Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    13. UKUVUYELA ENKOSINI

    USAPHO lukaThixo lubizelwe ukuba lube ngabameli bakaKristu, ababonakalalisa ubulungisa nenceba zeNkosi. Njengo kuba uYesu esityhilile kuthi isimilo soYise, nathi sifanele ukumtyhila uKristu kweli lizwe lingayaziyo inceba yakhe nothando lwakhe. “Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.” “Mna ndikubo, wena ukum, ... ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile.” Watsho uYesu. (Johane 17: 18, 23.) Umpostile uPaulos uthi kubafundi bakaYesu, “Nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu,” “iyaziwa ileswa ngabantu bonke.” (2 Korinte 3: 3, 2.) Ngaye wonke umntwana wakhe uYesu uthumela incwadi ehlabathini. Ukuba ungumlandeli kaKristu, uyincwadi yakhe ayithumela kolosapho, loo lali, eso sitrato uhlala kuso. U-Yesu ohleli kuwe unqwenela ukuthetha ngawe kwiintliziyo zaabo bangamaziyo. Mhlaumbhi abayifundi iBaibile bona, okanye abaliva ilizwi elithethayo nabo emaphepheni ayo; abaluboni uthando lukaThixo olukuyo imisebenzi yakhe. Kodwa ukuba ungummeli onyanisekileyo kaYesu, kunokwenzeka ukuba ngawe batsalelwe ekubeni babe nento abayiqondayo ngokulunga kwakhe, bade bazuzelwe ekumthandeni bamkhonze.AOK 88.1

    AmaKristu amiswe ukuba abe ngabathwali-kukhanya endleleni esinga ezulwini. Amiselwe ukuba ancede ihlabathi ngokukhanya kwawo akuzuza kuKristu. Ubomi bawo nesimilo sawo sifanele ukuba sibe sesikhokelela abanye ukuba babe nokumqonda ngokukuko uKristu nomsebenzi wakhe.AOK 88.2

    Ukuba uKristu simqondakalalisa kakuhle, siya kuyenza inkonzo yakhe ibe nomtsalane, njengokuba injaio kakade. AmaKristu ahlala elusizi, ethe matsha-matsha, ekhwina ekhalaza, aya balahlekisa abanye ukuba bangamqondi kakuhle uThixo nento obuyiyo ubomi bobuKristu. Banika imbonakalo yokungathi uThixo akathandi ukuba usapho lwakhe lonwabe, baze ke ngako oku banqhine ubunqhina obubuxoki ngakuye uBawo wethu osemazulwini.AOK 88.3

    U-Satana usuka avuye ade agqakadule akubona ukuba abantwana bakaThixo uyaboyisa ukuba bangakholwa bamatsheke. Uya vuviswa kakhulu kukubona ukuba asimthembhi uThixo. ukuba siva kuthandabuza ukuba uyathanda enamandla kanjalo okusisindisa. Ukuthanda kakhulu ukuhlala esoyikisa side simci- ngele ukuba uThixo uza kusenzakalisa ngempatho yakhe. Ngumsebenzi kaSatana ukuhlala eyigqwetha iNkosi eyenza ngathi iswele inceba ayivelani namntu. Uya yifihla inyaniso xa ethetha ngayo. Intelekelelo yomntu uyizalisa ngobuxoki ngaye uThixo; ukuze endaweni yokuba sihlale enyanisweni ngakuBawo wethu lowo wasezulwini, nathi sihlale sicinga ngobobuxoki bukaSatana, simdele uThixo ngokungamthembhi nokumkhalazela. U-Satana usoloko wafuna ukubenza ubomi bobuKristu ubomi besithukuthezi. Ufuna ukuba bukhangeleke ngathi bunzima buneenkathazo; athi ke umKristu akubonakalalisa oku ebomini bakhe, abe, ngokungakholwa kwakhe, uthelela kubuxoki bukaSatana.AOK 88.4

    Baninzi abathi ukuyihambha lendlela yobomi, bahlale becinga ngobugqwidigqwidi nokusilela nokudaniswa kwabo, zisuke iintliziyo zabo zizaliswe lusizi nakukuncama. Xa ndandise-Europe, ndabhalelwa ngudade othile, owaye kobubume endicela ukuba ndimomeleze. Ndathi ngobusuku obusemva koko ndayifunda ngabo lencwadi yakhe, ndaphupha ngathi ndisentsimini ethile ndihambha nomnini ntsimi lowo endibonisa imithi yayo. Ndandihambha ndiqhaula intyatyambho ezazikuyo ndivuyiswe livumbha lazo elimnandi, waza lodade, owayehambha ecaleni lam, wayitsalela ingqondo yam kuvaba lameva amabi aye sendleleni yakhe, emthintele ukuba angadluli. Naanko ke emi elila ebuhlungu. Waye ngahambhi ngendlela elandela umkhokeli wethu lowo ungumnini ntsimi, kodwa ube hambha yena phakathi kwezibetha-nkunzi nameva. Uthe elila, “Hayi into embhi ukuthi intsimi enje ukubantle kwayo yoniwe ngameva.” Uvakele ephendula esithi umkhokeli, “Wayeke ameva kuba aya kukuhlaba akwenzakalise. Yikha wena imifiyo neenyibiba nezinye iintyatyambho.”AOK 89.1

    Akukho maxesha akha amnandi na kuwe kwawakho amava? Akunamizuzu ikhe yayola na, yamnandi intliziyo yakho wakungenwa nguMoya kaThixo? Akunamihla na ebomini bakho obudlulileyo othi wakucinga ngayo ubonakale uncuma? Amadinga kaThixo kuwe akafani nentyatyambho ezivumbha limnandi na eziphahle indlela yakho? Akunqweneli na ukuba ubuhle nokunuka mnandi kwazo kungazalisa intliziyo yakho ngovuyo?AOK 89.2

    Ameva lawo kunje wona aya kukwenzakalisa akwenze buhlungu; ukuba ke uhlanganisa kuphela izinto ezinjengawo, uze uzibeke phambhi kwabanye, akuyikuba uya budela na ubulungisa bukaThixo, ube uthintela naabo bakungqongileyo ukuba bangahambhi kuyo indlela yobomi?AOK 89.3

    Akukuhle ukuba umntu amane ukuthutha ebeka ecamanga ngezinto ezimbhi awakha wazenza,— ezinjengezigqitho zakhe nezinto ezakha zamdanisa. Akukuhle ukuhlala ethetha ngazo ezililela zide zimoyise zimenze aphelelwe ngamendu, ancame. Umphefumlo otyhafileyo ugutyungelwe bubumnyama, ubuvalele ngaphandle ukukhanya kukaThixo, ubeke isithunzi endleleni yabanye.AOK 89.4

    Mbuleleni uThixo ngemifanekiso yokukhanya ayibeke phambhi kwethu. Masizibuthele ndaweni nye izingqinisiso zothando lwakhe, ukuze sihlale sizibona amaxesha onke. U-Thixo unga singahlala sicamngca ngoNyana wakhe owashiya itrone kaYise, wabambhathisa ubuThixo bakhe ngobuntu ukuze abe nokumkhulula umntu egunyeni likaSatana. Unga singacamngca ngokusoyisela kwakhe, walivulela umntu izulu ukuba alibone igumbhi elinesihlalo sikaThixo apho alutyhila khona uzuko lwakhe. Unga singacamngca ngokukhutshwa kohlanga oluwileyo emhadini wentshabalalo apho lwalweyeliselwe khona sisoono, luziswe kwakhona ebudlelaneni noThixo ongaphele-ndawo, ukuze akuba eluphumelele ucikido lukaThixo ngokholo kumSindisi wethu, wambheswa ngobulungisa bukaKristu aphakanyiselwe kuyo itrone kaThixo.AOK 90.1

    Xa singathi siya luthandabuza uthando lukaThixo, singawathembhi amadinga akhe, siyamdela noMoya oyiNgcwele simenze buhlungu. Yena umzalikazi obantwana bahlala bekhalaza, njengokungathi akabakhathalele, phofu esaphuka ngabo imihla yonke ezamela ukubonwabisa; ube ngabacingela njani na aabo bantwana? Ukuba bebe ngaluthandabuzayo uthando lwakhe; lonto ibi ngamaphula intliziyo yakhe. Ube ngeva njani na umzali bakumphatha ngolohlobo abantwana bakhe? Nithi ke usikhangela njani na uBawo wethu osezulwini sakuluthandabuza uthando lwakhe, kanti nje wada wanikela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ukuze sizuze ubomi ngaye? Umpostile ubhale wathi, “Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali zonke ezo zinto, ndawo nye naye?” Roma 8: 32. Kanti baninzi kangakanani na abathi, ngezenzo nokuba abathethi na, “Lento ayenzelwe mna yiNkosi. Mhlaumbhi iyabathanda abanye, kodwa mna ayindithandi.”AOK 90.2

    Konke oku konakalisa owakho umphefumlo; kuba ilizwi ngalinye lokuthandabuza olithethayo limema izihendo zikaSatana; lomeleza ngaphakathi kwakho umoya wentandabuzo, lenze ukuba izithunywa zezulu ezikulungiselelayo zimke kuwe zibuhlungu. Wakuba ulingwa nguSatana musa ukuvakalisa ilizwi lentandabuzo okanye lokungaqondi. Ukuba ukhetha ukuluvula ucango kumacebiso akhe, ingqondo yakho iya kuzaliswa kukungathembhi nemibuzo yovukelo. Ukuba uya zivakalisa izimvo zakho, yonke intandabuzo oyivakalisayo ayaneli kuphumela wena ngokwakho umkhosi, kodwa iba yimbhewu eya kuntshula ivelise iziqhamo ebomini babanye, kuze kube nzima ukuyibuyekeza impembhelelo yalomazwi akho. Mhlaumbhi wena unganako ukuvuka phantsi kwelothuba lokulingwa uphuncule kwizabatha zikaSatana, kodwa abanye, aabo bawexuliswe zimpembhelelo zakho, abangeze babe nako ukusinda koko kungakholwa ubangenisele kona. Kubaluleke kangakanani na ke ngoko ukuba sithethe kuphela ezonto ziya kunika amandla omoya nobomi kwabanye!AOK 90.3

    Izithunywa zezulu zihleli ziphulaphula ukuba unika bunqhina buni na ehlabathini ngayo iNkosi yakho yasezulwini. Incoko yakho ma ihlale ingalowo uphilele ukuba akuthethelele phambhi koYise. Wakuba ubambha isandla somhlobo, mdumise uThixo ngomlomo nangentliziyo yakho. Oku kuya kuzitsalela ingcamango zakhe kuYesu.AOK 91.1

    Bonke abantu banezilingo; iintlungu ekunzima ukuzithwala, izihendo ezinzima ukuzichasa. Musa ukumana uxelela abanye ngeenkathazo zakho, zithwalele zonke kuye uThixo ngomthandazo. Ziqhelise ukuba ungaze uthethe nalinye ilizwi lokuthandabuza okanye lokudanisa. Unokwenza lukhulu ukuchwayitisa ubomi babanye ubomeleze emizameni yabo ngamazwi ethembha nolonwabiso olungcwele.AOK 91.2

    Kukho imiphefumlo emininzi yamagora efingwe ngokungamandla zizihendo, ekufuphi ekuphelelweni ngamandla edabini lokulwa nesiqu kwa nawo amandla angendawo. Musa ukumethisa amandla lowo unjalo edabini lakhe elinzima. Momeleze ngamazwi enkalipho, nawethembha ayakumthundezela endleleni yakhe. Ukukhanya kukaKristu kungathi ke ngayo lendlela kukhanye kusuka kuwe. “Akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi.” Roma 14: 7. Ngempembhelelo yethu singazi thina, kukho abanye abangomelezwayo bakhuthazwe, okanye batyhafiswe, bemkiswe kuKristu nakuyo inyaniso.AOK 91.3

    Baninzi abanoluvo olungelulo ngobomi nangesimilo sikaKristu. Bacinga ukuba ubengenabubele namtsalane, ubenzima, ephatha kalukhuni, engqabalala, engenaluvuyo. Kufuthi ke unqulo lwabaninzi lwenziwe lwaba lubi zezingcinga zinjalo.AOK 91.4

    Kukholisile ukuhlala kusithiwa uYesu walila, nokuba akazange abomwe encuma. UmSindisi wethu okunene waye yindoda yeentsizi nowazana nobuhlungu, kuba intliziyo yakhe ibivelana neentsizi zabantu. Noko bebunjalo nje ubomi bakhe, buzele zintlungu, wona umoya wakhe awuzange uphelelwe mandla. Ube nga- hleli ethe khunubembhe okanye elusizi, kodwa ubehleli onwabile enochwayito lokuxola. Intliziyo yakhe ibingumthombho wobomi; kuzo zonke iindawo ebehambha kuzo ube zisa ukuphumla noxolo, novuyo, nokonwaba.AOK 91.5

    UmSindisi wethu waye soloko enenzondelelo nenyameko enkulu, kodwa engazange athi khunubembhe. Ubomi baabo banga bangamfuza buya kuhlala buzele zizigqibo ezihle; baya kuwuva ngokuzeleyo umthwalo wokwazi ukuba baya kuziphendulela. Ukungakhathali kuya kupheliswa; ukugeza akuyikubakho, nokuqhula okusileyo kuphele; ke unqulo lukaYesu lunika uxolo olunjengomlambho. Alukucimi ukukhanya kovuyo; aluphelisi konwaba, okanye lumnike ubuso obubi umntu. UKristu wayengeze ukuba alungiselelwe, wayeze kulungiselela; luyakuthi ke uthando lwakhe lwakulaula entliziyweni, siwulandele umzekelo wakhe.AOK 92.1

    Ukuba sihlala sibeke phambili ezintliziyweni zethu imikhwa nezenzo ezibi zabanye, kosuka kunqabe ukuba sibathande njengoko uKristu wasithanda ngako nathi; kodwa ukuba ingcamango zethu zisoloko zicinga ngothando nenceba kaKristu engummangaliso ngakuthi, loomoya unjalo uya kusuka umpompozele kwabanye. Sifanele ukuthandana sibekane, noko zikho iindawana ezimbi esibonana zona. Masizame ukuzithoba nokungazithembhi, sibe nokuzithwala ngomonde iziphoso zabanye. Oku ke kuya kukubulala konke ukuzicingela sedwa, kusinike intliziyo ebanzi nenesisa.AOK 92.2

    UmDumisi uthi, “Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo; lime ilizwe, ulandelane nokuthembeka.” Indumiso 37: 3. “Kholosa ngoYehova.” Umhla ngamnye unemithwalo yawo, namaxhala neenkathazo zawo; esithi sakuhlangana, sisesisuka sithetha ngeengxakeko nezilingo zethu ezo. Zithi ke zakuba ninzi iinkathazo ezingenelayo, kube kukhulu ke ukoyika, sixike ukuthetha ngamaxhala esinawo, kude kunge akukho mSindisi usivelayo, usithandayo, nohleli ekulungele ukuziva zonke izicelo zethu, abe luncedo olumsinya kuthi ngamaxesha onke.AOK 92.3

    Abanye basoloko besoyika bezibizela inkathazo. Bathi bejikeleziwe nje yonke imihla zimpha-u zothando lukaThixo; besiva ubumnandi beentsikelelo zakhe, babe noko ezintsikelelo bengazisi neso eli. Iingcinga zabo zizele zizinto ezingathandekiyo, aboyika ukuba zingabakho; mhlaumbi babangwa zingxakeko ezikhoyo ngenene, ezithi, noko zincinane, zisuke ziwamfamekise amehlo abo kwezo zinto zininzi ebebefanele ukuzibulela. Ingxakeko abazifumanayo, endaweni yokuba zibaqhubele kuThixo, yena ungo- kuphela koncedo lwabo, zisuka zibahlule kuye, kuba zivuselela ukungonwabi nokungcungcutheka.AOK 92.4

    Siyalungisa na ukuba sibe nje ukungakholwa kwethu? Kungani na ukuba sibe nje ukuswela umbulelo? U-Yesu ungumhlobo wethu; lonke izulu likukhathalele ukuphila kwethu. Besingafanele ukuba siziyeke ingxakeko neenkathazo zemihla ngeemihla zisiphazamise. Sothi sakwenza njalo zisivuyelele zisiqumbise. Masiyeke ukuzahlula kwabanye abantu, sibe ziinto ezimana ukukhwina, sicinga ngezinto ezingasincediyo ukuba sibe nokuzithwala izilingo.AOK 93.1

    Ungade ungaphumeleli emsebenzini wakho; zingade izinto zibe ziya zibamnyama ngokubamnyama, ude ube uzakutshona eshishinini lakho; noko kunjalo musa ukuncama; liphose ixhala lakho phezu koThixo, uhlale uzole uchwayite. Thandazela ubulumko bokuba ube nako ukuyiqhuba imicimbi yakho ngentelekelelo, ngokwenza njalo ke uthintela ukuba kungabikho lahleko namonakalo. Zama wena ngelakho icala ukuba imicimbi yakho iphumelele. U-Thixo udinge ukuba uya kusinceda, kodwa kungengaphandle kweyethu imigudu. Xa uthe, wayame kumNcedi wethu, wakwenza konke onokukwenza, ungaqala ke ukuyikhangela impumelelo ngokuchwayita.AOK 93.2

    Asikukuthanda kukaThixo ukuba abantu bakhe bacinezelwe zimbandezelo. Kodwa ke iNkosi yethu ayikhe isikhohlise. Ayikhe ithi kuthi, “Musani ukoyika; akukho zingozi endleleni yenu.” Iyazi ukuba kukho izilingo neengozi, ithi ke isixelele ngokumhlophe. Ayikhe ithethe ngokubakhupha abantu bayo kwilizwe lesoono nenkohlakalo, kodwa ibalathisa kundawo yokuphephela engazange yoyiswe. Yathi ukubathandazela kwayo abafundi bayo, “Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.” Yohane 17: 15. “Ehlabathini niya kuba neembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” Yohane 16: 33.AOK 93.3

    Kwintshumayelo yakhe yasentabeni, uKristu wabafundisa abafundi bakhe izifundo ezixabisekileyo ezingemfuneko yokuthembela kuThixo. Ezizifundo zazijonge ukuba zibe lulomelezo elusatsheni lukaThixo kuwo onke amaphakade, ngoku zifikelele nakwelethu ixesha zizele ziimfundiso nentuthuzelo. UmSindisi wabalathisa abafundi bakhe kwiintaka zezulu xa zintyiloza iingoma zazo ngokonwaba, zingaxhalele nto, kuba, “azihlwayeli, azivuni nokuvuna.” Kanti ke uYihlo wasezulwini uyazondla. Ubuza athi ke umSindisi, “Nina anizidlule kakhulu na?” (Mateyu 6: 26.) Umondli omkhulu wabantu neezilo usuka avule isandla sakhe zize zihluthe zonke izidalwa zakhe. Neentaka ezi zezulu azincinane kuye. Akazigaleli kutya emilonyeni yazo, kodwa uya zilungiselela. Zizo ezimelwe kukuzichola ezonkozo azisasazileyo. Zizo ezimelwe kukuziqokelela iinto okwaakha iindlwana azo. Zizo ezimelwe kukudlisa amathole azo. Zisuka ziye emsebenzini wazo zivuma iingoma, kuba, “uYihlo osemazulwini uya zondla.” Ke “nina anizidlule kakhulu na?” Nina ninengqondo nje, ningabanquli ngokwasemoyeni, anizidlule kakhulu na? Ayisayi kuthi na imBhangi nomLondolozi wobomi bethu, yena Lowo wasidalayo ngokomfanekiso wakhe ongcwele, asondle ukuba siyamthemba?AOK 93.4

    U-Kristu wabalathisa kwiintyatyambho zasendle abafundi bakhe, ebabonisa ukuqhama nobuhle bazo ezibunikwe nguThixo ukuze zibe ngumboniso wothando lukaThixo emntwini. Wathi kubo, “Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo.” Ubuhle nokucokiseka kwezintyatyambho zasendle kugqithe lee kubunewunewu bukaSolomon. Ezona zivatho zimbhejembheje zinako ukwenziwa bubugcisa bomntu, azinako ukuthelekiswa nobuhle bazo ezintyatyambo zidalwe nguThixo. U-Yesu uya buza, athi, ”;T, uba ke incha leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenze njalo uThixo ukuyambhathisa, akayi kunambhathisa kakhulu ngakumbi na, bantu ndini balukholo luncinane.” Mateyu 6: 28, 30. Ukuba uThixo umzobi oyiNgcwele, uzinika iintyatyambho, ezitshabalala ngemini enye, lomabala azo maninzi a-ethe-ethe; nithi wobeka phina ukubakhathalela aabo badalwe ngokwemfano yakhe! Esisifundo sikaKristu singumthethisi koxhalileyo, singumohlwayi kwintliziyo exakekileyo, ethandabuzayo, nephelelwe lukholo.AOK 94.1

    I-Nkosi ithanda ukuba lonke usapho lwayo lonwabe, luxole, luthobele. U-Yesu uthi, “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki nje ngokunika kwehlabathi. Ma ingakhathazeki intliziyo yenu, ma ingabi nabugwala.” Yohane 14: 27. “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.” Yohane 15: 11.AOK 94.2

    Ukonwaba okufunwa kumavo okuzithanda, kungaphandle kwendlela yemfanelo, kuyagetyeza, kokwexeshana, kuyafuduka; kusuka kudlule, kuwushiye umphefumlo uwodwa ulusizi; kodwa ke kukho uvuyo nokwanelizwa kuyo inkonzo kaThixo; umKristu akayekelwe ukuba ahambhe ekungazini; akayekelwe ekusoleni nasekudanisweni. Ukuba asinako ukonwaba kobubomi, sisenokuba nalo uvuyo sakukhangela kubomi belizwe elizayo.AOK 94.3

    Kodwa nakubo obubomi, amaKristu anako ukulufumana uvuyo ebudlelaneni naye uKristu; anako ukukufumana ukukha- nya kothando lwakhe, nentuthuzelo engaphele-ndawo yabo ubukho bakhe. Onke amabanga esiwathabathayo kobubomi aya esisondeza ngakumbhi kuye uYesu, asinika amava anzulu ngakumbhi ngothando lwakhe, aya esisondeza ngakumbhi kwelokhaya loxolo. Ngoko ke masingakhe siyilahle ingqiniseko yethu, koko masibe neyona ngqiniseko yomeleleyo ngaphezulu kweyangaphambili. “Kude kwaba lapha uYehova esinceda” (1 Samuweli 7: 12), waye eya kusinceda kude kube sekupheleni. Masikhangele kuzo iintsika zesikhumbhuzo, ezisikhumbhuza ngoko isenzele kona iNkosi ukusithuthuzela nokusisindisa esandleni sombulali wethu. Masisoloko sizigcine zintsha ezingqondweni zethu iimfefe esizenzelwe nguThixo — iinyembezi awazisulayo, iintlungu awazidambisayo, namaxhala awawaphelisayo, nezoyikiso awazishenxisayo, neentswelo awaziphelisayo, neentsikelelo awasiphayo, ukuze ngalendlela somelezelwe oko kuya kusifikela kulo uhambo lwethu olusaseleyo.AOK 94.4

    Asinako ukuba singazikhangeli iingxakeko ezintsha ezisilindileyo kumadabi obubomi, kanti ke noko sinako ukukhangela koko kudluleyo kwangokunjalo kokuzayo, sithi, ‘Kude kwaba lapha uYehova esinceda.” “Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.” Duteronomi 33: 25. Isilingo asiyi kuba ngaphezu koko sinako ukukuthwala. Ngoko ke masiwuthabathe umsebenzi wethu kulondawo siwufumana ukuyo, sikholwe ukuba nokuba kuhla ntonina sowaphiwa amandla alingeneyo okuba sisithwale isilingo eso.AOK 95.1

    Kuya kuthi kamva amasango ezulu avulwe ukuba alwamkele usapho lukaThixo, ukuze avakale amazwi amnandi ezindlebeni zabo ephuma emlonyeni woKumkani wozuko, esithi, “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwa sekusekweni kwehlabathi.” Mateyu 25: 34.AOK 95.2

    Boqala ke abakhululwa bamkelelwe kwelokhaya abalungiseIelwa Iona nguYesu. Apho abalingane babo abasayikuba zezizikhohlakali zomhlaba, namaxoki, nabakhonzi-zithixo, nabancholileyo, nabangakholwayo; kooko khona baya kuqhelana naabo bamoyisileyo uSatana, abathe ngoncedo lukaThixo baba nezimilo ezifezekileyo. Zonke intlontlo zokoona, konke ukungafezeki kwesimilo okubahlungisayo apha kuya kuba kususiwe ngegazi likaKristu, buze ubuhle nokuqaqambha kozuko lwakhe, okugqithe nokukhanya kwelanga, bunikwe bona. Buze buthi ubuhle bakhe, nokufezeka kwesimilo sakhe, bukhazimle kubo, budlulise ngexabiso kwinkazimlo yangaphandle. Bema bengenasiphako phambhi kwalotrone inkulu imhlophe, benesabelo kobobukhulu nakumalungelo azo izithunywa zezulu.AOK 95.3

    Xa, kengoko aya kufumana ilifa elinjalo umntu, “worola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?” Mateyu 16: 26. Angaba ulihlwempu, kanti noko unobutyebi kuye newonga angenakuze alinikwe lihlabathi. Umphefumlo okhululweyo, ohlanjululweyo esoonweni, owanikeleyo onke amandla awo enkonzweni kaThixo, unexabiso elikhulu. Kubakho uvuyo ezulwini nasebusweni bukaThixo nezithunywa ezingcwele ngenxa yomphefumlo omnye okhululweyo, uvuyo oluvakaliswa ngeengoma zemigcobo zoloyiso olungcwele.AOK 96.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents