Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    10. UKUMAZI U-THIXO

    IINDLELA zininzi athi uThixo afuna ukuzazisa ngazo kuthi ukuze asizise ebudlelaneni naye. Indalo yonke iyathetha ezingqondweni zethu ingayeki. Umntu ontliziyo ivulekileyo, angasuke akhwankqiswe luthando nozuko lukaThixo alubona kwimisebenzi yendalo yakhe. Indlebe ephulaphulayo inokuva iqonde nokuqonda ukuba uThixo uyathetha ngezizinto azidalileyo. Amathafa aluhlaza, imithi emide, imidumbha neentyatyambho, amafu adlulayo, imvula enethayo, imilambho, nezinto ezintle zesibhakabhaka; zonke ezizinto ziyathetha nathi, zisithi masiqhelane sazane nalowo wazidalayo zonke.AOK 65.1

    UmSindisi wethu wazisongela iimfundiso zakhe ezixabisekileyo ezintweni zendalo. Imithi, iintaka, intyatyambho ezikhula ezintilini, iinduli, amachibi, nesibhakabhaka esihle, nazo zonke izinto esizibonayo nezisingqongileyo imihla ngemihla; zonke ezizinto wazixokomelela namazwi enyaniso, ukuze sihlale sizikhumbula iimfundiso zakhe naphakathi kwamaxhala nemigudu yobomi bethu.AOK 65.2

    U-Thixo unga thina lusapho lwakhe singaneliswa yimisebenzi yakhe, sivuyiswe kukuwuhombhisa kwakhe lomhlaba ulikhaya lethu. Yena ungumthandi wezinto ezintle, ke phezu kwazo zonke izinto zangaphandle, uthanda isimilo esihle; unga ke singazama ukuhlambhuluka, ukuba msulwa, nokuba sizole sibebahle njengentyatyambho.AOK 65.3

    Ukuba sithe saphulaphula, indalo iya kusifundisa izifundo ezikhulu nezinqabileyo zentobeko nentembho. Kususela kwiinkwenkwezi ezihambha ngendlela ezayimiselwayo, kude kuse kweyona ntwana incinane awayidalayo, ziyithobele intando yomDali wazo. U-Thixo uyikhathalele, eyigcinile kananjalo yonke into ayidalileyo. Lowo uwathweleyo onke amazwe angenakubalwa akolulwantwentwe lwendalo, uzikhathalela, uzigcinile nezona ntakana zincinane ezitsholoza zivume zingoyiki nto. Xeshikweni abantu baya emisebenzini yabo yemihla ngemihla, naxa bathandazayo; xeshikweni balalayo ebusuku, naxa bavukayo kusasa; xeshikweni isityebi sidlayo kwibhothwe laso, naxa ihlwempu lihlanganisa usapho Iwalo kulotafilana yalo; bonke aaba bagciniwe nguBawo osezulwini. Akukho nyembhezi zamntu ziphalala angaziboni. Akukho luncumo angaluphauliyo.AOK 65.4

    Ukuba besiyakuthi sikholwe nje kuko oku ngokupheleleyo, ebeya kuphela onke amaxhala ethu. Bekuyakuphela kuthi ukuhlala sibambhelele ezidleleni, kuba besiyakuthi zonke izinto, ezinkulu, nezincinane, sizilahlele ezandleni zikaThixo, yena ungathingaziswayo bubuninzi bazo, okanye ongoyiswayo bubunzima bazo. Besiyakuthi ke sakwenza njalo sifumane ukonwaba nokuphumla abangenako abanye.AOK 67.1

    Yithi njengoko ubuthandayo ubuhle belizwe, cinga kwangokunjalo ngelo lizwe lizayo, elingasoze libazi ububi besoono nokufa; apho ubuso bendalo bungasoze bube nazo iimpau zesiqalekiso. Intelekelelo yakho mayizobe elokhaya labasindisiweyo, ukhumbhule ukuba ubuhle balo buya kudlula lee kobona buhle bunokuthelekelelwa yintelekelelo yakho. Kwiintlobo ngeentlobo zezipho zikaThixo endalweni sibona nje ufifana lokukhazimla kobuqaqauli bakhe. Kubhaliwe kwathiwa, “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungiselela aabo bamthandayo.” 1 Korinte 2: 9.AOK 67.2

    Imbhongi nomazi wezinto zendalo banezinto ezininzi abasixelela zona ngendalo, kodwa ngumKristu obubukayo ubuhle bomhlaba ngeyona ndlela ingaphezulu, kuba yena ubona kuyo ukusebenza kweminwe kaThixo, anakane uthando lukaThixo kuntyatyambho nasetyholweni nasemthini. Akukho unako ukuyiqonda ngokuzeleyo intsingiselo yenduli nentili, nomlambho nolwandle engazikhangeli njengokutyhilwa kothando lukaThixo analo ngakuye umntu.AOK 67.3

    U-Thixo uthetha nathi ngezinto azidalileyo, nangempembhelelo yoMoya wakhe entliziyweni. Phantsi kweemeko esikuzo nezinto ezisingqongileyo, kwiinguqulelo ezenzekayo macala onke kuthi, singafunda izifundo ezixabisekileyo, ukuba nje iintliziyo zethu zivuliwe ukuba siziqonde. UmDumisi, elanda umsebenzi kaThixo, uthi, “Lizele ihlabathi yinceba kaYehova.” InDumiso 33: 5. “Lowo ulumkileyo ma kazigcine ezindawo azigqale iinceba zikaYehova.” InDumiso 107: 43.AOK 67.4

    U-Thixo uthetha nathi ngalo iliZwi lakhe. Usityhilela kulo ngokucacileyo ngaso isimilo sakhe, ngayo impatho asiphethe ngayo, nangawo umsebenzi omkhulu wokusihlaulela ngentlaulelo. Kutyhilwe kulo ibali loomawokhulu bethu nabaprofeti, namanye amadoda akudala angcwele. Aye ngabantu, “abaluvo lunjengolwethu.” (Yakobi 5: 17.) Siyaqonda kulo imizamo abayenzaayo ukulwa nezidaniso ezinjengezethu, nangokuwa kwabo phantsi kwezilingo njengokuba nathi sisenza njalo, kodwa omelela kwa- khona, oyisa, ngobabalo lukaThixo, ukuze ngokuqonda oku, somelezeke ekuzameleni kwethu ubulungisa. Sakuba sifunda ngamava axabisekileyo ababa nawo, nangokukhanya nothando nentsikelelo eyaba yeyabo ukuba bayixhamle, nangomsebenzi abawenzayo ngalo ubabalo abalunikwayo, umoya owabaphembhelelayo uvusa idangatye lekhwele elingcwele ezintliziyweni zethu, nomnqweno wokufuna ukuba njengabo ngesimilo, size njengabo sihambhe naye uThixo.AOK 67.5

    U-Yesu waathi ngeziBhalo zeTestamente Endala — kukwa yinyaniso oko ngokungaphezulu kangakanani na ngezo zeNtsha —“Zaye zona zinqhina ngam” (Johane 5: 39), yena mKhululi, ekuxhomekeke kuye lonke ithembha lethu lobomi obungunaphakade. Ewe, iBaibile yonke ixela ngoKristu. Kususela kwingxelo yokuqala yendalo, ethi, “Engekho yena, akubanga kho nanye into ethe yaba kho” (Johane 1: 3) —kude kuye kwidinga lokuphela, elithi, “Yabona, ndiyeza kamsinya” (IsiTyhilelo 22: 12), sifunda ngemisebenzi yakhe siphulaphule izwi lakhe. Ukuba unga ungazana nomSindisi, ziphengulule iziBhalo eziNgcwele.AOK 68.1

    Yizalise intliziyo yakho iphela ngamazwi kaThixo. Ngawo odwa angamanzi obomi, aphelisa elonxano lakho likhulu. Asisonka esiphilileyo sasezulwini. Uthi ukuthetha kwakhe uYesu, “Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana womntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.” Uthi ke ukuyityhila into ayithethayo, “Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.” (Johane 6: 53, 63.) Kwa njengokuba imizimbha yethu isondleka kooko sikudlayo nesikuselayo, kukwanjalo nakwezasemoyeni izinto: umntu uphiliswa azuziswe amandla kukucinga acamngce ngezinto ezingamncedayo emoyeni.AOK 68.2

    Lomsebenzi wokukhululwa komntu ungumsebenzi izithunywa ezinqwenela ukunga zingawubona; usaya kuba lolona lwazi nengoma yabakhululwa kuwo onke amaphakade angenasiphelo. Awufanele na ngoko ukuba uqwalaselwe kucingwe ngawo ngoku ? Inceba engunaphakade nothando lukaYesu, idini alenzaayo ngenxa yethu, zonke ezonto zifuna ukuba sizicinge ngokunzulu nangokundilekileyo. Kufuneka ukuba sisicoselele ukusikhangela isimilo somKhululi nomThetheleli wethu. Kufuneka ukuba siwucamngce umsebenzi walowo weeza kusindisa abantu bakhe ezoonweni zabo. Sothi ke sakuba sicamngca ngezinto zasezulwini, lusuke lukhule lomelele ukholo nothando lwethu, ithi nemithandazo yethu yamkeleke ngakumbhi kuye uThixo, kuba iya kuba ixubene ngakumbhi nangakumbhi nokholo nothando. Iya kuba shushu ivakale. Siya kuqala simthembhe ngakumbhi uYesu, sibe namava emihla ngemihla okuba unawo amandla okusindisa ngokukhulu bonke aabo bezayo kuThixo ngaye.AOK 68.3

    Sakuba sicamngca ngokufezeka kwakhe umSindisi, sisuka sinqwenele ukunga singahlaziywa sifane naye ngokuhlambhululeka. Imiphefumlo yethu iya kulambhela inxanele ukunga iingafana nalowo simthandayo. Ngokuya sicinga ngaye uKristu, kuya kuba kokhona sithethayo ngaye kwabanye, simxelayo kulo ilizwe.AOK 69.1

    I-Baibile yayingabhalelwanga zimfundi kuphela; kodwa yayibhalelwe izidenge nabantu abaphantsi. Iinyaniso ezinkulu ezifunekayo kulo usindiso lwethu, zicacisiwe zafana nemini emaqanda; akakho ke onako ukuphosisa alahlekane nendlela yakhe ngaphandle kwaabo balandela eyabo ingqondo endaweni yokuhambha ngentando kaThixo etyhiliweyo.AOK 69.2

    Akufuneki saneliswe bubunqhina banawuphina umntu othi zithi iziBhalo, kodwa masizifundele ngokwethu amazwi kaThixo. Ukuba siziyekelele ukuba sicingelwe ngabanye endaweni yokuba sizicingele ngokwethu, iingqondo zethu ziya kusuka zidole. Ingqondo yomntu inako ukudola xa ingasetyenziswayo kwizinto ezifuna ingcinga enzulu, ilahlekwe ngamandla okuzigcina izibambhe izinto ezinzulu zalo iliZwi likaThixo. Ingqondo iya kutwabululeka ukuba isetyenziswa ekulandeni ukudlelana kweendawo ezithile zeBaibile, kuthelekiswa isiBhalo ngesiBhalo, izinto zomoya ngezinto zomoya.AOK 69.3

    Akukho nto yomeleza ingqondo njengokuphengulula iziBhalo. Akukho ncwadi inamandla okuphakamisa iingcinga zomntu izomeleze, njengeenyaniso eziphangaleleyo nezinika isidima zeBaibile. Ukuba iliZwi likaThixo beliphengululwa njengoko bekufuneka liphengululwe njalo, abantu ngebeneengqondo ezibanzi, nesimilo esindilekileyo neenjongo ezizinzileyo ezingahlale zibonwa ngalamaxesha.AOK 69.4

    Kodwa luncinane uncedo oluzuzwa ngokuzifunda ngobunxhamo iziBhalo. Umntu angade ayifunde ayigqibe yonke iBaibile, kanti noko akayi kuba nako ukububona ‘okanye ukubuqonda ubuhle bayo, aze azifumane iinyaniso zayo ezifihlakeleyo. Isahlukwana esithile othe wasifunda wada wayiqonda intsingiselo yaso, nokudlelana kwaso necebo losindiso kwacaca, sinexabiso elikhulu ngaphezu kokufunda izahluko ezininzi kungekho njongo itsolileyo nangqeqesho izuzwayo. I-Baibile yakho ma isoloko ikuwe. Wakuba nethuba, yifunde, ngenisa engqondweni iindinyana ezithile. Naxa uhambha esitrateni, hambha ucinga ngayo, ukuze ingene engqondweni.AOK 69.5

    Asinako ukubufumana ubulumko singabenzelanga migudu mikhulu nokuphengulula ngomthandazo. Ezinye izahlukwana zesiBhalo zicace kangangokuba umntu angaphosisi ukuziqonda; kodwa kukho ezinye ezinzima ngangokuba umntu angabi nako ukuziqonda kwasekuqaleni. IsiBhalo kufuneka sithelekiswe nesiBhalo. Kufuneka kubekho uphengululo nokucamnga okunomthandazo. Uqwalaselo olunje ke luya kuvuzwa ngokutyebileyo. Njengaye umbhi wamatye anqabileyo, othi akumbha awabone enze unqhenqhe evele kuhle emhlabeni, uya kuba njalo lowo ufunayo ngozondelelo eliZwini likaThixo ngokungathi ufuna ubutyebi obufihliweyo, ukuzifumana iinyaniso ezixabiso likhulu, ezifihliweyo emehlweni omfuni ongakhathaliyo. Amazwi empefumlelo, aguquguqulwayo entliziyweni, aya kuba njengemisinga empompoza ivela kumthombho wobomi.AOK 70.1

    Ma ingaze ifundwe iBaibile ngaphandle komthandazo. Ngaphambhi kokuba uyivule imihlathi yayo cela ukhanyiselo loMoya oyiNgcwele, waye uya kulunikwa. Waathi uNathaniyeli akuza kuYesu, wathi umSindisi, “Naanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye.” Athi uNataniyeli kuye, “Undazi ngani na?” Waphendula uYesu wathi kuye, “Phambhi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona.” (Johane 1: 47, 48.) Uya kusibona nathi uYesu ezindaweni zangasese zokuthandaza, ukuba siya kumfuna ukuba asikhanyisele ukuze siyazi inyaniso. Izithunywa ezivela kwilizwe lokukhanya ziya kuba naabo abathi ngentliziyo ethobekileyo bafune ukukhokelwa kwasezulwini.AOK 70.2

    U-Moya oyiNgcwele uyamphakamisa umzukise umSindisi. Ngumsebenzi wakhe ukumtyhila uKristu, nobunyulu bobulungisa bakhe, nobukhulu bosindiso esinalo ngaye. U-Yesu uthi, “Uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.” Johane 16: 14. UMoya wenyaniso nguyena mfundisi mkhulu unako ukusazisa inyaniso njengoko injalo kuThixo. Makube ke uThixo umxabise kakhulu kangakanani na umntu, xa athe wakhupha uNyana wakhe ukuba amfele, waza wabuya wamisa uMoya wakhe ukuba abe ngumfundisi nomkhokheli womntu osoloko ehleli!AOK 70.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents