ngayo okokwazi. Sinokufikelela ekuliqondeni iliZwi likaThixo kuphela ngokukhanyiselwa ngulooMoya elanikelwa ngaye. “Izinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo;” “kuba uMoya kaThixo uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.” 1 Korinte 2: 11, 10. NomSindisi waathi ukubabeka ngedinga abalandeli bakhe, “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. .... Ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.” Johane 16: 13, 14.AOK 85.1

    U-Thixo unqwenela ukuba umntu ayisebenzise ingqondo yakhe; kwaye ukufunda iBaibile kuyeyona nto iya kuyomeleza iyiphakamise ingqondo yakhe ngaphezu koqwalaselo lwayo nayiphina enye into. Noko ke, kufuneka ukuba silumke singasesisuka siyikhonza ingqondo leyo, kuba nayo ayimsulwa ebuthathakeni nasebulwelweni balo uluntu. Ukuba singa iziBhalo ezi azingesitheki kuthi, kangangokuba neenyaniso zazo ezilula zidandalaze, kufuneka ukuba singabi nakumbhi, sibe nokholo lomntwana omncinane, sihlale silungele ukufunda, sicela uncedo loMoya oyiNgcwele. Kufuneka ukuba athi amandla nobulumko bukaThixo, nokungabi nako kwethu ukubuqonda ubukhulu bakhe, zithi ezonto zisenze ukuba sizithobe, sithi ukulinqika iliZwi lakhe, singe simi phambhi kwakhe, sisuke sizaliswe luloyiko olungcwele. Xa siza kufunda iBaibile, kufuneka ukuba ingqondo yethu iqonde ukuba iza kusebenza negunya eliyongameleyo, ukuze ingqondo nentliziyo zigobe kulowo ubizwa ukuba nguNdingokhoyo omkhulu.AOK 85.2

    Kukho izinto ezingathi zinzima zinqabile ayakuthi uThixo azityhile azenze ukuba zicace kwaabo bafuna ukuba baziqonde. Kodwa ukuba asithanga sikhokelwe nguMoya oyiNgcwele, siya kuhlala sizikruna sizigqwetha iziBhalo. Kukho ukufunda iBaibile okungenalifa, okude kuthi ngamanye amaxesha kube yingozi kanye. Lakuba iliZwi likaThixo linqikwa ngaphandle kwento- beko nomthandazo; zakuba iingcinga zingekuye uThixo, okanye zingalungelene nentando yakhe, ingqondo izaliswa yintandabuzo; ukuze koko kuyiqwalasela iBaibile komelele intandabuzo eyingozi. Utshaba luya zithimbha iingcinga, lungenise ndawo zimbhi ezingezizo eziyinyaniso. Ngalo lonke ixesha abantu abathi bangavani noThixo ngentetho nangezenzo, nokuba sebefunde kangakananina, basisisulu sokuphosisa ekuziqondeni kwabo iziBhalo, ingabi bobulumko ukuthembhela engcacisweni yabo. Aabo bathi xa befunda iziBhalo babe befuna iindawo ezinganqhinelaniyo, abanawo umoya wokuchana inyaniso. Bathi ngenxa yokuba ukubona kwabo sekugqwethekile basebethandabuza bengakholwa zizinto ezininzi ezicacileyo nezisemhlotsheni.AOK 85.3

    Bangade basifihle kangangoko banako, kodwa esona sizathu siyinene sokungakholwa nokuthandabuza, ngamaxesha amaninzi, kukuthanda isoono. Iimfundiso nezithintelo zeliZwi likaThixo azamkeleki konekratshi, ontliziyo ithanda isoono, nakulowo ungavumiyo ukulilulamela, usuka alithandabuze igunya lalo. Ukuze sibe nokufikelela enyanisweni kufuneka ukuba silangazelele ngenyaniso ukuyazi, nentliziyo ivulekele ukuyithobela. Bonke ke abayifunda ngalomoya iBaibile baya kufumana ubunqhina obuninzi bokuba ililiZwi likaThixo, baze bamkele ukuziqonda iinyaniso eziya kubenza ukuba babe nobulumko obubasa elusindisweni.AOK 86.1

    U-Kristu uthe, “Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kvvakhe, woyazi imfundiso le.” Johane 7: 17. Endaweni yokumana ufeketha ubuza ngezinto ongaziqondiyo, nyamekela oko kukhanya sel’unako, uya kuthi ke uzuze ukukhanya okungaphezulu. Ngobabalo lukaKristu zalisa zonke iimfanelo ezithe zacaca engqondweni yakho, wothi ke uncedwe ukuba uqonde ufeze ezo ubusentandabuzweni ngazo ngoku.AOK 86.2

    Kukho ubunqhina obuvuleleke kubo bonke — kwabona bafunde kakhulu, nakwabona bangafundanga mpela — ubunqhina bamava omntu. U-Thixo ufuna ukuba sibuqonde ngokwethu ubunyaniso beliZwi lakhe, nokuqiniseka kwamadinga akhe. Uthi, “Yizani nibone ukuba ulungile uYehova.” (Indumiso 34: 8.) Endaweni yokuthembhela elizwini lomnye umntu, uthi masiziqondele ngokwethu. Uthi, “Celani, niya kwamkela.” Yohane 16: 24. Amadinga akhe aya kuzaliseka. Akazange aphuthe; akanakuze aphuthe. Sakuba ke sisondela kuYesu sivuyiswa yinzaliseko yothando lwakhe, intandabuzo nobumnyama ziya kupheliswa kukukhanya kwembonakalo yakhe.AOK 86.3

    Umpostile uPaulos uthi, uThixo “wasihlangula egunyeni lobu- mnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe.’’ (Kolose 1: 13.) Wonke ke umntu odluleyo kuko ukufa wangena ebomini unako “ukutywina aqinisele ukuthi, uThixo uyinyaniso.” (Johane 3: 33.) Unako ukunqhina athi, “Ndandifuna uncedo, ndaza ndalufumana kuYesu. Wandinika konke endikufunayo, wakwanelisa ukulambha komphefumlo warn, kungokunje iBaibile kum isisityhilelo sikaKristu. Uya ndibuza ukuba ngani na ukuba ndikholwe kuYesu? — kungokuba kum ungumSindisi oNgcwele. Kungani na ukuba ndikholelwe eBaibileni? — Ngokuba ndiyifumene ukuba ili-zwi likaThixo kuwo umphefumlo warn.” Singaba nabo ubunqhina kuthi ngokwethu bokuba iBaibile iyinyaniso, nokuba uKristu unguye uNyana kaThixo. Siyazi ukuba asilandeli zona iintsomi zobuqhetseba.AOK 86.4

    U-Petros ubayala abazalwana bakhe athi, “Khulani ke elubabalweni nasekuyazini iNkosi yethu umSindisi uYesu Kristu.” (2 Petros 3: 18.) Xa abantu bakaThixo bekhula elubabalweni, baya kuya beliqonda ngakumbhi iliZwi lakhe. Baya kufumana ukukhanya okutsha nobuhle ezinyanisweni zalo ezingcwele. Oku kube yinyaniso ebalini lebandla kuwo onke amaphakade, kuya kuhlala kunjalo kude kube sekupheleni. “Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.” ImiZekeliso 4: 18.AOK 87.1

    Ngokholo sinako ukukhangela kwixesha elizayo, silibambhe idinga likaThixo lokuba siya kukhula engqondweni, athi onke amandla omphefumlo wethu edibene namandla kaThixo akhokelelwe kumThombho wokukhanya. Sinako ukuvuyela ukuba kuthe konke obekusixaka kwindalo kaThixo kwacaciswa; zaza zathi izinto ebeziqiqeka nzima zaba nokutyhilwa, kwaza kwathi kobekuphithizela kububuvuvu ezingqondweni zethu eziphelelwayo, kwabonakala kulungelelene kukuhle. “Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxalenye; oko ke ndiya kwaazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.” 1 Korinte 13: 12.AOK 87.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents