Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    3. INGUQUKO

    ANGATHININA umntu ukuba lilungisa phambi koThixo? Angathinina umooni ukuba lilungisa? Ku ngoKristu yedwa esinokwenziwa ukuba sivane noThixo size sibe ngcwele. Kodwa sothinina ukuze size kuKristu? Baninzi nanamhla ababuza kwalaambuzo njengendimbane ngomhla wePentekoste, yona yathi yakugwebeka siso isoono yadanduluka isithi, “Sithinina?” Ilizwi lokuqala likaPetros lathi, “Guqukani.” Ngelinye ixesha, kamsinya emveni koko, ubuye wathi, “Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izoono zenu.” (Izenzo 3: 19.)AOK 17.1

    Inguquko le kukuba nosizi ngenxa yesoono, nokubuya kuso. Asingesilahli isoono singadange sibubone ubusoono baso; akungeze kubekho nguquko iyinene singadange sisishiye isoono ngentliziyo.AOK 17.2

    Baninzi abangayiqondiyo inguquko eyinene. Isininzi sililiswa kuba soonile, side sizithomalalise ngokubonakala kakuhle ngaphandle, kuba sisoyika ukuba ukoona kwaso kuya kusihlisela ubunzima obukhulu. Le ke asiyiyo inguquko esiyixelelwa ziziBhalo. Aabo banjalo balilela ubunzima, abaliliswa sisoono. Lwalunialo usizi lukaEsau, akubona ukuba ulahlekiwe bubuzubulo bakhe ngonaphakade. Wathi uBileham ngokoyika isithunywa esafika samthintela endleleni sinekrele, wasel’esuka elivuma ityala lakhe ngokoyika ukufa. Kwakungekho nguquko yenene kuye ngenxa yesoono, kwakungekho kweyiseka kwentliziyo nokuthiya ububi benkohlakalo ekuye. Wathi uJudas Sikariyoti, emva kokuyinikela iNkosi yakhe, wazohlwaya ngelithi, “Ndonile, kuba ndinikele igazi elingenatyala.” (Mateyu 27: 4.)AOK 17.3

    Ukulivuma ityala elo lakhe wenziwa kukoyika ukugwetywa, nangokungcangcazeliswa ngumgwebo owoyikekayo awayewulindele. Uthe kukoyikiswa zizinto ezingathi zimhlele emva kwesisenzo, wasel’esivuma isoono sakhe. Kodwa kwakungekho buhlungu bunzulu baphula intliziyo emphefumlweni wakhe, bokuba emnikele uNyana kaThixo engenalo nechaphaza lesoono, waza wamkhanyela oyiNgcwele kaSirayeli. Wathi uFaro akuva ubunzima bezohlwayo zikaThixo, wasivuma isoono sakhe ngokunga akangebuye ohlwaywe. Uthe zakususwa izibetho ezo wabuyela kwasebulukhunini bakhe bangaphambili. Bonke ke aaba, baliliswa kukoyika izohlwayo eziya kulandela isoono sabo, babengaliliswa lusizi, nabububi besoono sabo ngokwas.AOK 17.4

    Ithi ke yona intliziyo, yakoyiseka zimpembelelo zoMoya kaThixo, sisuke isazela sivuseleleke siphile, asuke nomooni aqale ukubuqiqa ubunzulu, nokucoceka komthetho kaThixo ongcwele, nokusiqonda isiseko solaulo lwakhe olusezulwini nasemhlabeni. Luthi “ukhanyiso olubakhanyiselayo abantu bonke abeza ehlabathini” (Johane 1:9) lusuke lukhanyisele amagumbi onke omphefumlo, zithi izinto zobumnyama ezifihlakeleyo zityhileke ngokusekuhleni. Isuke igwebeke ingqondo nentliziyo. Asuke umooni onganyelwe bubulungisa bukaYehova, oyikiswe kukuya kubonakala phambi komPhengululi weentliziyo, enje ukunchola, nokuba netyala kwakhe. Usuke alubone uthando lukaThixo, abubone ubuhle bobungcwele bakhe, nobumnandi bokuhlambuluka; asel’esuka enga angahlanjululwa, abuyiselwe ebudlelaneni balo izulu.AOK 19.1

    Lomthandazo wawenzayo uDavide emva kokuwa kwakhe esoonweni, ngowona ubonisa into eba yiyo inguquko yenene kuso isoono. Inguquko yakhe yayinzulu inyanisekile. Akazange enze migu yokulifihla ityala lakhe, kwaye nomthandazo awazithandazela ngawo, ungazange uqhutywe kukoyika kwakhe umgwebo owawuza kumhlela. U-Davide wabubona ubukhulu besigqitho sakhe, wasithiya wasicaphukela isoono sakhe. Akathandazelanga ukuba axolelwe kuphela, wathandazela nokuba intliziyo yakhe ihlanjululwe. Walangazelela ukunga angangcwele, ukunga angabuyiselwa ebudlelaneni boThixo wakhe. Yaba yile intetho yomphefumlo wakhe:AOK 19.2

    “Hayi uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osoono siselelweyo! Hayi uyolo lomntu, angabubaleliyo uYehova ubugwenxa kuye, ekungekho kukhohlisa emloyeni wakhe.” Indumiso 32: 1, 2.AOK 19.3

    “Taru, Thixo, ngokwenceba yakho. Ngokobuninzi benceba yakho cima ureqo lwam; ... Ngokuba ndiya lwazi mna ukreqo lwam, nesoono sam siphambi kwa ngamaxesha onke. ... Ndihlambulule isoono ngehisope, ndihlambuluke. Ndixovule ndibemhlophe kunekhepu; ... Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam. Musa ukundilahla ebusweni bakho. U-Moya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum. Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho, undixhase ngomoya wentumekelelo. Ndihlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo; lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.” Indumiso 51: 1-14.AOK 19.4

    Inguquko enje ngayo le, yengaphaya kokuba ingafunyanwa emandleni omntu ngokwakhe; kuphela yona inokufunyanwa kuKristu yedwa, yena wathi enyuke waya phezulu waba nokupha izipho ebantwini.AOK 19.5

    Baninzi abaphosisa apha kanye, abathi ngenxa yoko bangabi nako ukuluzuza oluyancedo uKristu anga angabanika. Basuke bona babe abanakuza kuKristu, bengakange baguquke kuqala, babe besiba inguquko le, ibalungiselela indlela yokuba zixolelwe izoono zabo. Kuyinene ukuba inguquko yandulela uxolelo lwezoono, kuba iyintliziyo eyaphukileyo netyumkileyo yodwa efuna umSindisi. Ke ufanele ukuhlala na ade aguquke umooni, phambi kokuba eze kuKristu? Inguquko le ifanele ukwenziwa isithintelo na, phakathi komooni nomSindisi?AOK 20.1

    I-Baibile ayifundisi ukuba makakhe aguquke umooni phambi kokuba aluphulaphule umemo lukaKristu oluthi, “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.” Mateyu 11: 28. “Ngamandla aphuma kuKristu yedwa anako ukukhokelela kwinguquko eyinene. U-Petros wayicacisa lendawo kwintetho yakhe kumaSirayeli, okuya wathi, “Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wangumThetheleli nomSindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezoono.” Izenzo 5: 31. Asinako ukuguquka ngaphandle kokuba uMoya kaKristu uvuselele isazela sethu; asinako ukuxolelwa ngaphandle kukaKristu.AOK 20.2

    U-Kristu ungumthombo wazo zonke iimpembelelo ezilungileyo. Nguye yedwa onako ukutyala intiyo-soono entliziyweni yomntu. Imiqondiso ebonisa ukuba uMoya wakhe uyasebenza ezintliziyweni zethu, kukuthanda inyaniso nentlambululeko, nokweyiseka sisoono sethu.AOK 20.3

    U-Yesu wathi, “Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.” Johane 12: 32. U-Kristu ufanele ukutyhilwa kumooni njengomSindisi owafela izoono zehlabathi; sothi sakuyibona imVana kaThixo isemnqamlezweni eKalvari, iqale ukutyhileka ezingqondweni zethu imfihlelo yokusithenga kwakhe. buthi ubulungisa bukaThixo busikhokelele enguqukweni. Ekubafeleni kwakhe abooni uKristu wabonisa uthando olungaphezu kwembhaliso; uthi nanamhla umooni akuluqonda oluthando, isuke intliziyo yakhe inyibilike, ingqondo yakhe izaliswe lulo, uze usuke umphefumlo wakhe uzaliswe lusizi olukhulu olunzulu.AOK 20.4

    Kuyinene ukuba abantu ngamanye amaxesha bakhe babe nentloni ziindlela zabo ezikhohlakeleyo, bade bayilahle inxalenye yemikwa yabo emibi, phambi kokuba beve ukuba batsalelwa kuKristu. Xa sukuba besenza imigudu yobuyo ngokunga bangenza okulungileyo, sukuba betsalwa ngamandla kaKristu. Kusebenza impembelelo abangayaziyo emphefumlweni wabo. sisuke isazela sabo siphiliswe, buthi nobomi babo bangaphandle bulunge. Uthi uKristu akuwatsalela emnqamlezweni amehlo abo, bakumkhangela lowo bamhlabaniselayo ngezoono zabo, usuke umthetho wakhe use usizalisa isazela sabo. Ukukhohlakala kobom babo, ukwendela kwesoono emphefumlweni wabo; zisuke ezonto zityhileke kubo. Basuke baqale ukubuqonda ubulungisa bukaKristu, bavakale besithi, “Siyintonina isoono ukuba side sifune idini elingaka lokukhulula umooni? Be kungade khona kufuneke uthando olungaka, nobunzima obungaka, nokuthobeka okunje na ukuze singatshabalali, kodwa sibe nobomi obungunaphakade?”AOK 20.5

    Angade umooni aluchase oluthando, angade angavumi ukuba atsalelwe kuKristu, kodwa ukuba uthe akachasa, uyakuziva etsaleleke kuKristu. Ukulazi kwakhe icebo losindiso kuya kumkhokelela elunyaweni lwomnqamlezo, aze aguquke kwezo zoono zakhe zambangela ubunzima neentlungu uNyana othandekileyo kaThixo.AOK 21.1

    Kwa wona loomandla kaThixo asebenza kwizinto zendalo, ikwa ngawo athetha neentliziyo zabantu, aze avuselele ulangazelelo lwabo. U-Moya kaThixo uzamana nabo, ukuba bafune ezonto zodwa zinako ukunika uxolo nokonwaba — ubabalo lukaKristu novuyo lokubangcwele. Ngeempembelelo ezibonwayo nezingabonwayo, umSindisi wethu uzama futhi ukuzitsala iingqondo zabantu kwezo ziyolo zesoono zingahluthisiyo; abe ezitsalela kwiintsikelelo ezingathethekiyo abanokuzifumana kuye. Kuyo yonke loomiphefumlo ifumane ifune ukusela kulomaqula aqhekekileyo elihlabathi, uthi, “Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” isiTyhilelo 22: 17.AOK 21.2

    Nina balangazelela ngeentliziyo zenu izinto ezilunge ngaphezu kwezi zelilizwe, qondani ukuba olo lulangazelelo lulilizwi likaThixo ethetha nemiphefumlo yenu. Mceleni ukuba aniphe inguquko, amtyhile uKristu kuni ehlambulukile ezele luthando olungunaphakade. Ebomini bomSindisi wethu, ezona nyaniso zinkulu zomthetho kaThixo zatyhileka ngokuphandle, zona ezi — uthando kuThixo nakumntu. Isisa nothando olungenantshiyela, zazi ngumoongo kanye wobomi bakhe. Kuxa sithe sakhanyiselwa ngumSindisi, esithi sibenako ukukubona ukukhohlakala kweentliziyo zethu.AOK 21.3

    Singade sibe siziqokoqa njengoNikodimo, ngelithi, thina sithe gca ukuhamba, nesimilo sethu silungile; side sicinge ukuba asinamfanelo yokuba singade sizigobe phambi koThixo njengabanye abooni; kanti ke, xa kona ukukhanya kukaKristu kuthe kwa- khanya emiphefumlweni yethu, siya kuqala sizibone ukunchola kwethu; siqale siziqonde ukungabinto kwethu, nobutshaba bethu ngakuye uThixo, siqonde ukuba buncholise yonke into yobomi bethu. Siya kuqala ukwazi kananjalo ukuba ubulungisana bethu bungamajacu, sazi ukuba igazi likaKristu lilo lodwa elinako ukusihlambulula kuso isoono, lize lizihlaziye iintliziyo zethu zifane naye.AOK 21.4

    Umtha omnye wobungcwalisa bukaThixo, ukukhanya okunye kokuhlambuluka kukaKristu, kuthi xa kuthe kwatyhutyha umphefumlo kuwenze onke amabala okunchola ukuba adandalaze, buthi ubugosogoso nobuqhonqa besimilo somntu busuke bube phandle. Kusuke ukungakholwa kwakhe, neminqweno yakhe engengcwele, kunye namazwi omlomo wakhe akhohlakeleyo, kubhenceke. Izenzo ezingakholekileyo zomooni zokuphuthisa umthetho kaThixo, zisuke zibe semhlotsheni, uthi nomoya wakhe ubandezeleke phantsi kwempembelelo egquthagquthayo yoMoya kaThixo. Usuke azicaphukele akubona isimilo sikaKristu esinyulu, nesingenabala.AOK 22.1

    Wathi uDanyeli akubona uzuko olwalungqonge isithunywa sezulu esasithunywe kuye, wasuke wonganyelwa bubulwelwe nakukungafezeki kwakhe. Xa atyhila lombono ungummangaliso, uthi, “Ndaphelelwa ngamandla, nebala lobuso bam lasuka lajika, Ioonakala kum, ndaphelelwa ngamandla.” Danyeli 10: 8. Umphefumlo ochukumiseke njalo usuke ukuthiye ukuzithanda, ukuze uthi, ngobulungisa bukaKristu, ufune ukuhlambululeka kwentliziyo okulungelene nomthetho kaThixo, nesimilo sikaKristu.AOK 22.2

    U-Paulos uthi, “Ngokobulungisa obo basemthethweni”— ngokwezenzo zangaphandle — waye “ngongenakusoleka” (Filipu 3: 6); kodwa wathi akusiqonda isimilo esibumoya somthetho, wazifumana engumooni. Uthe akuzilinga ngesikali sokugcina umthetho ngembonakalo yangaphandle, wazifumana engenasoono; kodwa uthe akuqwalasela ebunzulwini beemfundiso zawo ezingcwele, akuzibona njengoko uThixo ambona ngako, wasuka wawa walivuma ityala lakhe. Uthi, “Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho. sabuya saphila isoono, ndafa ke mna.” (Roma 7: 9.) Oko kukuthi uthe akububona ubume obubumoya basemthethweni, sasuka iseono sabonakala ngobubi baso obuyinene, kwathi nokuzingca kwakhe kwapkela.AOK 22.3

    U-Thixo akazikhangelele ukuba zonke izoono ezi ziyalingana ngobukhulu; kukho ukugqithana kwamatyala ekucingeni kwakhe, njengoko kunjalo nasekucingeni kwabantu; kodwa nokuba esi nesiya isenzo esikhohlakeleyo sincinane kangakananina emehlweni abantu akukho soono sincinane emehlweni kaThixo. Ukugweba komntu kucalanye, akufezekile; kanti yena uThixo into zonke uzimisa njengoko zinjalo. Inxila yinto edelwe kakhulu, nemana ukuxelelwa ukuba isoono salo siyakulivalela kulo izulu; kanti bona oomakratshi, nookuzithanda, noominqweno, abakhangelelwe nto yakonto. Zonke ezizoono zichaseke kakhulu kuThixo, kuba zichasene neso similo sakhe sokuthandana nokulunga, kwanelozulu liluthando luyintabalala. Angade owe kwizoono ezikhulu ezibi adane azive eswele ubulungisa efuna ubabalo lukaKristu; ikratshi lona, kuba lingeva kuswela nto, lisuke liyivale intliziyo kwiintsikelelo aze kuzinika uKristu.AOK 22.4

    Lambuthi werafu wathandaza wathi, “Thixo, yiba netaru kum, mna mooni” (Luka 18: 13), wayeziva ukuba uyindoda ekhohlakeleyo, babe nabanye babemkhangelele njalo. Waziva ukuba unento ayisweleyo, wasel’esiza kucela itaru kuThixo, edanile, enomthwalo wetyala lakhe. Intliziyo yakhe yayivulekile ukuba umoya kaThixo usebenze kuyo, umkhulule emandleni aso isoono. Umthandazo womFarisi wokuzingca nokuziqhayisa, wabonisa ukuba intliziyo yakhe ivaliwe ngakuzo iimpembelelo zoMoya Oyingcwele. Uthe, kuba wayemgama noThixo, akakubona ukunchola kwakhe, xa buthelekiswa nokufezeka kukaThixo ebungcwaliseni. Waziva engaswele nto, waza ngoko akamkela nto.AOK 23.1

    Yithi wakuziqonda ukuba ungumooni, ungalindi ukuthi mawude ulunge. Baninzi kangakananina abazilibazise ngokumana besithi asikalungi ngokokude size kuKristu. Uthi gxebe wode ulunge ngemigudu yakho na? “UmKushi unokulunguqula na ulusu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningaba ke ninako ukulungisa nani, baqhele ukwenza okubi.” Jeremiya 13: 23. Uncedo lwethu Iona lukuThixo yedwa. Masingalindi ukoyiswa ziinto ezinamandla, silinde amathuba amahle, nokuba side sibe nezimilo ezingcwele. Asinakuzenzela nto thina ngokwethu. Masize kuKristu njengoko sinjalo.AOK 23.2

    Makungabikho namnye uzikhohlisayo ngokuthi, wothi uThixo, ngenxa yothando nenceba yakhe enkulu, abuye abaxolele nabona balahli bobabalo lwakhe. Ukukhohlakala kwesoono kungaqondwa kuphela xa ethe umntu weza emnqamlezweni. Abantu abangaba bathi ukuthetha, uThixo ulunge kakhulu akangede amlahle umooni, bafanele ukukhe bakhangele eKalvari. Kwakungokuba kwakungekho ndlela yimbi anokusindiswa ngayo umntu. kwakungokuba ngaphandle kwelidini lwalungenako ukusindiswa uluntu, lwalungenako ukuwasaba amandla ancholisayo aso isoo- no, luze lubuyiselwe ebudlelaneni bazo iziqu ezingcwele; kwakungokuba lwalungenako kanjalo uluntu, ukuba lubuye lube ngamadlelana abo ubomi obungcwele — awathi uKristu wathabathela phezu kwakhe ityala labangevayo, waza weva ubunzima endaweni yomooni. Uthando, ukuva iintlungu, nokufa koNyana kaThixo, zezonanto zinqhina ukoyikeka nobukhulu besoono; zityhila ukuba akukho kusinda emandleni aso, akukho themba labomi baphezulu, ngaphandle kokuzigoba komphefumlo kuKristu.AOK 23.3

    Abahedeni bakholisa ukuzithethelela ngokumana begxeka amaKristu, besithi, “Akasidluli nganto, afana nathi, akasigqithi ngokuzikhanyeza nangokugcina izimilo zawo. Afana nathi ukuthanda iziyolo nokuzilahlela kwimikwa emibi.” Ngalendlela balahla ezabo iimfanelo bazithethelele ngeziphoso zabanye. Kanti ke izoono ezo zabanye, azibathetheleli nangentwana encinane, kuba uThixo akatshongo ukuthi masibonele kwabanye abantu, sibenze umzekelo wethu. Sinikwe uNyana omsulwa kaThixo ukuba abe ngumzekelo wethu; ke, aabo bagxeka ihambo embi yamaKristu, bebefanele ukukhe bawabekele umfuziselo omhle wehambo nempilo yomKristu. Ukuba banje kanye ukuyiqonda into afanele ukuba yiyo umKristu, akukhona singaphezulu na ke esabo isoono? Bayakwazi okulungileyo, kanti noko abavumi ukukwenza.AOK 24.1

    Kulumkele ukunditha. Musa ukumana ukuwubekela ingomso umsebenzi wokuzilahla izoono zakho, nowokuluna ngoYesu ukuhlambululeka kwentliziyo yakho. Ngamawakawaka asel’ede ayakutshona ekulahlekelweni kwanaphakade ngokumana esenza lento. Andiyikuthetha khona ngobufutshane nokungaqiniseki kwalento ibubomi; kodwa kukho ingozi eyoyikekayo — ingozi engaqondwa kakuhle, le yokuba amana ukuzilazila umntu, endaweni yokoyiseka zizibongozo zoMoya Oyingcwele kaThixo, aphume kube kanye kuso isoono. Isoono singafanelana sisincinane kangakananina, ngokusenza kodwa ungalahleka unaphakade. Oko singenako ukukweyisa, kuya kweyisa thina kusitshabalalise.AOK 24.2

    U-Adam noEva bazikhohlisa ngokuthi, ayingede ithi intwana encinane kangaka, enje ngokudla kulamthi bekuthiwe ize bangawudli, ide ibahlisele izibetho ezikoyikeka njengezo zaxelwa nguThixo. Babelibele ukuba lentwana ingaka ukuba ncinane kwayo, ikukugqitha umthetho ongenakuguqulwa nongcwele kaThixo, yaza ke, yabahlula kuye uThixo, yavula amasango okufa nobubi obungathethekiyo kulo lonke ilizwe lethu. Unanamhla sisaphethe iinyembezi, indalo yonke iyagula inenimba, ngenxa yokungeva komntu. Nezulu ngokwalo libuvile ububi bokuvukelwa kukaThixo nguye umntu. I-Kalvari imi, isisikhumbuzo sedini elingummangaliso elenzelwa ukuthenga umntu olahleke ngokwaphula umthetho kaThixo. Isoono, ke ngoko, masingasenzi into engeyakonto.AOK 24.3

    Konke ukugqitha umthetho, konke ukungakhathali lubabalo lukaKristu, kuya kubuye kubuyele kuwe; kuba kuyenza lukhuni intliziyo yakho, konakalise imvume, kushwabanise ingqondo, kumenze umntu asel’eba yingqola engakhathaliyo nazizicengo zoMoya kuThixo.AOK 25.1

    Baninzi abathuthuzela uvalo lwabo ngokumana besithi bona bosuke bayiyeke inkohlakalo bakuthanda; bothi noko bafeketha ngomemo lwenceba ngoku, lobuye lubachukumise. Bacinga ukuba emva kokuwudela kwabo uMoya wobabalo lukaThixo, emva kokuncedisa kwabo uSatana, bothi ngemini yobubi nengozi babuye baguquke. Ayilula lonto ukwenzeka kunje. Amava, nemfundo, yexesha lokuphila, ezonto zisuke zathi ukusimisa isimilo sabantu, zenza ukuba babembalwa kakhulu, abathi ngamaxesha anjalo banqwenele ukwamkela umfuziselo kaYesu.AOK 25.2

    Ufanelana umnye umkwa okhohlakeleyo esimilweni somntu, umnye umnqweno okhohlakeleyo, ethe ezonto wajokisa ukuhlala kuzo, zosuke emva kwexesha ziwaphithizelise onke amandla eGospile. Wonke umkwa okhohlakeleyo uya usomeleza umphefumlo ekuchaseni uThixo. Umntu othi abonakale eyingqola, engakhathali nokukhathala yinyaniso kaThixo, sukuba evuna oko akuhlwayeleyo. Kuyo yonke iBaibile, akukho siyalo njengeso sisingiswa sisilumko kwaabo bafeketha ngenkohlakalo. Sithi, xa sithetha ngomooni, “Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo, abanjiswe zimbophelelo zesoono sakhe.” (Imizek. 5: 22.)AOK 25.3

    U-Kristu uhleli evuma ukusikhulula esoonweni, kodwa akasinyanzeli. Ukuba ngokugqitha kwethu umthetho okufuthi, ide imvume yethu yatyekela esoonweni, sada asakunqwenela ukukhululwa kuso; ukuba asivumi ukulwamkela ubabalo lwakhe; sithi makade athinina? Sizitshabalalisile ngokwethu ngokuphikela ukulugiba uthando lwakhe. “Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani ungoku umhla wosindiso.” (2 Korinte 6: 2.) “Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.” (Hebere 3:7, 8.)AOK 25.4

    “Ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo,” (1 Samweli 16:7)—kulontliziyo ibhadubhadulayo, ilahlekileyo, iphithizeliswa luvuyo nosizi, izele bububi nayinkohliso. Uyazazi iingcinga zayo, izicamango nezigqibo zayo. Yiya kuye nalomphefumlo wakho unchole unjalo. Wavule amagumbi awo kulowo uliso libona konke, udanduluke njengomdumisi, uthi, “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam; ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, undikhaphele kwindlela engunaphakade.” (Indumiso 139:23, 24.)AOK 25.5

    Baninzi abacinga ukuba inguquko kukufunda, abanobume bobuThixo nje kodwa, zibe zingahlanjululwe iintliziyo zabo. Umthandazo wakho mawuthi, “Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.” (Indumiso 51: 10.) Nyaniseka ngenxa yomphefumlo wakho. Yithi ukunyaniseka nokuzondelela kwakho, unge kumhla ubomi bakho busengozini. Lo ngumcimbi ophakathi kwakho noThixo, ofanele ukuba uwufeze ngonaphakade. Ukuthi unethemba nje, kube kuphela oko, kukuzibulala.AOK 26.1

    Lifunde iLizwi likaThixo uthandaza. EloLizwi likufundisa umthetho kaThixo nobomi bukaKristu, likufundisa iindawo ezinkulu zobungcwalisa, “ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo.” Liyasohlwaya ngenxa yesoono, liyityhile ngokucacileyo indlela yosindiso. Liphulaphule njengelizwi likaThixo ethetha nomphefumlo wakho.AOK 26.2

    Ungaze uncame ngalo lonke ixesha osathi ububone ubukhulu besoono, uziqonde nawe ukuba ungumooni. U-Kristu weza kusindisa abooni. Asisithi abaya kuxolelanisa uThixo kuthi ngokwethu, koko — Hayi uthando lungenambali!—uThixo waye ekuKristu, “elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi.” (2 Korinte 5: 19.) Uyacenga-cenga, ngothando lwakhe, iintliziyo zabantwana bakhe abalahlekayo. Akukho mzali unganyamezela iziphoso zosapho lwakhe, njengoko anjalo uThixo ukunyamezela nokuthwala iziphoso zaabo weza kubasindisa. Akakho ongade amcenge umaphuli-mthetho njengoko amcenga ngako yena. Akukho mntu wakha wambongoza umooni ngaphezu koko ambongoza ngako. Onke amadinga asezwini lakhe, zonke iziyalo ezikulo, zikukuphefumla kothando lwakhe olungathethekiyo.AOK 26.3

    Wakuthi uSatana akukuxelela ukuba ungumooni omkhulu usuke ukhangele kumKhululi wakho, uthethe ngezenzelelelo zakhe. Uya kuncedwa kukukhangela ekukhanyeni kwakhe. Sivume isoono sakho, kodwa uluxelele utshaba olo ukuba “uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise abooni,” (1 Tim. 1: 15), nokuze wena ube nako ukusindiswa ngenxa yolothando lwakhe lungaphele ndawo. UYesu wakha ngenye imini wabuza umbuzo kuSimon ngabantu ababini ababe netyala. Omnye waye netyala elincinane kwinkosi yakhe, ke omnye yena waye netyala elikhulu kakhulu; kodwa yesuka yabaxolela bobabini, waza uKristu wambuza uSimon ukuba nguwuphina kubo oya kuyithanda ngaphezulu inkosi yakhe. Waphendula uSimon wathi, “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.” (Luka 7: 43.) Thina ke besingabooni abakhulu; kodwa uKristu wafa ukuze sixolelwe, sibuyiselwe ebudlelaneni balo izulu. Bubulungisa bakhe bodwa obunako ukusipha amandla okuba sibe lusapho lukaThixo. Aabo abaxolele kakhulu, baya kumthanda ngokungaphezulu, baze beme kufuphi netrone yakhe, bamdumise ngenxa yolothando lwakhe olukhulu, nangenxa yedini lakhe elingaphele ndawo. Ububi besoono sibubona sakuluqonda uthando lukaThixo. Sithi sakubuqonda ubude bentsontelo esayiphoselwayo, sakubuqonda ubukhulu belodini salenzelwa nguKristu, isuke intliziyo inyibilike izaliswe nalusizi.AOK 26.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents